-
IZibhalo Zifundwe Ngogxininiso OlufanelekileyoZuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
-
-
ISIFUNDO 21
IZibhalo Zifundwe Ngogxininiso Olufanelekileyo
XA UTHETHA nabanye ngeenjongo zikaThixo, enoba kusecaleni okanye kuseqongeni, ingxubusho yakho ifanele isekelwe kwiLizwi likaThixo. Oku kudla ngokuquka ukufunda iindinyana zeBhayibhile, nto leyo efanele yenziwe kakuhle.
Ugxininiso Olufanelekileyo Lubandakanya Imvakalelo. IZibhalo zimele zifundwe ngemvakalelo. Khawuqwalasele eminye imizekelo. Xa ufunda ngokuvakalayo INdumiso 37:11, ilizwi lakho lifanele lidlulisele ulonwabo oluza kubakho ngenxa yoxolo oluthenjiswa kule ndinyana. Xa ufunda ISityhilelo 21:4 esithetha ngokupheliswa kokubandezeleka nokufa, ilizwi lakho lifanele lidlulisele imfudumalo ekhatshwa luxabiso ngenxa yoncedo olungummangaliso oluxelwa kusengaphambili. ISityhilelo 18:2, 4, 5, esiqulethe isibongozo sokuba kuphunywe ‘kwiBhabhiloni Enkulu’ enkone zizono, sifanele sifundwe ngethoni evakalisa ukungxamiseka. Kakade ke, imvakalelo edluliselwayo ifanele isuke entliziyweni kodwa ingabaxwa. Sisibhalo kunye nendlela esisetyenziswa ngayo ezigqiba ngomlinganiselo ofanelekileyo wemvakalelo omele usetyenziswe.
Gxininisa Amagama Afanelekileyo. Ukuba amagqabaza akho ngendinyana ethile asekelwe kwinxalenye ethile yayo kuphela, ufanele uyibalaselise loo nxalenye xa ufunda eso sibhalo. Ngokomzekelo, xa ufunda uMateyu 6:33, akuyi kucinezela ngokukhethekileyo ibinzana elithi “nobulungisa bakhe” okanye elithi “zonke ezinye izinto” ukuba injongo yakho kukuhlalutya intsingiselo yebinzana elithi “funa kuqala ubukumkani.”
Xa unikela intetho kwiNtlanganiso Yenkonzo, usenokuceba ukufunda uMateyu 28:19. Ngawaphi amagama ofanele uwagxininise? Ukuba ufuna ukukhuthaza inzondelelo ekuqaliseni izifundo zamakhaya zeBhayibhile, cinezela ibinzana elithi “niye kubenza abafundi.” Kwelinye icala, ukuba uceba ukuxubusha imbopheleleko yomKristu yokwabelana ngenyaniso yeBhayibhile nabantu abafudukele kwilizwe lakho okanye ufuna ukukhuthaza abavakalisi abathile ukuba bakhonze apho kukho imfuneko khona, unokucinezela ibinzana elithi “abantu beentlanga zonke.”
Kudla ngokufakwa isibhalo esithile xa kuphendulwa umbuzo okanye kuxhaswa ingcamango abanye abavakalelwa kukuba ayicacanga. Ukuba yonke into ekuloo ndinyana igxininiswa ngendlela efanayo, abaphulaphuli bakho basenokungaboni ukuba ingena phi na. Isenokuba loo ngongoma izicacele kuwe kodwa ke kungabi njalo kubo.
Ngokomzekelo, xa ufunda INdumiso 83:18 kwiBhayibhile enegama likaThixo, ukuba ugxininisa ibinzana elithi “Oyena Uphakamileyo,” umninimzi usenokungasiqondi isibakala esibonakala sizicacele sokuba uThixo unegama. Ufanele ucinezele igama elithi “Yehova.” Noko ke, xa usebenzisa kwaesi sibhalo sinye kwingxubusho engolongamo lukaYehova, ufanele uligxininise ngokukhethekileyo ibinzana elithi “Oyena Uphakamileyo.” Ngokufanayo, xa usebenzisa uYakobi 2:24 ukubonisa imbaluleka yokuba nokholo olukhatshwa yimisebenzi, ukuligxininisa ngokukhethekileyo ibinzana elithi “uvakaliswa elilungisa” kunelithi “ngemisebenzi,” kunokwenza ukuba abanye abakuphulaphuleyo bangayifumani ingongoma.
Omnye umzekelo onokukunceda ufumaneka kweyabaseRoma 15:7-13. Esi sibhalo siyinxalenye yencwadi eyabhalwa ngumpostile uPawulos isiya kwibandla elaliyilwe ngabeeNtlanga namaYuda emvelo. Apha umpostile umi ngelithi ubulungiseleli bukaKristu abuyongenelo kumaYuda alusiweyo kuphela kodwa kwanakubantu beentlanga ukuze “iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe.” Uyandula ke uPawulos acaphule izibhalo ezine ezitsalela ingqalelo kweli thuba livulekele iintlanga. Unokuzifunda njani ezi ngcaphulo ukuze ugxininise ingongoma awayecinga ngayo uPawulos? Xa uphawula amabinzana ofanele uwacinezele, usenokubalaselisa elithi “iintlanga” kwindinyana 9, elithi “zintlanga” kwindinyana 10, elithi “nonke nina zintlanga” kwindinyana 11, nelithi “iintlanga” kwindinyana 12. Zama ukufunda eyabaseRoma 15:7-13 ugxininisa loo mabinzana. Xa usenjenjalo, ingcamango kaPawulos iya kucaca kuze kube lula nangakumbi ukuyiqonda.
Iindlela Zokugxininisa Ezinokusetyenziswa. Amagama aqulethe ingcamango ofuna ukuyibalaselisa asenokugxininiswa ngeendlela eziliqela. Indlela oyisebenzisayo ifanele ivisisane nesibhalo kunye nendlela elungiselelwe ngayo loo ntetho. Kukho amacebiso ambalwa anikelwayo apha.
Ukucinezela ngelizwi. Oku kubandakanya nakuphi na ukuguqulwa kwelizwi okwenza ukuba amagama aqulethe ingcamango abalasele kweso sivakalisi. Kusenokugxininiswa ngokuguqulwa kwemvakalo yelizwi—ngokulinyusa okanye ngokulihlisa. Kwiilwimi ezininzi, ukuguqulwa kwemvakalo yelizwi kuyenza ibetheleleke loo nto ithethwayo. Noko ke, kwezinye iilwimi ukwenjenjalo kusenokuyitshintsha ngokupheleleyo intsingiselo. Xa amabinzana aziintloko ebizwa ngokucothayo, oku kuwenza abetheleleke nangakumbi. Kwiilwimi ezingakuvumeliyo ukucinezela ngelizwi ukuze kugxininiswe amagama athile, kuya kufuneka kusetyenziswe nayiphi na indlela eqhelekileyo ukuze kuphunyezwe loo nto ifunekayo.
Unqumamo. Lunokwenziwa ngaphambi okanye ngemva kokufunda inxalenye eyintloko yesibhalo—okanye kokubini. Ukunqumama ngaphambi nje kokuba ufunde ingcamango eyintloko kwenza abantu babe nolindelo; ukunqumama emva koko kuwenza azike ezintliziyweni zabo loo mazwi. Noko ke, xa unqumama kaninzi, ayikho ingongoma eya kubalasela.
Ukuphindaphinda. Unokuyigxininisa ingongoma ethile ngokuthi ungekagqibi ukulifunda igama okanye ibinzana, uphinde uliqale ekuqaleni. Indlela edla ngokunconyelwa kukuba usifunde usigqibe eso sibhalo uze uphinde amabinzana aziintloko.
Izimbo zomzimba. Ukushukuma komzimba nezimbo zobuso ngokufuthi zinokongezelela imvakalelo kwigama okanye kwibinzana elithile.
Ithoni yelizwi. Kwezinye iilwimi, maxa wambi amagama anokufundwa ngethoni enento yokwenza nentsingiselo yawo newahlulayo. Nalapha kumele kusetyenziswe ubulumko, ngokukodwa xa kusetyenziswa impoxo.
Xa Abanye Befunda Izibhalo. Xa umninimzi efunda isibhalo, unokucinezela amagama angafanelanga awacinezele okanye angacinezeli konke konke. Yintoni onokuyenza xa kunjalo? Ngokuqhelekileyo kuba kuhle ukuyenza icace intsingiselo ngokuchaza indlela ezisebenza ngayo ezo zibhalo. Emva kokuchaza indlela ezisebenza ngayo, usenokunikela ingqalelo ekhethekileyo kumagama aqulethe ingcamango aseBhayibhileni.
-
-
IZibhalo Zisetyenziswe Ngendlela EchanileyoZuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
-
-
ISIFUNDO 22
IZibhalo Zisetyenziswe Ngendlela Echanileyo
XA UFUNDISA abanye, kufuneka okungakumbi kunokufunda nje iindinyana zeBhayibhile. Umpostile uPawulos wabhalela ugxa wakhe uTimoti esithi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.”—2 Tim. 2:15.
Oku kuthetha ukuba indlela esizicacisa ngayo izibhalo imele ingqinelane noko iBhayibhile ikufundisayo. Oku kufuna ukuba sicinge ngomongo, kunokuba sikhethe nje amabinzana anomtsalane kuthi size songezelele iingcamango zethu. Esebenzisa umprofeti uYeremiya, uYehova walumkisa nxamnye nabaprofeti ababezibanga bethetha okuvela emlonyeni kaYehova ngoxa eneneni bethetha “umbono wentliziyo yabo.” (Yer. 23:16) Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu nxamnye nokungcolisa iLizwi likaThixo ngeentanda-bulumko zabantu xa wabhala esithi: “Sisuka sizilahle izinto ezifihlakeleyo ezibangela iintloni, singahambi ngobuqhokolo, singalingxengi nelizwi likaThixo.” Ngaloo mihla abathengisi bewayini ababenganyanisekanga babeyixuba iwayini yabo ukuze ibe ninzi baze bafumane imali eninzi. Thina asilingxengi iLizwi likaThixo ngokulixuba neentanda-bulumko zabantu. UPawulos wathi: “Asingobathengisi belizwi likaThixo njengoko abantu abaninzi benjalo, kodwa sithetha ngokunyaniseka, phambi kwamehlo kaThixo, njengabathunywa bakaThixo, sikunye noKristu.”—2 Kor. 2:17; 4:2.
Maxa wambi usenokucaphula isibhalo ukuze ubalaselise umgaqo othile. IBhayibhile inentaphane yemigaqo enikela ulwalathiso olusengqiqweni ekuhlangabezaneni neemeko ezahlukahlukeneyo. (2 Tim. 3:16, 17) Kodwa ufanele uqiniseke ukuba indlela osisebenzisa ngayo ichanile nokuba akusisebenzisi kakubi eso sibhalo, kubonakale ngathi usenza sithethe into wena ofuna siyithethe. (INdu. 91:11, 12; Mat. 4:5, 6) Indlela osisebenzisa ngayo imele ivisisane nenjongo kaYehova, ingqinelane nalo lonke iLizwi likaThixo.
‘Ukuliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’ kukwaquka ukufumana ingcamango yoko iBhayibhile ikutshoyo. Ayililo “igqudu” lokuqweqwedisa abanye. Abefundisi bonqulo ababechasa uYesu Kristu bacaphula kwiZibhalo, kodwa babengazinanzi nganto ezona zinto zibalulekileyo—ezazibandakanya okusesikweni, inceba kunye nokuthembeka—ezifunwa nguThixo. (Mat. 22:23, 24; 23:23, 24) Xa wayefundisa iLizwi likaThixo, uYesu waxelisa ubuntu bukaYise. Inzondelelo awayenayo uYesu ngenyaniso yayikhatshwa kukubathanda ngokunzulu abantu awayebafundisa. Sifanele sizabalazele ukulandela umzekelo wakhe.—Mat. 11:28.
Sinokuqiniseka njani ukuba isibhalo sisisebenzisa ngendlela efanelekileyo? Ufundo lweBhayibhile oluthe rhoqo luya kunceda. Kwakhona kufuneka silixabise ilungiselelo likaYehova ‘lekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ iqumrhu lamaKristu athanjiswe ngomoya alisebenzisayo ukuze alungiselele indlu yokholo ukutya kokomoya. (Mat. 24:45) Ufundisiso lobuqu nokubakho rhoqo yaye sibe nenxaxheba kwiintlanganiso zebandla kuya kusinceda singenelwe kwimfundiso elungiselelwe ludidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.
Ukuba incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo ikho ngolwimi lwakho kwaye ufunda ukuyisebenzisa kakuhle, kuya kuba lula ukuba ufumane ukhokelo olufunayo ukuze uwasebenzise ngendlela echanileyo amakhulu ezibhalo asetyenziswa ngokufuthi kubulungiseleli bethu. Ukuba uceba ukusebenzisa isibhalo ongaqhelananga naso, ukululama kuya kukushukumisela ekubeni wenze uphando oluyimfuneko ukuze xa uthetha, uliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.—IMize. 11:2.
Yicacise Indlela Osisebenzisa Ngayo. Xa ufundisa abanye, qiniseka ukuba bayibona kakuhle indlela onxibelelene ngayo umbandela owuxubushayo kunye nesibhalo osisebenzisayo. Ukuba eso sibhalo ubusitshayelele ngombuzo, abaphulaphuli bakho bafanele babone indlela eso sibhalo esiwuphendula ngayo loo mbuzo. Ukuba usebenzisa eso sibhalo ukuze uxhase into oyithethileyo, qiniseka ukuba umfundi uyibona kakuhle indlela eso sibhalo esiyingqina ngayo ingongoma.
Ukufunda nje isibhalo—kwanokuba uyagxininisa—kudla ngokunganeli. Khumbula, umntu oqhelekileyo akadli ngakuyazi iBhayibhile kwaye mhlawumbi akayi kuthi ngokufunda nje kube kanye abe sele eyifumana ingongoma. Tsalela ingqalelo kwinxalenye yesibhalo esebenza ngokungqalileyo kuloo nto niyixubushayo.
Ngokufuthi oku kufuna ukuba ukhethe amagama aziintloko, amagama anxibelelene ngokungqalileyo naloo ngongoma ixutyushwayo. Eyona ndlela ilula kukuwaphinda loo magama aqulethe ingcamango. Ukuba uthetha nomntu omnye, usenokubuza imibuzo eya kumnceda afumane amagama aziintloko. Xa zithetha neqela labantu, ezinye izithethi zikhetha ukufikelela usukelo lwazo ngokusebenzisa izithetha-ntonye okanye ngokuyiphinda loo ngcamango. Noko ke, ukuba ukhetha ukusebenzisa le ndlela, ulumkele ukuba abaphulaphuli bakho bangayiboni indlela ingongoma oyixubushayo enxibelelana ngayo namagama akweso sibhalo.
Wakuba uwakhethile amagama aziintloko, ubeke isiseko esihle. Ngoku dlulela kwinyathelo elilandelayo. Ubuye wasitshayelela na phofu eso sibhalo ngokubonisa isizathu sokuba usisebenzise? Ukuba ubukwenzile oko, bonisa ke ngoku indlela amagama oye wawabalaselisa anxibelelana ngayo nolindelo oye waluhlakulela kubaphulaphuli bakho. Luchaze ngokucacileyo olo nxibelelwano. Kwanokuba ubungakhange wenze intshayelelo ecacileyo kweso sibhalo, ufanele udlulele kweli nyathelo.
AbaFarisi babuza uYesu umbuzo ababecinga ukuba uyintsinda-badala, othi: “Kusemthethweni na ukuba indoda iqhawule umtshato nomfazi wayo nangasiphi na isizathu?” UYesu wasekela impendulo yakhe kwiGenesis 2:24. Phawula ukuba wajolisa ingqalelo kwinxalenye enye nje yayo, waza wachaza indlela esebenza ngayo. Akuba echazile ukuba indoda nomfazi baba “nyama-nye,” uYesu waqukumbela ngelithi: “Ngoko ke, oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.”—Mat. 19:3-6.
Ufanele unikele ingcaciso engakanani ukuze ucacise indlela osisebenzisa ngayo isibhalo? Kuxhomekeka ekubeni ngoobani abayila abaphulaphuli bakho nokuba ibaluleke kangakanani loo ngongoma uyixubushayo. Injongo yakho ifanele ibe kukwenza izinto zibe lula yaye ungqale.
Qiqa NgeZibhalo. Xa zithetha ngobulungiseleli bukampostile uPawulos eTesalonika, iZenzo 17:2, 3 zisixelela ukuba ‘waqiqa ngeZibhalo.’ Bonke abakhonzi bakaYehova bafanele bazame ukubuhlakulela obu buchule. Ngokomzekelo, uPawulos wachaza izibakala eziphathelele ubomi nobulungiseleli bukaYesu, wabonisa ukuba ezi zibakala zazixelwe kwangaphambili kwiZibhalo zesiHebhere, wandula ke waqukumbela ngengqiniseko esithi: “Nguye lowo uKristu, lo Yesu ndimvakalisa kuni.”
Xa wayebhalela amaHebhere, uPawulos wacaphula ecaphulile kwiZibhalo zesiHebhere. Ukuze agxininise okanye acacise ingongoma, wayedla ngokukhetha igama libe linye okanye ibinzana aze achaze intsingiselo yalo. (Heb. 12:26, 27) Kwingxelo efumaneka kweyamaHebhere isahluko 3, uPawulos wacaphula INdumiso 95:7-11. Phawula indlela awazityebisa ngayo iinxalenye ezintathu zayo: (1) imbekiselo yentliziyo (Heb. 3:8-12), (2) intsingiselo yebinzana elithi “Namhlanje” (Heb. 3:7, 13-15; 4:6-11), kunye (3) nentsingiselo yamazwi athi: “Abayi kungena ekuphumleni kwam” (Heb. 3:11, 18, 19; 4:1-11). Zabalazela ukuxelisa loo mzekelo njengoko usebenzisa isibhalo ngasinye.
Phawula indlela awaba nempumelelo ngayo uYesu xa wayeqiqa ngeZibhalo kwingxelo efumaneka kuLuka 10:25-37. Ndoda ithile eyayisazi uMthetho yabuza: “Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” Xa wayephendula, uYesu waqala ngokuyicela ukuba iveze ezayo izimvo ngalo mba, emva koko uYesu wagxininisa ukubaluleka kokwenza oko iLizwi likaThixo likutshoyo. Xa kwaye kwabonakala ukuba le ndoda ayiyifumani ingongoma, uYesu waxubusha nzulu igama elinye nje lesibhalo—“ummelwane.” Kunokuba alichaze, wasebenzisa umzekeliso ukuze ancede loo ndoda ifikelele kwisigqibo esifanelekileyo ngokwayo.
Kucacile ukuba xa ephendula imibuzo, uYesu wayengacaphuli nje izibhalo ezazinikela iimpendulo ezingqalileyo nezizicaceleyo. Wayehlalutya oko zikutshoyo aze azisebenzise kuloo mbuzo ubuziweyo.
Xa abaSadusi babephikisa uvuko, uYesu wajolisa ingqalelo kwinxalenye ethile yeEksodus 3:6. Kodwa akazange ayeke emva kokuba ecaphule eso sibhalo. Waqiqa ngaso ukuze abonise kakuhle ukuba uvuko luyinxalenye yenjongo kaThixo.—Marko 12:24-27.
Ukuba nobuchule bokuqiqa ngeZibhalo ngendlela echanileyo nephumelelayo kuya kuba yinkalo ebalulekileyo ekubeni ngumfundisi onobuchule kwakho.
-
-
Ukubaluleka Kombandela Kwenziwe KwacacaZuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
-
-
ISIFUNDO 23
Ukubaluleka Kombandela Kwenziwe Kwacaca
ENOBA uthetha nomntu omnye okanye nabantu abaninzi, asibobulumko ukucinga ukuba abaphulaphuli bakho baya kuba nomdla kumbandela wakho ngenxa nje yokuba wena unomdla kuwo. Isigidimi sakho sibalulekile, kodwa usenokungabagcini benomdla ixesha elide abaphulaphuli bakho ukuba akubabonisi indlela obaluleke ngayo loo mbandela.
Oku kunjalo kwanakubaphulaphuli abakwiHolo yoBukumkani. Basenokuphulaphula xa usebenzisa umzekeliso okanye ubalisa amava abangazange baweve ngaphambili. Kodwa basenokuyeka ukukuphulaphula xa uthetha ngezinto abasele bezazi, ngokukodwa ukuba akwakheli phezu kwezo zinto. Ufanele ubancede babone isizathu kunye nendlela okuyingenelo ngayo kubo oko ukuthethayo.
IBhayibhile isikhuthaza ukuba sicinge ngendlela eyakhayo. (IMize. 3:21) UYehova wasebenzisa uYohane umBhaptizi ukuze alathise abantu “ubulumko bobuqili babo bangamalungisa.” (Luka 1:17) Obu bubulumko obusekelwe ekumoyikeni ngendlela esengqiqweni uYehova. (INdu. 111:10) Abo babuxabisayo obu bulumko bayancedwa ukuba bahlangabezane ngempumelelo nobomi ngoku yaye babambelele kubomi bokwenene, ubomi obungunaphakade obuza kuza.—1 Tim. 4:8; 6:19.
Ukwenza Intetho Isebenziseke. Ukuba ufuna intetho yakho isebenziseke, umele unganeli nje ukucingisisa ngombandela kodwa ucingisise nangabaphulaphuli. Musa ukucinga ngabo njengeqela kuphela. Kaloku elo qela liyilwe ngabantu ngabanye kunye neentsapho. Kusenokuba kukho abantwana, abakwishumi elivisayo, abantu abadala nabanye abasele bekhulile. Kusenokuba kukho abantu abasebatsha kunye nabo baqalisa ukukhonza uYehova ungekaliboni wena ilanga. Abanye basenokuba baqolile ngokomoya; ukanti abanye basenokuba baphenjelelwa ngamandla zizimo zengqondo kunye nemikhwa yehlabathi. Khawuzibuze ke: ‘Lo mbandela ndiza kuwuxubusha unokuba yingenelo njani kubaphulaphuli? Ndinokubanceda njani bayifumane ingongoma?’ Usenokugqiba kwelokuba unikele ingqalelo ngokuyintloko kwiqela elinye okanye kwamabini kula akhankanywe ngasentla. Noko ke, mus’ ukuwaphosa kwelokulibala ngokupheleleyo amanye.
Kuthekani ukuba unikwe isabelo esixubusha imfundiso esisiseko yeBhayibhile? Unokwenza njani ukuze loo ntetho ibe yingenelo kubaphulaphuli abasele bekholelwa kule mfundiso? Zabalazela ukubenza beyiseke nangakumbi. Njani? Ngokuqiqa ngobungqina beZibhalo obuyixhasayo. Unokude ubenze bayiqonde nangakumbi loo mfundiso yeBhayibhile. Oku unokukwenza ngokubonisa indlela loo mfundiso engqinelana ngayo nezinye iinyaniso zeBhayibhile kunye nobuntu bukaYehova. Sebenzisa imizekelo ebonisa indlela ukuqonda le mfundiso okuye kwayingenelo ngayo kubantu nokuye kwayiphembelela ngayo imbono yabo ngekamva.
Musa ukuchaza indlela osebenza ngayo umbandela wakho ngamazwi ambalwa nje xa sele uqukumbela intetho yakho. Zisuka nje, ngamnye kubaphulaphuli ufanele avakalelwe kukuba “lo mbandela uyandibandakanya nam.” Wakuba usibekile eso siseko, qhubeka ke ubonisa indlela osebenza ngayo loo mbandela njengoko uphuhlisa ingongoma eyintloko nganye yentetho yakho kuquka nomqukumbelo.
Xa uchaza indlela osebenza ngayo umbandela, qiniseka ukuba ukwenza oko ngendlela engqinelana nemigaqo yeBhayibhile. Kuthetha ukuthini oko? Kuthetha ukuba ukwenze ngothando yaye unovelwano. (1 Pet. 3:8; 1 Yoh. 4:8) Kwanaxa umpostile uPawulos wayesingatha iingxaki ezinzima eTesalonika, waqiniseka ukuba wayebalaselisa iinkalo ezakhayo zenkqubela yokomoya yabazalwana noodade abangamaKristu balapho. Kwakhona wavakalisa intembelo yokuba kumbandela owawuxutyushwa ngoko, babeza kufuna ukwenza okulungileyo. (1 Tes. 4:1-12) Onjani ukuba mhle umzekelo esimele siwulandele!
Ngaba injongo yentetho yakho kukushukumisela abantu ukuba babe nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa iindaba ezilungileyo kwabanye? Hlakulela ihlombe kunye noxabiso ngeli lungelo. Noko ke, xa usenjenjalo, ukhumbule ukuba umlinganiselo abantu ngabanye abakwazi ukuba nesabelo ngawo kulo msebenzi awufani, kwaye iBhayibhile iyayivuma loo nto. (Mat. 13:23) Musa ukuthwalisa abazalwana bakho uxanduva lokuziva benetyala. EyamaHebhere 10:24 isibongoza ukuba “sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.” Ukuba sivuselelana eluthandweni, imisebenzi eqhutywa yintshukumisa elungileyo iya kulandela. Kunokuba ufune ukunyanzela abantu ukuba bathobele, yiqonde into yokuba uYehova ufuna ukuba sikhuthaze “intobelo ngokholo.” (Roma 16:26) Sicinga ngaloo nto, sifuna ukomeleza ukholo—olwethu nolwabazalwana bethu.
Ukunceda Abanye Bafumane Ingongoma. Njengoko unikela ubungqina kwabanye, ungaze usilele ukucacisa indlela ezibaluleke ngayo iindaba ezilungileyo. Ukwenjenjalo kufuna ukuba ucinge ngoko kusezingqondweni zabantu abakwintsimi yakho. Unokuqonda njani? Phulaphula iindaba zikanomathotholo okanye zikamabonwakude. Khangela iphepha elingaphambili lephephandaba. Kwakhona zabalazela ukuncokola nabantu, uze uphulaphule xa bethetha. Unokufumanisa ukuba bamhokamhokana neengxaki ezingxamisekileyo—ukulahlekelwa yimisebenzi, ukuhlawula irenti, ukugula, ukufa kwelungu lentsapho, ukuba sengozini yolwaphulo-mthetho, ukudlelw’ indlala ngumntu osegunyeni, ukuqhawuka komtshato, ukuqeqesha abantwana abaselula, njalo njalo. Ngaba iBhayibhile inako ukubanceda? Ngokuqinisekileyo inako.
Xa uqalisa incoko, kusenokwenzeka ukuba ubucinga ngombandela othile. Noko ke, ukuba loo mntu ubonisa ukuba kukho omnye umbandela ongxamisekileyo anomdla kuwo, ukuba unako, musa ukulibazisa ukuwuxubusha, okanye mchazele ukuba uza kubuya nenkcazelo eza kumnceda. Kakade ke, siyakuphepha ‘ukugxuphuleka koko kungafuni thina,’ kodwa siyakuvuyela ukwabelana nabanye ngesiluleko esisebenzisekayo esinikelwa yiBhayibhile. (2 Tes. 3:11) Ngokuqinisekileyo into eya kubachukumisa nangakumbi abantu sisiluleko seBhayibhile esichaphazela ubomi babo.
Xa abantu bengayiboni indlela isigidimi sethu esibachaphazela ngayo, basenokuyiphelisa msinya incoko. Kwanokuba bayasivumela ukuba siqhubeke sithetha, ukusilela ukubabonisa ukubaluleka kwaloo mbandela kunokuthetha ukuba isigidimi sethu asiyi kubuchaphazela kangako ubomi babo. Ngokwahlukileyo koko, ukuba siyabacacisela ngokubaluleka kwesigidimi, ingxubusho yethu inokudala utshintsho kubomi babantu.
Xa uqhuba izifundo zeBhayibhile, qhubeka ubonisa indlela loo mbandela osebenziseka ngayo. (IMize. 4:7) Nceda abafundi baqonde isiluleko seZibhalo, imigaqo kunye nemizekelo ebabonisa indlela yokuhamba emendweni kaYehova. Gxininisa iingenelo zokwenjenjalo. (Isa. 48:17, 18) Oku kuya kushukumisela abafundi ukuba benze utshintsho oluyimfuneko ebomini babo. Bafundise ukuba bamthande uYehova yaye banqwenele ukumkholisa, baze bavumele intshukumisa yokusebenzisa isiluleko esivela kwiLizwi likaThixo ukuba isuke entliziyweni.
-