IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Intlungu Yokuswelekelwa
    Vukani!—2018 | No. 3
    • Indoda eswelekelweyo ihleli yodwa kwivenkile yokutya

      UKUTHUTHUZELA ABANTU ABASWELEKELWEYO

      Intlungu Yokuswelekelwa

      “USophiaa wagula ixesha elide waza wasweleka emva kweminyaka eyi-39 sitshatile. Abahlobo bam babesoloko bendinceda, yaye ndandihlala ndixakekile. Kwada kwaphela unyaka ndisentlungwini. Ndandingakwazi ukuyilawula indlela endivakalelwa ngayo. Nangona sekudlule iminyaka emithathu eswelekile, ndikhe ndimane ndikhathazeka kakhulu ndingalindelanga.”​—UKostas.

      Ngaba uswelekelwe ngumntu omthandayo? Ukuba kunjalo, usenokuba uyayiqonda intlungu kaKostas. Zimbalwa kakhulu izinto ezinokukwenza ube nestres okanye ube buhlungu kakhulu njengokuswelekelwa ngumyeni okanye inkosikazi, isalamane, okanye umhlobo osondeleyo. Zitsho njalo neengcali eziphanda ngentlungu yokuswelekelwa. Inqaku elikwiThe American Journal of Psychiatry lithi “abantu abaninzi abaswelekelweyo baye bacinge ukuba abasoze baphinde bambone loo mntu, yaye baba buhlungu kakhulu.” Ngenxa yentlungu akuyo, umntu oswelekelweyo usenokuzibuza athi: ‘Ndiza kuba buhlungu de kube nini? Ngaba ndingaze ndiphinde ndonwabe? Ndingancedwa yintoni?’

      Le mibuzo iyaphendulwa kulo Vukani! Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngezinto onokuzilindela ukuba usanda kuswelekelwa. Amanye amanqaku alandelayo aza kuthetha ngezinto ezinokukunceda ungabi buhlungu kakhulu.

      Siyathemba ukuba la manqaku aza kuthuthuzela aze ancede wonke umntu osentlungwini yokuswelekelwa.

      a Amanye amagama akula manqaku atshintshiwe.

  • Izinto Onokuzilindela
    Vukani!—2018 | No. 3
    • Abantu Abatshatileyo Abaswelekelweyo

      UKUTHUTHUZELA ABANTU ABASWELEKELWEYO

      Izinto Onokuzilindela

      Nangona ezinye iingcali zisithi kukho izinto ezilindelekileyo nezimele zenzeke ngokwamanqanaba athile xa umntu esentlungwini, indlela abantu abayinyamezela ngayo intlungu ayifani. Ngaba into yokuba abantu beyinyamezela ngeendlela ezahlukahlukeneyo intlungu ithetha ukuba kukho abangakhathazeki kangako okanye abayifihlayo intlungu abakuyo? Akunjalo. Nangona ukuyamkela into yokuba siswelekelwe nokubonisa indlela esibuhlungu ngayo kunokusinceda, ayikho eyona ndlela yokuba buhlungu ekunokuthiwa ichanile. Ezinye izinto zisenokuxhomekeka kwinkcubeko, ubuntu bomntu, izinto ezenzekileyo ebomini bakhe, nendlela asweleke ngayo loo mntu amthandayo.

      KUZA KUBA BUHLUNGU KANGAKANANI?

      Abantu abasentlungwini basenokungazazi izinto abamele bazilindele emva kokuswelekelwa ngumntu abamthandayo. Kodwa ke, kuqhelekile kwaye kulindelekile ukuziva ngeendlela ezithile nokuba neengxaki. Nazi ezinye zazo:

      Ukothuka kakhulu. Usenokukhalela lowo uswelekileyo, kuze kubekho amaxesha apho uthi usonwabile utshintshe ungonwabi. Enye into esenokubangela ukuba ukhathazeke kakhulu kukumane ukhumbula lowo uswelekileyo nokuphupha ngaye. Ekuqaleni usenokothuka uze ungakholelwa. UTiina ukhumbula indlela awaziva ngayo xa umyeni wakhe uTimo, wasweleka ngendlela engalindelekanga. Uthi: “Ekuqaleni, ndavela ndamatha. Zange ndikwazi nokukhala. Ndandothuke kakhulu kangangokuba ngamanye amaxesha kwakuba nzima nokuphefumla. Ndandingayikholelwa le nto yenzekileyo.”

      Kuyinto eqhelekileyo ukuba nexhala, umsindo nokuzibeka ityala. UIvan uthi: “Kwadlula ixesha mna nenkosikazi yam uYolanda sinomsindo kakhulu emva kokuba kusweleke unyana wethu uEric oneminyaka eyi-24! Le nto yasothusa, kuba sasicinga ukuba asingobantu abanomsindo. Saziva sinetyala, sisithi mhlawumbi ngesasizame nangakumbi ukunceda unyana wethu.” UAlejandro owaswelekelwa yinkosikazi yakhe emva kokugula ixesha elide, naye wayezibeka ityala: “Ekuqaleni ndandisithi inoba ndingumntu ombi le nto uThixo evumele ukuba ndehlelwe yile ntlungu. Emva koko ndazibeka ityala, ngokungathi ndityhola uThixo ngento endehleleyo.” UKostas ebekuthethwe ngaye kwinqaku elingaphambili uthi: “Ngamanye amaxesha noSophia lowo wayekhe andicaphukise ndizibuza, ufeleni. Emva koko ndandiye ndibe buhlungu ngokucinga ngolo hlobo. Kaloku, yayingelotyala lakhe.”

      Ukungakwazi ukucinga kakuhle. Ngamanye amaxesha umntu usenokucinga izinto ezingenakwenzeka. Ngokomzekelo, abanye abantu abasentlungwini bakhe bacinge ukuba bangamva okanye bambone umntu wabo oswelekileyo. Ingqondo yomntu osentlungwini isenokuthatha ibeka, kuze kube nzima nokukhumbula izinto. UTiina uthi: “Ngamanye amaxesha ndandisithi xa ndincokola, ndifumanise ukuba ingqondo yam ayikho apho! Yayingazinzanga, isoloko icinga ngokufa kukaTimo. Yayindihlupha into yokuba ingqondo yam ithatha ibeka.”

      Ukungafuni ukuhlala nabantu. Umntu oswelekelweyo usenokudikwa okanye angakhululeki xa ehleli nabanye abantu. UKostas uthi: “Kwakungabi mnandi tu ukuhlala nabantu abatshatileyo. Phofu ke, kwakuba njalo naxa ndihleli nabantu abangatshatanga.” UYolanda inkosikazi kaIvan uthi: “Kwakunzima ukuhlala nabantu abakhalaza ngeengxaki zabo ezazibonakala zincinci xa zithelekiswa nezethu! Kwakukho nabanye ababedla ngokusixelela ngendlela abaqhuba kakuhle ngayo abantwana babo. Ndandibavuyela, kodwa ke kwangaxeshanye kwakusiba nzima ukubamamela. Mna nomyeni wam sasiyazi ukuba ubomi bumele buqhubeke, kodwa ke sasingenawo umonde wokumelana naloo meko.”

      Iingxaki zempilo. Iqhelekile into yokuba ungabi namdla wokutya, uhle emzimbeni uze ungalali ngokwaneleyo. Emva konyaka kusweleke utata wakhe, uAaron uthi: “Kwakunzima ukulala. Ndandivuka ngexesha elinye qho ebusuku ndicinga ngokusweleka kukatata.”

      UAlejandro uthi xa ethetha ngeengxaki zempilo yakhe ezingaqhelekanga: “Ugqirha wayendihlola amaxesha amaninzi kwaye wayendiqinisekisa ukuba ndisempilweni. Ndandisithi iingxaki zempilo endandinazo zibangelwa yile ntlungu.” Ezo ngxaki zaye zaphela. Nakubeni kunjalo, uAlejandro wazinceda ngokuya kugqirha. Intlungu yokuswelekelwa isenokuwenza buthathaka umzimba, isigulo onaso siqatsele okanye uqalwe sesinye.

      Kuba nzima ukwenza izinto eziyimfuneko. UIvan uthi: “Emva kokusweleka kukaEric kwafuneka sichazele izalamane, izihlobo nabanye abantu, njengomqeshi wakhe nomntu awayerenta kuye. Kwakukho neempepha zomthetho esasimele sizisayine. Loo nto yayifuna ukuba sihlole izinto zikaEric. Yonke le nto yayifuna simise ingqondo ngelona xesha sasidinwe ngalo.”

      Kodwa ke, kwabanye abantu, ingxaki ibakho emva kwexesha xa kufuneka benze izinto ebezisenziwa ngulowo uswelekileyo. Loo nto yenzeka kuTiina. Uthi: “NguTimo owayesoloko ehoye izinto ezidibene nebhanki nezoshishino. Ngoku ezo zinto zazimele mna, nto leyo eyongeza istres endandisele ndinaso. Ndandiza kukwazi njani ukuyenza yonke le nto ndingakhange ndimoshe?”

      Ezi ngxaki sele zichaziwe, zisenokwenza kubonakale kunzima ukunyamezela intlungu yokuswelekelwa. Yinyaniso kona ukuba kubuhlungu ukuswelekelwa ngumntu omthandayo, kodwa ukwazi ezi zinto kusengaphambili kunokumnceda umntu oswelekelweyo akwazi ukunyamezela. Ukhumbule ukuba, ayinguye wonke umntu owehlelwa zizo zonke ezi zinto. Enye into, isenokubathuthuzela abantu abaswelekelweyo into yokwazi ukuba indlela abaziva ngayo ngenxa yentlungu yokuswelekelwa iqhelekile.

      NGABA NDIYA KUZE NDIPHINDE NDONWABE KWAKHONA?

      Izinto onokuzilindela: Indlela oziva ngayo ngenxa yentlungu yokuswelekelwa ayihlali injalo, ekuhambeni kwexesha iba bhetele. Le nto ayithethi kuthi umntu uyayeka kwaphela ukuba buhlungu okanye amlibale lowo uswelekileyo. Kodwa ke, kancinci kancinci, le ntlungu iyaphola. Idla ngokumane ibuya xa ukhumbula izinto ezithile okanye ibuye ngamaxesha athile, njengomhla womtshato, umhla awasweleka ngawo loo mntu okanye eminye imihla ebalulekileyo. Kodwa ke, ekugqibeleni abantu abaninzi bayaxola baze baqhubeke nobomi. Le nto yenzeka nangakumbi xa lowo uswelekelweyo exhaswa yintsapho nabahlobo ibe naye kukho izinto azenzayo ukuze anyamezele.

      Iza kuthatha ixesha elingakanani? Kwabanye inokuthatha iinyanga. Ukanti kwabanye kusenokudlula unyaka okanye emibini ngaphambi kokuba bazive bhetele. Bakho nekubathatha ixesha elingakumbi.a UAlejandro uthi: “Mna ndaqhubeka ndibuhlungu kangangeminyaka emithathu.”

      Zinike ixesha. Yithi chu wena ngesantya sakho, usazi ukuba intlungu okuyo iza kugqitha ngenye imini. Ngaba zikho izinto onokuzenza ukuze upholise intlungu okuyo nokuze uyenze ingathathi ixesha elide kakhulu?

      Kuyinto eqhelekileyo ukuba umntu owehlelwe yinto ebuhlungu akhathazeke

      a Kukho abantu abambalwa ababa sentlungwini kakhulu ixesha elide. Abantu abanjalo kusenokufuneka badibane nogqirha wengqondo.

  • Iindlela Zokunyamezela Intlungu Yokuswelekelwa​—⁠Nazi Izinto Onokuzenza
    Vukani!—2018 | No. 3
    • Abantu abaselwandle bayafota ibe badlala ngekayithi

      UKUTHUTHUZELA ABANTU ABASWELEKELWEYO

      Iindlela Zokunyamezela Intlungu Yokuswelekelwa Nazi Izinto Onokuzenza

      Xa ufuna amacebiso ngeendlela zokumelana nentlungu yokuswelekelwa, usenokufumana amacebiso amaninzi kakhulu, aze amanye akuncede ngaphezu kwamanye. Njengokuba besekutshiwo ngaphambili, mhlawumbi loo nto ibangelwa kukuba abantu baba buhlungu ngeendlela ezingafaniyo. Into elungela omnye umntu isenokungamlungeli omnye.

      Nakuba kunjalo, kukho izinto ezinokwenziwa ezibancedileyo abantu abaninzi. Abacebisi abanceda xa ukule ntlungu badla ngokuthi zimele zenziwe ezi zinto, kwaye bahambisana nemigaqo engaphelelwa lixesha efumaneka eBhayibhileni.

      1: VUMELA ABANTU BAKOWENU NABAHLOBO BAKHO BAKUNCEDE

      • Abantu abaselwandle bayafota ibe badlala ngekayithi

        Ezinye iingcali zithi le yeyona nto incedayo xa usentlungwini. Kodwa, ngamanye amaxesha usenokufuna ukuba wedwa. Basenokukudika nabantu abazama ukukunceda kwaye iqhelekile loo nto.

      • Ungacingi ukuba unyanzelekile ukuba ube phakathi kwabantu, kwangaxeshanye, ungababhekelisi. Kaloku, usenokufuna bakuncede ngenye imini. Baxelele kakuhle abantu eyona nto uyifunayo nongayifuniyo ngoxa usentlungwini.

      • Yiba nexesha olichitha nabantu, nolichitha wedwa.

      UMGAQO: “Ababini balunge ngakumbi kunomnye. . . Ngokuba xa omnye wabo esiwa, omnye unokuliphakamisa iqabane lakhe.”​—INtshumayeli 4:9, 10.

      2: Yigade Indlela Otya Ngayo, Uze Ujime

      • Ukutya ngendlela efanelekileyo kuza kukunceda ukwazi ukumelana nestres sokuswelekelwa. Zama ukutya iziqhamo, imifuno neeproteni ezingenawo amafutha.

      • Sela amanzi amaninzi nezinye iziselo ezisempilweni.

      • Ukuba awunamdla wakutya, yitya qho kodwa kancinci. Usenokuthetha nogqirha wakho ngamayeza okanye iipilisi ezinezondlo.a

      • Ukujima ngokuthi uhambe ukhawuleza, nokujima ngezinye iindlela kungakunceda ungasoloko ucinga ngezinto ezimbi. Xa ujima unokufumana ithuba lokucinga ngale ntlungu ukuze uyibeke endaweni yayo okanye ulibale ngayo.

      UMGAQO: “Akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo.”​—Efese 5:29.

      3: LALA NGOKWANELEYO

      • Ibhedi

        Kubalulekile ukulala, kodwa kubaluleke ngakumbi xa umntu esentlungwini, kuba uye adinwe kakhulu kunakuqala.

      • Kulumkele ukubusela kakhulu utywala okanye into enecaffeine, kuba zisenokungakulalisi.

      UMGAQO: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”​—INtshumayeli 4:6.

      4: ZAMA UKUMELANA NEMEKO

      • Ibhinqa eliswelekelweyo lincokola nomhlobo

        Khumbula ukuba abantu baba buhlungu ngeendlela ezingafaniyo. Kuza kufuneka uyazi eyona nto ikusebenzelayo.

      • Abanye abantu bathi ukuthetha nabanye abantu kuyanceda, kodwa abanye bakhetha ukungathethi namntu. Iingcali azithethi nto inye ngendlela ekunceda ngayo ukuthetha nabanye abantu. Ukuba uyafuna ukuthetha nomntu ngendlela oziva ngayo kodwa ukufumana kunzima, usenokuqala kancinci ngokuthetha nomhlobo osondeleyo.

      • Abanye abantu bathi kuyanceda ukukhala, kodwa abanye baye bakwazi ukunyamezela nangona bengakhalanga kangako.

      UMGAQO: “Intliziyo iyabuqonda ubukrakra bomphefumlo kabani.”​—IMizekeliso 14:10.

      5: SUKWENZA IZINTO EZIZAKUKUFAKA ENGXAKINI

      • Indoda esela utywala

        Abanye abantu baye bazame ukuzithuthuzela ngokusebenzisa kakubi iziyobisi okanye ngokusela kakhulu. Ukuzithuthuzela ngolu hlobo kuyonzakalisa. Nangona umntu esenokuziva bhetele ngelo xesha, loo nto ikhawuleza iphele kuze kulandele iingxaki. Zama iindlela ezingazukukwenzakalisa.

      UMGAQO: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka.”​—2 Korinte 7:1.

      6: LISEBENZISE KAKUHLE IXESHA

      • Abanye abantu baye bazame ukungachithi lonke ixesha labo bezilile (becinga ngentlungu abakuyo), baze bamane bephumza ingqondo (besenza izinto ezibenza balibale ngentlungu yabo).

      • Unokuthuthuzeleka ngokuzenzela abahlobo abatsha, ngokuchitha ixesha nabo, ngokufunda izinto ezintsha okanye ngokuzonwabisa.

      • Njengoko ixesha lihamba, nezinto ziza kuya zitshintsha. Uza kubona ukuba ixesha lokwenza ezinye izinto liya lisiba lininzi, ibe uyathuthuzeleka.

      UMGAQO: “Yonke into inexesha layo, . . . kukho ixesha lokulila nexesha lokuhleka; kukho ixesha lokwenza isijwili nexesha lokudloba.”​—INtshumayeli 3:1, 4.

      7: YENZA IZINTO NJENGESIQHELO

      • Ibhinqa libhala phantsi izinto elizakuzenza

        Ngokukhawuleza nje, yenza izinto ngendlela obuqhele ngayo.

      • Xa unexesha lokulala, lokusebenza nelokwenza ezinye izinto, uza kuphinda ukwazi ukwenza izinto ngendlela obuqhele ngayo.

      • Ukwenza izinto ezakhayo kungakunceda uthuthuzeleke.

      UMGAQO: “Akayi kuyikhumbula imihla yobomi bakhe, ngenxa yokuba uThixo oyinyaniso umzalisa ngemihlali yentliziyo yakhe.”​—INtshumayeli 5:20.

      8: SUKUKHAWULEZA WENZE IZIGQIBO EZIBALULEKILEYO

      • Abantu abaninzi abaye benza izigqibo ezibalulekileyo emva kokuswelekelwa, baye bazisola.

      • Ukuba kunokwenzeka, sukukhawuleza ufuduke kwindawo ohlala kuyo, utshintshe umsebenzi, ulahle okanye uphise ngezinto zomntu oswelekileyo.

      UMGAQO: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.”​—IMizekeliso 21:5.

      9: CINGA NGAYE

      • Indoda ibonisa abahlobo bayo ifoto yomfazi wayo owaswelekayo

        Abantu abaninzi bathi kuyanceda ukwenza izinto ezibenza bakhumbule umntu oswelekileyo.

      • Usenokuzithuthuzela ngokuqokelela iifoto okanye izinto ezikukhumbuza ngaye, okanye ubhale izinto ebenizenza kunye.

      • Gcina izinto ezikukhumbuza amaxesha amnandi, uze uzibuke xa uziva bhetele.

      UMGAQO: “Khumbula iimini zakudala.”​—Duteronomi 32:7.

      10: ZIKHUPHE

      • Khawukhe uzikhuphe.

      • Ukuba awukwazi ukuhamba ixesha elide, unokuzikhupha usuku okanye iintsuku ezimbini, wenze izinto ozithandayo njengokunyuka intaba, ukuya emyuziyam okanye uhambe ngemoto ubuka iindawo.

      • Ukwenza into nje encinci ongayiqhelanga kunokukuthuthuzela.

      UMGAQO: “Yizani, nedwa kwindawo engasese, niphumle kancinane.”​—Marko 6:31.

      11: NCEDA ABANYE ABANTU

      • Ibhinqa eliselitsha linceda umama osele ekhulile

        Khumbula ukuba xa unceda abanye, loo nto iza kukunceda nawe uzive ubhetele.

      • Unokuqala ngokunceda abahlobo okanye izalamane ezibuhlungu ngenxa yalo mntu uswelekileyo.

      • Ukuthuthuzela nokuxhasa abanye kungakunceda wonwabe kwakhona uze ukhuthazeke.

      UMGAQO: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZenzo 20:35.

      12: YENZA IZINTO EZIBALULEKILEYO KUQALA

      • Ukuba sentlungwini kungakunceda ukwazi ukubona ezona zinto zibalulekileyo.

      • Sebenzisa eli thuba ukuze ubone ukuba ziintoni ezibalulekileyo kuwe.

      • Ukuba ucinga ukuba kukho izinto ekufuneka uzitshintshe, zitshintshe.

      UMGAQO: “Kulunge ngakumbi ukuya endlwini yokuzila kunokuya endlwini yesidlo, ngenxa yokuba oko kukuphela koluntu lonke; yaye ophilileyo ufanele akufake entliziyweni yakhe oku.”​—INtshumayeli 7:2.

      IINDLELA ZOKUNYAMEZELA UKUSWELEKELWA | USHWANKATHELO

      • 1: VUMELA ABANTU BAKOWENU NABAHLOBO BAKHO BAKUNCEDE

        Yiba nexesha olichitha nabantu, nolichitha wedwa.

      • 2: YIGADE INDLELA OTYA NGAYO, UZE UJIME

        Yitya ukutya okunesondlo, sela amanzi amaninzi uze ujime ngokwaneleyo.

      • 3: LALA NGOKWANELEYO

        Umntu osentlungwini uye adinwe kakhulu, ngoko kubalulekile ukulala.

      • 4: ZAMA UKUMELANA NEMEKO

        Ekubeni abantu besiba buhlungu ngeendlela ezingafaniyo, kufuneka uyazi eyona nto ikusebenzelayo.

      • 5: SUKWENZA IZINTO EZINOKUKWENZAKALISA

        Sukusebenzisa kakubi utywala neziyobisi, kuba loo nto yongeza iingxaki.

      • 6: LISEBENZISE KAKUHLE IXESHA

        Sukuhlala uzilile kodwa chitha ixesha nabahlobo uze uzonwabise.

      • 7: YENZA IZINTO NJENGESIQHELO

        Qiniseka ukuba wenza izinto ngendlela obuqhele ukuzenza ngayo.

      • 8: SUKUKHAWULEZA WENZE IZIGQIBO EZIBALULEKILEYO

        Ukuba kunokwenzeka, linda unyaka nangaphezulu ngaphambi kokwenza izigqibo ezibalulekileyo, onokuzisola ngazo.

      • 9: CINGA NGAYE

        Qokelela iifoto okanye izinto ezikukhumbuza ngaye, okanye ubhale izinto ebenizenza kunye.

      • 10: ZIKHUPHE

        Zama ukwenza into eyahlukileyo, nokuba lusuku nje okanye iiyure ezimbalwa.

      • 11: NCEDA ABANYE ABANTU

        Zama ukuzikhuthaza ngokunceda abanye, kwanabo basentlungwini ngenxa yaloo mntu uswelekileyo.

      • 12: YENZA IZINTO EZIBALULEKILEYO KUQALA

        Sebenzisa eli xesha ukuze ubone ezona zinto zibalulekileyo, uze utshintshe ezo kufuneka uzitshintshe.

      Xa sithetha inyani, ayikho into eza kuyisusa ngokupheleleyo intlungu onayo. Kodwa ke, abantu abaninzi abaswelekelweyo bangatsho ukuba ukusebenzisa amacebiso akweli nqaku kuyathuthuzela. Ewe kona, akunakuthiwa aphelele apha amacebiso onokuwasebenzisa ukuze uzive bhetele. Kodwa ukuba uyawasebenzisa amanye awo, uza kubona ukuba uza kuthuthuzeleka.

      a UVukani! akakhuthazi hlobo luthile lonyango.

  • Ezona Zinto Zinokunceda Abantu Abakwintlungu Yokuswelekelwa
    Vukani!—2018 | No. 3
    • Abantu abaseparadesi bamkela abantu babo ebebeswelekile

      UKUTHUTHUZELA ABANTU ABASWELEKELWEYO

      Ezona Zinto Zinokunceda Abantu Abakwintlungu Yokuswelekelwa

      INTLUNGU YOKUSWELEKELWA NGABANTU ESIBATHANDAYO YINTO EKUSOLOKO KUTHETHWA NGAYO KULE MIHLA. Njengoko sele sivile ngaphambili, amacebiso eengcali ezibalaseleyo ayafana nafumaneka eBhayibhileni. Lo nto ibonisa ukuba ukhokelo lweBhayibhile aluphelelwa lixesha. IBhayibhile, ayipheleli nje ekusinikeni amacebiso aluncedo. Isixelela izinto esingenakuziva kwenye indawo, nto leyo ebathuthuzela kakhulu abantu abaswelekelweyo.

      • Isiqinisekiso sokuba abo sibathandayo abekho sentlungwini

        KwiNtshumayeli 9:5 iBhayibhile ithi, “kodwa abafileyo, abazi nto konke konke,” kwaye ‘zitshabalele iingcamango zabo.’ (INdumiso 146:4) Ngokuvumelana noku, iBhayibhile ifanisa ukufa nokulala.​—Yohane 11:11.

      • Ukuba nokholo olomeleleyo kuThixo onothando kuyathuthuzela

        IBhayibhile ithi kwiNdumiso 34:15: “Amehlo kaYehovaa akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.” Ukuthandaza kuThixo simxelele intlungu yethu akusithuthuzeli nje kuba sinomntu esinokuphalaza imbilini yethu kuye. Kusinceda siqinise ubuhlobo bethu noMdali wethu, onokusebenzisa amandla akhe ukuze asithuthuzele.

      • Ikamva esikhangele phambili kulo.

        Cinga ngexesha elizayo xa abantu abasemangcwabeni beza kuphinda baphile apha emhlabeni! IBhayibhile ithetha kaninzi ngokuvuswa kwabantu. Xa isixelela ukuba kuza kubanjani apha emhlabeni, iBhayibhile ithi uThixo ‘uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni ethu, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.’​—ISityhilelo 21:3, 4.

      Abantu abaninzi abamthembayo uYehova, uThixo weBhayibhile, baba namandla okunyamezela xa besentlungwini yokuswelekelwa, ngenxa yethemba abanalo lokuphinda bababone abantu abaswelekayo ababathandayo. Ngokomzekelo, uAnn, owaswelekelwa ngumyeni wakhe beneminyaka eyi-65 betshatile, uthi: “IBhayibhile iyandiqinisekisa ukuba bonke abantu abaswelekileyo endibathandayo abekho sentlungwini, kwaye uThixo uza kubavusa abo bakwinkumbulo yakhe. Ndikhumbula loo mazwi qho xa ndicinga ngokuswelekelwa, kwaye ayandinceda ndikwazi ukumelana neyona nto ibuhlungu kuzo zonke izinto ezakhe zandehlela!”

      UTiina, ebekuthethwe ngaye kumanqaku adluleyo, uthi: “Emva nje kokuba kusweleke uTimo, ndayibona indlela uThixo andinceda ngayo. Ndasibona isandla sikaYehova sindinceda xa ndandisentlungwini. Isithembiso seBhayibhile sokuba abantu baza kuvuswa siyinto yokwenene kum. Siyandomeleza ukuba ndiqhubeke ndinyamezela kude kube lixesha endiza kuphinda ndimbone ngalo uTimo.”

      La mazwi ayafana nadla ngokuthethwa zizigidi zabantu abayikholelwayo iBhayibhile. Nokuba ucinga ukuba izinto ezithethwa yiBhayibhile aziyonyani okanye liphupha nje, kungakuhle ukuba uphande, uzikhangelele ubungqina bokuba amacebiso ayo nezithembiso zayo ziyinyaniso. Usenokubona ukuba yiBhayibhile eyona nto inokunceda abantu abakwintlungu yokuswelekelwa.

      FUNDA OKUNGAKUMBI NGETHEMBA LABANTU ABASWELEKILEYO

      Bukela iividiyo ezithetha ngeli themba kwiwebhsayithi yethu ethi, jw.org/xh

      Abantu abaseparadesi bamkela abantu babo ebebeswelekile

      IBhayibhile isithembisa ukuba kwixesha elizayo siza kwamkela abantu esibathandayo abaswelekayo

      BAKWIMEKO ENJANI ABANTU ABASWELEKILEYO?

      Baphi abantu abaswelekileyo?

      Kwenzeka ntoni kuthi xa siswelekile? Impendulo yeBhayibhile ecacileyo iyasithuthuzela kwaye iyasiqinisekisa

      Jonga phantsi kwendawo ethi IIMPAPASHO >IIVIDIYO (Icandelo Levidiyo: IBhayibhile)

      NGABA UNGATHANDA UKUVA IINDABA EZILUNGILEYO?

      Uyafuna ukuva iindaba ezimnandi?

      Kwezi ndaba zimbi kangaka, ungazifumana phi iindaba ezimnandi? Le vidiyo itshayelela incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

      Jonga phantsi kwendawo ethi IIMPAPASHO >IIVIDIYO (Icandelo Levidiyo: Iintlanganiso Nentsimi)

      a UYehova ligama likaThixo elifumaneka eBhayibhileni.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share