Ngaba Uyazixabisa Izinto Ezingcwele?
“Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo; nivelela, ukuze . . . kungabikho bani ulihenyu, nokuba ngumhlambeli [ongazixabisiyo izinto ezingcwele, NW], njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngobuzibulo [ngamalungelo obuzibulo, NW] bakhe.”—HEBHERE 12:14-16.
1. Yintoni engaxatyiswayo ngabantu abaninzi, kodwa amaKristu ahluke njani?
UYEHOVA uThixo wethu ungoyena Mlungiseleli unobubele. Ngesisa ulungiselela zonke iimfuno zendalo yakhe. Noko ke, uninzi loluntu, alucingi nento ngale nto. Alumbuleli uYehova yaye lungakuvumi nokuba netyala elikhulu kuye. Kwelinye icala, amaKristu akakuthabathi lula ukulunga kukaYehova. Ayamzukisa ngenxa yezinto awenzela zona. Ngenxa yokuzinikela kwabo kuye, uYehova uye waphathisa abantu bakhe iqela lezinto ezingcwele ezingananditshwa luluntu ngokubanzi. Ezi zinto zixabiseke kakhulu, zibekelwe bucala njengezingcwele yaye zinokuthanani nonqulo lukaYehova. Ngaba uyazazi ezi zinto zingcwele? Yaye ngaba unoxabiso olunzulu olusuka entliziyweni ngazo?—INdumiso 104:10-28; Mateyu 5:45; ISityhilelo 4:11.
2. Ngubani owabonisa ukungabi naluxabiso ngendlela ephawulekayo?
2 Asingabo bonke kubantu bakaThixo abaye bazixabisa ngokufanelekileyo izinto ezingcwele. Ngokomzekelo, unyana kalsake uEsawu, wasilela kule nkalo. UPawulos wathetha ngaye xa wabhalela amaKristu athanjisiweyo angamaHebhere. Akuba ewabongozile ukuba ‘aphuthume uxolo nabo bonke abantu,’ wawalumkisa ngelithi aqiniseke ukuba phakathi kwawo kungabikho ‘bani ulihenyu nomntu ongazixabisiyo izinto ezingcwele, njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngamalungelo obuzibulo bakhe.’—Hebhere 12:14-16.
3, 4. Ayeyintoni amalungelo angcwele obuzibulo awathengiswa nguEsawu kuYakobi ngesitya seentlumayo?
3 Ayeyintoni la malungelo obuzibulo? UYehova wenza idinga noyisemkhulu kaEsawu, uAbraham, lokuba kwakuya kuthi ngaye nangenzala yakhe ekugqibeleni kuzalwe uthile owayeya kuthi abe yiMbewu yedinga, uMesiya, okanye uKristu. Ngale Mbewu zonke iintlanga zaziza kusikelelwa, nto leyo eyayiya kukhokelela ekubeni zihlangulwe esonweni nasekufeni.—Genesis 22:15-18; Galati 3:16.
4 UEsawu, izibulo likaIsake, wayenethuba lokuba yinxalenye yaloo mnombo wawuza kuthi uvelise loo Mbewu. Oku kwakuyinxalenye yelungelo lokuzalwa kwakhe. Kodwa ngelishwa, ingxelo yeBhayibhile ithi ngaye: “Wabudela ke uEsawu ubuzibulo bakheo” Wathi ngokudyuduzela wathengisa ngabo ngenxa yesidlo seentlumayo eziphekiweyo nesonka. Ngokuqinisekileyo, asifuni ukuxelisa ukungabi naluxabiso kwakhe. Kunoko, sifanele sivelise isimo sengqondo somntakobo Esawu, uYakobi. Waba ngolandelayo ukufumana ilungelo lokuzalwa, awathi walithenga ngenxa yokungabonakalisi luxabiso komntakwabo. Ngaloo ndlela uYakobi waqinisekisa ukuba elo lungelo lokuba ngukhokho weMbewu ethenjisiweyo lalidluliselwa kulowo wayeyixabisa ngQkufanelekileyo le nto engcwele.—Genesis 25:27-34.
5. Ziziphi izinto ezingcwele esiza kuziqwalasela, ibe sinokukuphepha njani ukuzithabatha lula?
5 Ebandleni lamaKristu, uYehova uye wenza kwafumaneka izinto ezininzi ezingcwele zokusigcina somelele ngokomoya nokuba siyixhobele ngokufanelekileyo inkonzo yakhe. Makhe sixubushe ngeqela lezi zinto. Siya kwandula ke, ngokwabantu ngabanye, sicamngce ngazo size someleze uxabiso lwethu ngazo khon’ ukuze singaze sizithabathe lula.
Igama LikaYehova Nentlawulelo—Zixabiseke Kakhulu
6. Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba asikuthabathi lula ukuba ngcwele kwegama likaYehova?
6 Into yokuqala kuludwe lwethu lwezinto ezingcwele ligama likaYehova. Eli gama lizuke kangakanani engqondweni nasentliziyweni yakho? Xa wayenikela umthandazo ongumzekelo uYesu waqala wathi: “Malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9) Xa sibhaptizwa, siba ngabanye bamaNgqina kaYehova. (Isaya 43:10, 11) Olunjani lona uzuko! Ibe xa sithetha ngokulunga kukaYehova nangeenjongo zakhe ezizukileyo, abanye bathi bamazi ngegama lakhe lobuqu, baze nabo bafune ukumkhonza. Kodwa ukuba umntu uyakutyeshela ukuthetha ngaye okanye, eyona nto ide ibe mbi kakhulu, uthi abandakanyeke ekwenzeni okubi, oku kuzisa ugculelo kwigama nakudumo lukaYehova olulungileyo. AmaNgqina kaYehova athembekileyo angamaKristu asoloko ezabalazela ukungcwalisa igama lakhe elingcwele phambi kwabanye ngezinto azithethayo nazenzayo.—Levitikus 22:31, 32; Duteronomi 5:11.
7. Kutheni sifanele sibonise uxabiso kangangoko sinako ngedini lentlawulelo likaKristu?
7 Enye into ebalulekileyo kuludwe lwezinto ezingcwele lidini lentlawulelo. Lixabiseke kangakanani idini likaKristu kuwe? Kungesizinzi sokuba nokholo olupheleleyo kuphela kweli dini lomntu ofezekileyo esinokuthi sixolelwe izono zethu. (1 Yohane 2:1, 2) UPawulos uthetha ngebandla elithanjisiweyo ‘njengelithengwe ngegazi loNyana [kaThixo].’ (IZenzo 20:28; thelekisa eyoku-1 kaPetros 1:17-19.) UYesu, okuphela koNyana ozelwe nguThixo, wancama isikhundla sakhe ezulwini, wahlala emhlabeni phakathi kwamadoda nabafazi abanesono, waza ke wanikela ngobomi bakhe bobuntu obufezekileyo ekufeni okungcungcuthekisayo emthini wentuthumbo khon’ ukuze sibe nokufumana ubomi obungunaphakade. (Mateyu 20:28) Bekuya kuba kukungabi nambulelo ngeyona ndlela inkulu ukuba ubani akathi abonise uxabiso olunzulu ngesi sipho sixabisekileyo sikaThixo.—Hebhere 10:28, 29; Yuda 4, 5.
Ulwalamano Lwethu No Yehova Nentlangano Yakhe
8. Luxabiseke kangakanani ulwalamano lwethu no Yehova?
8 Le nkalo isizisa komnye umbandela ongcwele kakhulu, ulwalamano lwethu noYehova. Hayi indlela esifanele siluxabise ngokunothando ngayo olu lwalamano lusenyongweni sinalo noBawo wethu wasezulwini. Ukuba ‘siyasondela kuThixo, uya kusondela kuthi.’ (Yakobi 4:8) Uyasithanda kakhulu, ibe ufuna ukuba simthande ngentliziyo yethu yonke. (Mateyu 22:37, 38; Yohane 3:16) UDavide wanika unyana wakhe uSolomon isiluleko esiphilileyo esimalunga nolwalamano lwakhe noYehova. Emazwini akhe waquka esi silumkiso: “Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.” (1 Kronike 28:9) Ke ngoko, “hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungunaphakade.”—Yuda 21.
9. Ziziphi iindlela esibonisa ngazo ukuba asilithabathi lula ilungelo lokuba yinxalenye yentlangano kaYehova?
9 Kwakhona ngaba uyakuxabisa oko likuko ilungelo lokuba yinxalenye yentlangano kaYehova? Sonke simele sikhumbule ukuba sikuyo kuphela ngenxa yenceba ka Yehova. Ukuba umntu uzingqina engenaluxabiso yaye esiba ngumenzi wobubi ongaguqukiyo, uya kuphulukana neli lungelo. UPawulos walumkisa: “Ngoko ke, lowo uba umi, makalumke angawi.” (1 Korinte 10:6-12) UPawulos wanikela esi silumkiso emva kokuba wayethethe ngamaSirayeli angama-23 000 awathi atshabalala ngenxa yokunqula izithixo nokuziphatha okubi. Sinokubonakalisa uxabiso esinalo ngobungcwele bentlangano kaYehova ngokuthi ngamnye wethu aphumeze indima yakhe ekuyigcineni icocekile, ikwimeko yokuziphatha okuhle, ingenazo iingxwabangxwaba, urhwebo, neemvakalelo zokuziva songamile nekhethe lobuzwe. (2 Korinte 7:1; 1 Petros 1:14-16) Sinokusebenzela ukomeleza intambo yothando lobuzalwana, ngoxa silugcina ngenyameko ucwangco lolawulo lobuthixo yaye sisebenzisana nabo bakhokelayo.—1 Tesalonika 4:3-8; 5:12, 13.
ILizwi LikaThixo, Imithetho Nethemba LoBukumkani
10. Sibonisa njani ukuba sizixabisa ngokupheleleyo iZibhalo Ezingcwele?
10 ILizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile Engcwele, nalo lingcwele. Liqulethe amazwi, imiyalelo, isiluleko, amadinga, izityhilelo zikaThixo, ewe, liqulethe konke esikufunayo ukuze ‘sixhobele wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Timoti 3:16, 17) Sinokubonisa njani ukuba siyalixabisa? Okokuqala, ngokulifundisisa nangokukusebenzisa ebomini bethu oko sikufundayo. Siya kwandula ke, ngokufanelekileyo sikunikele ingqalelo ‘ukutya okufumaneka ngexesha elifanelekileyo’ okusekelwe eBhayibhileni nokulungiselelwa nguYehova ‘ngomkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 24:45) Ibe ngendlela esebenzisekayo, kufuneka sigcine imibhalo yethu yobuqu yeBhayibhile, neempapasho zamaKristu esizisebenzisayo kumsebenzi wethu wokushumayela zikwimeko entle yaye zicocekile. Kusenokuzisa ugculelo kuYehova ukuba siyaphuma sisiya kunikela ubungqina sisebenzisa iBhayibhile engcole ngendlela embi okanye engabukekiyo.
11. Kutheni sifanele singayithabathi lula imithetho engcwele kaYehova?
11 ELizwini likaThixo kukho imithetho engcwele kaYehova. Ngaba usoloko uyijonga njengengcwele, okanye ngaba maxa wambi utyekela ekuyithabatheni lula? Imithetho kaYehova injengemiqondiso, injengemigca engqindilili ekhuselayo esembindini wendlela, mithetho leyo esendleleni esa ebomini. Ukuba siyayithobela, siya kuhamba ngokukhuselekileyo size ekugqibeleni sifike kwindawo esiya kuyo kwihlabathi elitsha likaYehova; kodwa ukuba imiyalelo nezikhumbuzo zikaYehova sizithabatha lula, sisinge kwintlekele.—INdumiso 119:10, 11, 35, 101, 102; IMizekeliso 3:1-4.
12. Ithemba lethu loBukumkani liyinto engcwele njani?
12 Kwakhona eBhayibhileni, sifunda ngenye into engcwele efanele ukuba yethandekayo ezintliziyweni zethu: ithemba lethu loBukumkani. Ethetha ngoAbraham othembekileyo, uPawulos uthi kumaHebhere 11:10: “Kuba wayewulindele umzi [uBukumkani bukaThixo] lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo.” Ngaba ngokufanayo unethemba elomeleleyo nelingaxengaxengiyo eBukumkanini bukaThixo? Ngaba ukholo lwakho lomelele kangangokuba intliziyo yakho ayithandabuzi, yaye inzondelelo onayo yengathothiyo ngoxa ulindele ukuba kuzaliseke iinjongo zikaThixo ngexesha lakhe elifanelekileyo?—Mateyu 24:20-22, 33, 34, 42.
Iintlanganiso Namalungelo Angcwele
13. Kutheni sifanele singazithabathi lula iingenelo zeentlanganiso zamaKristu?
13 UPawulos waluleka, “Silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye.” Oku kubonisa ukuba iintlanganiso zethu zamaKristu zilelinye ilungiselelo elingcwele elingamele lithatyathwe lula. Kwezi ntlanganiso, sifumana imfundiso ebalulekileyo nobudlelwane obufudumeleyo esibufunayo kanye ngoku. Kwakhona apha ‘sinokulivuma ekuhleni ithemba lethu’ ngokuthetha eqongeni njengoko sithi sibe nethuba nangokugqabaza rhoqo. (Hebhere 10:23-25) Ibe ekubeni iHolo yoBukumkani iyindawo apho inkoliso yeentlanganiso zethu ziqhutyelwa khona, ngaba unikela rhoqo ngemali yaye uyinyamekela ukuze uyigcine ikwimeko efanelekileyo?—Eksodus 35:21.
14. Yintoni eya kusinceda siqonde ukuba ubulungiseleli bethu bamaKristu buyinto exabisekileyo engcwele?
14 Ilungelo amaKristu analo lokushumayela iindaba ezilungileyo uPawulos ulifanisa ‘nobutyebi obuphethwe ngezitya zodongwe.’ (2 Korinte 4:1, 7) Ewe, ubulungiseleli bamaKristu bukwayinto engcwele esiyixabisa ngokunzulu. Ngoxa uninzi lwabo sishumayela kubo bengenamdla, sifanele sihlale sizikhumbuza ngelungelo elizukileyo esinalo lokuxelela abanye ngoYehova nangeenjongo zakhe. Ngaloo ndlela siya kuluphumeza uthumo lwethu lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nolokwenza abafundi. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ukubona abafundi abatsha besenza inkqubela kungunobangela obhekele phaya wovuyo. (1 Tesalonika 2:19, 20) Ukuba siyabuxabisa ubulungiseleli, asisayi kuxhiphulisa okanye sibe ngabapholileyo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo.
15. Kutheni le nto ukunyamekela amalungelo entlanganweni kaYehova kungafanele kuthatyathwe lula?
15 Amalungelo entlanganweni kaYehova nawo angcwele. Enyanisweni, amalungelo anjalo ayimbopheleleko engcwele. (Thelekisa IZenzo 20:28.) Enoba imbopheleleko iquka ukuvelela, ukwalusa, ukufundisa, okanye enye inkonzo esimele siyenzele amaKristu angoowethu, yenze ngenyameko engakumbi. Nokuba umsebenzi othile ubonakala ungabalulekanga, musa ukuwuthabatha lula, kodwa wenze kakuhle, ngenkuthalo, ngokungathi uwenzela uYehova. Khumbula, “othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu.”—Luka 16:10.
Umtshato Nentsapho
16. Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba umtshato nentsapho sizigqala zizizinto ezingcwele?
16 Kuludwe lwezinto ezingcwele, ungakulibali ukuquka umtshato nentsapho. Kuyinyaniso ukuba, abantu abangengomaKristu nabo bayatshata, kodwa amaKristu awujonga umtshato njengongcwele, ubandakanyekile ekunquleni kwawo uYehova. (Thelekisa eyoku-1 kaPetros 3:1-7.) Abonisa njani ukuba ayayihlonela le nto engcwele? KumaHebhere 13:4 iBhayibhile ithi: “Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.” UYesu walumkisa esithi ukusoloko ukhangele kwibhinqa ukuze ulikhanuke bekuya kufana nokulikrexeza entliziyweni yakho. (Mateyu 5:27, 28) Ukuba ukhetha ukutshata, kwenze oko ngendlela ebekekileyo. Ungaze uwuthabathe lula umtshato wakho. Yakha uthando lokwenene nentlonelo enzulu yonke imihla. Ukuba unabantwana, ‘bakhulisele ekuqeqesheni Msekululekeni kukaYehova.’ Ngale ndlela intsapho yakho iya kuba “ngcwele.”—Efese 6:4; 1 Korinte 7:14.
Umoya Oyingcwele KaYehova Nomthandazo
17. Kutheni le nto singenakuwuthabatha lula umoya oyingcwele kaThixo?
17 Siwafuna onke amalungiselelo ka Yehova, ibe olunye uncedo olubalulekileyo oluvela kuYehova ngumoya wakhe oyingcwele. (Yohane 14:26) Asisoloko siziqonda iindlela uYehova awusebenzisa ngazo umoya wakhe oyingcwele ngenxa yethu, kodwa kukho into enye eqinisekileyo: Asinakuqhubeka ngaphandle kwawo. Sifanele sithandazele umoya oyingcwele ukuba usincede siqonde iimfundiso eziyinyaniso nokuze sinyamezele izilingo. Siyawufuna ukuba usincede sihlakulele iziqhamo zomoya. (Galati 5:22, 23) Ibe kumaEfese 4:30 silunyukiswa ngelithi sifanele ‘singawenzi buhlungu umoya oyingcwele, sibandakanyeka kwizinto ezithintela ukusebenza kwawo kuthi. Ngamana singasoloko siwuxabisa umoya oyingcwele kaYehova.
18. Kutheni le nto umthandazo ulilungelo elingcwele?
18 Into yokugqibela engcwele esiza kuxubusha ngayo, umthandazo, ngokuqinisekileyo nawo ubalulekile. Elinjani lona ilungelo esinalo lokuthetha noMongami wendalo iphela, uYehova! Ngokucacileyo, sifanele sisondele kuye ngentlonelo, ngembeko, singaze senze ngendelelo. Sinokuba nentembelo yokuba uya kuyiphulaphula aze ayiphendule imithandazo yethu eyenziwa ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. “Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo.” (Filipi 4:6) Umthandazo uya kusinceda ukuba sihlale sizixabisa izinto ezingcwele.
19. Abo bazixabisa ngokufanelekileyo izinto ezingcwele bafumana ziphi iintsikelelo?
19 Siye saxubusha nje izinto ezingcwele ezili-13 esifanele singaze sizithabathe lula. Kunokukhankanywa ezininzi ngakumbi. Ukuba siyazixabisa izinto ezinjalo, siya kululondoloza ulwalamano oluhle esinalo noThixo wethu, uYehova, size sifumane intsikelelo yakhe imihla ngemihla. Olunjani lona uxolo lwengqondo oku okuluzisayo, kunye nesazela esihle! Ungaze uluthabathe lula olo lwalamano luxabisekileyo! Mthande uYehova ngentliziyo, ngengqondo, ngomphefumlo nangamandla akho ephela, ibe naye uya kusoloko ekuthanda. (1 Yohane 4:16) Akukho nto inokuyiqhawula loo ntambo yothando ngaphandle kokungathembeki kwakho.—Roma 8:38, 39.
20. Sinokuhamba njani ngokunempumelelo endleleni esa ebomini kwihlabathi elitsha likaYehova?
20 Kwakhona masizixakekise kwinkonzo yoBukumkani, siwanyamekela kakuhle onke amalungelo yaye siwaxabisa onke amalungiselelo okomoya. Ngeentliziyo eziphuphumayo ngumbulelo, ngamana singakulungela ukuthobela yonke imithetho nezikhumbuzo zikaYehova ezingcwele, siqonda ukuba ziye zamiswa ukuze zisikhokele ekuhambeni ngokukhuselekileyo kwindlela esa ebomini. The, njengoko siqhubeka sihamba endleleni emxinwa esa ebomini, sinethemba lokuba uYehova akayi kusilondoloza nje kuphela siphila ukutyhubela imbandezelo enkulu kodwa uya kusinika ubomi obungunaphakade apho kuya kubakho iintsikelelo ezingenasiphelo kwihlabathi lakhe elitsha, ngoku elisemnyango. Konke oku kuya kwenzeka ngenxa yokuba sizixabisa izinto ezingcwele.
Unokuphendula Njani?
◆ Sinokukuphepha njani ukulithabatha lula igama likaYehova nedini lentlawulelo?
◆ Yintoni esenokubonisa ukuba asiluxabisi ulwalamano lwethu noYehova nentlangano yakhe?
◆ Ziziphi ezinye izinto ezibonisa uxabiso esinalo ngeLizwi nangemithetho kaThixo, nangethemba loBukumkani?
◆ Sisenokubonisa njani ukuba iintlanganiso zamaKristu namalungelo olawulo lobuthixo asiwathabathi lula?
◆ Ziziphi ezinye izinto ezingcwele esifanele. sihlakulele uxabiso olunzulu ngazo?