INgoma 18
Sikelela Ubuzalwana Bethu BobuKristu
1. UKristu wathetha
Ngomonde nenceba,
Eyalel’ abanye
Ngeento z’kaYehova.
Uthando lobuzalwana
Uye wal’bonisa;
Wamisa nemizekelo
Yako uk’thobeka.
(Chorus)
2. Ovuy’ amaKristu
Ngoba ethobela.
Abanolulamo
Bayasikelelwa;
Baziwa ngobuzalwana
Nangokuthandana,
Bashumayela ngovuyo
Ulaw’lo lukaYa.
(Chorus)
3. Masise kubantu
Iindaba zoxolo.
S’bancede banyule
Icala l’kaThixo.
S’bancede bafun’ uThixo
Esenok’funyanwa,
Babengabazalwan’ bethu
Nabo bayovuya.
(CHORUS)
Siyakudumisa
Yehova, umkhulu.
Bawo wethu, sikelela
Ub’zalwana bobuKristu.