Musa Ukutyhafa
1 I-1991 Yearbook ibalisa ngolwando oluvuyisayo olukho emhlabeni wonke. Kumazwe amaninzi kukho iincopho ezintsha zabavakalisi.
2 Kodwa kunjani kwintsimi okuyo wena? Ngaba udibana nabantu abangakhathaliyo? Ngaba abantu abanamdla kwisigidimi soBukumkani? Ngaba bambalwa abantu abafumanekayo emakhaya? Ngaba bambalwa abanamkelayo? Ukuba kunjalo, usenokukhuthazwa sesi siluleko sikaPawulos sikumaGalati 6:9: “Ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.” Ngokuqinisekileyo ukwenza okulungileyo kuquka ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kwindlu ngendlu. Simele siqhubeke sishumayela ngenkuthalo de uYehova athi umsebenzi ugqityiwe. (Isa. 6:8) Kwanakwintsimi ekunzima ukuyisebenza, abantu abanjengezimvu basafumaneka.
3 Sinokwenza ntoni ukuze singatyhafi kubulungiseleli? Ukutshintsha indlela esibangena ngayo abantu okanye iintshayelelo zethu kunokuba luncedo. Amacebiso abalaseleyo ayafumaneka kwincwadi Ukuqiqa. Ngaba ukhe wazama ukuwasebenzisa? Intshayelelo emfutshane kodwa ehlab’ emxholweni isenokuthimba ingqalelo yabaninimzi abangakumbi. Benze abantu bazi ukuba ubatyelele kuba unomdla ngokobuqu kubo nakwimpilo-ntle yabo.
NIKELA INCWADI ETHI IINDABA EZILUNGILEYO
4 Ebudeni bukaJanuwari sinokubonakalisa ukubaxhalabela abanye ngokunikela nayiphi na yeencwadi ezindala ezinamaphepha ali-192 ezapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla lenu elinazo esitokhweni. Enye yezi ncwadi yethi Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena. Thina ngokobuqu siyabuncomela kwaye sibuxhasa uBukumkani bukaThixo ngokushumayela iindaba ezilungileyo. Incwadi ethi Iindaba Ezilungileyo isisixhobo esibalaseleyo sokunceda abanye bafunde okungakumbi ngoBukumkani abadla ngokubukhankanya emthandazweni, kodwa benolwazi nje oluncinane ngabo.
5 Sahluko ngasinye sale ncwadi sineengongoma ezibalaseleyo ekunokuthethwa ngazo. Usenokusifumanisa isahluko 1 nomfanekiso okwiphepha 4 ziluncedo kwintshumayelo yakho. Ngubani ongenakuzinqwenela iimeko ezichazwe kwisiqendu 3? Kutheni ungasifundi nje esi siqendu uze umbuze umninimzi enoba iimeko ezinjalo zoze zibekho kusini na kulo mhlaba? Usenokufuna nokusebenzisa isahluko 17, 20 okanye esama-21 xa unikela incwadi ethi Iindaba Ezilungileyo. Kwisahluko 21 usengathanda ukufunda isiqendu 13 uze emva koko uchaze umfanekiso okwiphepha 189. Xa unikela nayiphi na yeempapasho ezindala, kwimpapasho nganye sebenzisa ingongoma engqalileyo eya kumbangela umninimzi abe nomdla kuBukumkani bukaThixo obukuphela kwethemba loluntu.
6 Ngokuqinisekileyo nathi ngokwethu sinokukhuthazeka size somelezwe kukuba nenxaxheba kwethu kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani veki nganye. Ukongezelela koku, sinokuzigcina somelele ngokomoya ngokufundisisa iLizwi likaThixo ngamaxesha onke nangokuba nenxaxheba rhoqo kwiintlanganiso zebandla.—Heb. 10:23-25.
KHUTHAZA ABANYE UKUBA BAHLALE BOMELELE
7 Kwanawe unokuncedakala yaye ukhuthaze nabanye ngokusebenza nabo kubulungiseleli basentsimini. (Gal. 6:10) Kutheni ungabuzi oovulindlela nabadala enoba unokusebenza nabo kusini na? Kwakhona, abo baxhiphulisayo okanye mhlawumbi abapholileyo bebeya kukhuthazwa kukuba nomdla kwakho kwimpilo-ntle yabo yokomoya.
8 Sonke kufuneka sinyamezele enkonzweni kaYehova yaye singatyhafi kule mihla inzima yokugqibela. Unyamezelo olunjalo luya kusenza sikwazi ukulondoloza inzondelelo yethu yobuKristu phezu kwabo nje ubunzima okanye ukungabi namdla kwabanye. (Heb. 10:36-39) Thandazela amandla kuYehova. (Isa. 40:29-31) Mcele akuncede ukuba unyamezele, yaye gcina isimo sengqondo esihle. Khumbula ukuba senza umsebenzi kaThixo. Uyakubona oko sikwenzayo enkonzweni yakhe, ibe akalibali. (Heb. 6:10) Ngoko masingatyhafi! Kunoko, masisoloko “siphuphuma umsebenzi weNkosi,” sikholosa ngoYehova ukuba asomeleze ekwenzeni lo msebenzi wakhe ‘ulungileyo.’—1 Kor. 15:58; Gal. 6:9.