INgoma 192
Ukwazisa Inyaniso YoBukumkani
1. Kwakukh’ ixa lokungazi
Yon’ indlela yobuthixo.
Kodwa sathunyelw’ ukhanyo
Lolawulo lukaThixo.
2. Ilungelo salibona
Lokukhonza uYehova
Sidumis’ uThixo wethu,
Sazis’ igam’ elikhulu.
3. Siyangqina ebantwini
Kwizindlu nasez’tratweni.
Sibafundisa ngomonde
Ukuze bakhululeke.
4. Siyazama wonk’ umhlaba
Olu nqulo silwazisa;
Ngok’thembeka masikhonze,
De kuthiwe kugqityiwe.