INgoma 151
Masivakalise Ezi Ndaba Zilungileyo ZoBukumkani
1. Vakalisa ke ngolaw’lo lukaKristu noYise.
Vakalis’ iindaba ‘ez’lung’leyo!
Nasekuzivakaliseni umel’ ukhaliphe.
Vakalis’ iindaba ez’lung’leyo!
Vakalisa ukuba bafika uBukumkani
Ngaz’ iincwadi kwiminyango nasez’tratweni
Vakalisa ke ngob’chule nangokungafihlisi.
Vakalis’ iindaba ez’lung’leyo!
2. Vakalis’ isidlo esihle es’yoziswa nguYa.
Vakalis’ iindaba ez’lung’leyo!
Xa abalulamileyo boz’yolisa ngokudla.
Vakalis’ iindaba ez’lung’leyo!
Kwesi sidlo abanxaniweyo bonke bosela
Nabalambileyo bayodla ngokwanela.
Vakalisa lon’ usindiso oluzayo msinya.
Vakalis’ iindaba ez’lung’leyo!
3. Vakalis’ ulonwab’ olukuBukumkani bakhe.
Vakalis’ iindaba ez’lung’leyo!
Sith’ othanda uYehova angek’ anxunguphale.
Vakalis’ iindaba ez’lung’leyo!
Vakalis’ uncedo kwabo benze ok’lungileyo.
Vakalis’ uxolo kwabathembe uThixo.
Vakalisa ulonwabo lokukhonza uThixo.
Vakalis’ iindaba ez’lung’leyo!