INgoma 121
Inyaniso Ekhulula Abantu
1. Iz’profeto kwanoMthetho wexa lakudala
Zalath’ inyaniso entle esithe say’bona.
Inyanis’ ekhululayo engembew’ kaThixo
Indlel’ abant’ abanok’zuz’ ubom’ obububo.
2. UYes’ wathi: ‘Ndim indlela, ubom’ inyaniso.’
Wez’ emhlabeni eze kusihlaw’lel’ isono,
Nok’thethelela uYise njengowenyaniso,
Uthob’ iintshaba z’kaThixo ‘kwixesha les’phelo.’
3. Ngay’ uKristu inyaniso yenziwe yabakho.
Siqin’sekile ukuba sophela isono.
UyiMbewu ezukisa Yena ngokwenz’ oko.
Ulaw’la njengokumkani; siyakutsho oko.
4. Ngenyaniso enik’ ukholo s’yashumayela.
Ngeendaba ezilungileyo s’ye saxhotyiswa.
UBukumkani BukaKristu siyabumela,
Senz’ ukuba baziwe ngabo bonke abantu.