INgoma 20
Vumani Ingoma Yokuchwayitela UBukumkani
1. Vumani ngoBukumkani,
Nonk’ ehlabathini,
Le ngoma yoBukumkani
Yaye ningoyiki (Chway’tani).
Iinyawo zintlengenene
Kwabavakal’sayo (Ulaw’lo).
Zonk’ iintlanga mazaziswe:
‘Nosinda ngoThixo.’
2.Kwingoma yoBukumkani
Sidumisa uYa.
Simkhonza ke ngobulali,
Sincoma igama (likaYa).
Iz’thixo ezikhonzwayo
Azinaxabiso (Kwabazo).
Ngeke s’tyeke kolu nqulo
Nakuy’ inyaniso.
3. Vumani ingoma entsha:
“UYa ngukumkani.”
Ulaw’lo lwakhe ngoNyana
Lukho ezulwini (Vuyani).
UYa wogweb’ ihlabathi
Ngob’lungisa bakhe, (wothi ke)
Asikelel’ abakhonzi
Kuba belungile.