INgoma 6
Vakalisani Iindaba Ezilungileyo Ezingunaphakade
1. Es’bhakabhaken’ is’thunywa s’kaYehova
Sineendab’ ezintle iyaphaphazela.
Sisithi: ‘Zukisa’ uThix’ law’layo.
Ewe, nikhonze yena yedwa uThixo.
Selifikile ixa lakhe lok’gweba
Kamsinya bonk’ abangendawo bophela.
Ngok’ abashumayeli boBukumkani
Bavakalisa ezi ndab’ emhlabeni.
2. Is’thunywa sesibini ngoku sithini
Ukuze nathi siwenze lo msebenzi?
Sith’ iwil’ iBhabhel’ Enkulu oyanamhla,
Nokuba yotshatyalaliswa kamsinya.
Ngoku uThix’ uthi masivakalise
Impindezelo nokuthethelwa kwakhe.
Naxa inkul’ intsimi yok’shunyayezwa,
Is’thunywa sikaThixo sosikhokela.
3. “UNyana woMntu” nazo zonke iz’thunywa
Sebeqalile ukugweba iintlanga.
Thiyan’ okubi. Nenz’ okulungileyo.
Noyik’ uYa yedwa nigcin’ imithetho.
INkosi yasinika elo lungelo
Lok’vakalisa nok’fundis’ inyaniso.
Siyanivuselela nonke sisithi:
“Nqulani uYehova nathi, mkhonzeni.”