UBukumkani
Ingcaciso: UBukumkani bukaThixo buyimbonakaliso yolongamo lukaYehova lwendalo iphela kwizidalwa zakhe, okanye buyinto esetyenziswa nguye ukubonakalisa olo longamo. Eli gama lisetyenziswa ingakumbi ukuchaza imbonakaliso yolongamo lukaThixo ngoburhulumente basebukhosini obukhokelwa nguNyana wakhe, uYesu Kristu. “UBukumkani” busenokubhekisela kulawulo lwalowo uthanjiswe njengoKumkani okanye kummandla wasemhlabeni olawulwa bobo burhulumente basezulwini.
Ngaba uBukumkani bukaThixo bungurhulumente wokwenene?
Okanye, kunoko, buyimeko esezintliziyweni zabantu?
Luka 17:21: “Kanjalo akuyi kuthiwa, Nabu apha! Nabuya phaya! Kuba, yabonani, ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu [kwaneKJ, AP, TEV, Dy; kodwa “buphakathi kwenu,” KJ eludinini, NE, JB, RS, NW].” (Phawula ukuba, njengoko kuboniswe yindinyana 20, uYesu wayethetha nabaFarisi, awathi kwakhona wabagxeka njengabahanahanisi, ngoko wayengenakuthetha ukuba uBukumkani babusezintliziyweni zabo. Kodwa uBukumkani njengoko babumelwa nguKristu babuphakathi kwabo. Ngaloo ndlela iThe Emphatic Diaglott ifundeka ngolu hlobo: “Ubungangamsha bukaThixo basebukhosini buphakathi kwenu.”)
Ngaba iBhayibhile ngokwenene iyathetha ngoBukumkani bukaThixo njengobungurhulumente?
Isa. 9:6, 7: “Sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela [“uburhulumente,” RS, KJ, AT, Dy; “ulawulo,” ngokweJB, NE; “ulawulo lwetshawe,” NW] kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela . . . nasebukumkanini [eburhulumenteni] bakhe.”
Ngoobani abalawuli abaseBukumkanini?
ISityhi. 15:3: “Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga.”
Dan. 7:13, 14: “Nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu [uYesu Kristu; bona uMarko 14:61, 62], wafika kuNyangelemihla [uYehova uThixo], wasondezwa phambi kwakhe. Wanikwa [uYesu Kristu] igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse.”
ISityhi. 5:9, 10: “Wena [Yesu Kristu] waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho siphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga; wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu; sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.” (KwiSityhilelo 14:1-3 kuthiwa aba ‘bathengwa emhlabeni’ ukuze babe ngabalawuli neMvana kwiNtaba yaseZiyon esezulwini bali-144 000.)
Obu Bukumkani buya kuba nawuphi umphumo koorhulumente babantu?
Dan. 2:44: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.”
INdu. 2:8, 9: “Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, iziphelo zehlabathi zibe zezakho. Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.”
Buya kufeza ntoni uBukumkani bukaThixo?
Buya kungcwalisa igama likaYehova buze buxhase ulongamo lwakhe
Mat. 6:9, 10: “Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho.” (Apha ukungcwaliswa kwegama likaThixo kunxityelelaniswe ngokusondeleyo nokuza koBukumkani bakhe.)
Hez. 38:23: “Ndiya kuzikhulisa, ndizingcwalise, ndizazise ngokwam emehlweni eentlanga ezininzi; zazi ukuba ndinguYehova.” (Igama likaThixo liya kucocwa kulo lonke ungcikivo; liya kuphathwa njengelingcwele nanjengelifanele ukuhlonelwa, ibe bonke abaphilayo baya kuba ngabantu abaluxhasa ngokuvumayo ulongamo lukaYehova, abavuyiswa kukwenza ukuthanda kwakhe. Uxolo nempilontle yayo yonke indalo zixhomekeke ekungcwalisweni kwegama likaYehova ngolo hlobo.)
Buya kuphelisa ulawulo lukaSathana olunyanyezelweyo ehlabathini
ISityhi. 20:2, 3: “Sayibamba [okuthetha uKumkani wasezulwini, uYesu Kristu] inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonxa iminyaka eliwaka. Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.” (Ngaloo ndlela uluntu luya kukhululeka kwimpembelelo yobusathana ethe yenza ubomi banzima gqitha ebantwini abafuna ukwenza okufanelekileyo. Iya kube ingekho impembelelo ebumtyholi ebangele izenzo zenkohlakalo egqithiseleyo nempembelelo ebudemon eye yazalisa ubomi babaninzi ngoloyiko.)
Buya kumanyanisa yonke indalo ekunquleni uThixo omnye oyinyaniso
ISityhi. 5:13; 15:3, 4: “Zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi: Kulowo uhleli etroneni [uYehova uThixo], nakuyo iMvana [uYesu Kristu], Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” “Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga. Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.”
Buya kubuyisela uluntu kulwalamano lwemvisiswano noThixo
Roma 8:19-21: “Ukulangazelela kwendalo [uluntu] kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo [ubungqina bokuba abo bavuselwe kubomi basezulwini ukuba noYesu Kristu bayasebenza njengabalawuli]. Kuba indalo yalulanyiselwa kokungelutho, kungengakuvuma kwayo, kungenxa yowayilulamisayo, inethemba lokuba nendalo ngokwayo [uluntu ngokubanzi] iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.”
Buya kukhulula uluntu kuso sonke isisongelo semfazwe
INdu. 46:8, 9: “Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova: owenze iziphanziso ehlabathini; ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.”
Isa. 2:4: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”
Buya kuphelisa abalawuli abonakeleyo nengcinezelo emhlabeni
INdu. 110:5: “INkosi [uYehova, NW] ngasekunene kwakho iya kuphalusa okumkani ngemini yomsindo wayo.”
INdu. 72:12-14: “Uya [uKumkani kaYehova onguMesiya] kulihlangula ihlwempu elizibikayo, nabaziintsizana abangenaluncedo; abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; asindise imiphefumlo yamahlwempu; akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; linqabile emehlweni akhe igazi lawo.”
Buya kulungiselela intabalala yokutya kuluntu lonke
INdu. 72:16: “Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.”
Isa. 25:6: “UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba [kwiNtaba yeZiyon esezulwini, esisihlalo soBukumkani bukaThixo, apho kuya kulungiselelwa abalawulwa babo basemhlabeni], isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa.”
Buya kushenxisa ukugula nazo zonke iindidi zeziphene
Luka 7:22; 9:11: “Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama ziyabuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.” “Wazamkela ke [uYesu Kristu]; wayethetha kuzo ngabo ubukumkani bukaThixo; wayebaphilisa ababeswele impilo.” (Ngaloo ndlela uYesu wayebonisa oko njengoKumkani wasezulwini aya kukwenzela uluntu.)
Buya kulungiselela amakhaya afanelekileyo kumntu wonke
Isa. 65:21, 22: “Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi.”
Buya kuqinisekisa umsebenzi owanelisayo kubo bonke
Isa. 65:23: “Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.”
Buya kuqinisekisa unqabiseko, ukukhululeka kwingozi enokuziswa emntwini okanye iziswe empahleni
Mika 4:4: “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.”
INdu. 37:10, 11: “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”
Buya kubangela ubulungisa nokusesikweni kwesamele
2 Pet. 3:13: “Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.”
Isa. 11:3-5: “Angagwebi [uKumkani onguMesiya] ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe. Uya kuligweba ityala lezisweli ngokobulungisa, abalungiselele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye, . . . yoba bubulungisa iqamesi lesinqe sakhe, ibe yintembeko iqamesi lamanqe akhe.”
Buya kukhusela uluntu kuko nakuphi na ukwenzakala okubangelwa ngamandla emvelo
Marko 4:37-41: “Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. . . . Wavuka [uYesu], wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. . . . Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?” (Ngaloo ndlela uKristu wabonakalisa amandla yena njengoKumkani wasezulwini aya kuba nawo phezu kwezinto zemvelo ezinjalo.)
Buya kuvusa abafileyo
Yoh. 5:28, 29: “Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe [ilizwi likaKristu uKumkani]; baphume ke.”
ISityhi. 20:12: “Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo [leyo bayenze emva kokuvuswa kwabo; thelekisa amaRoma 6:7].”
Buya kushenxisa konke ukufa okubangelwe kukuzuzw’ ilifa kwesono sika-Adam
Isa. 25:8: “Iya kuginya ukufa kuphele, izisule inkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke.”
ISityhi. 21:4: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”
Buya kulungiselela ihlabathi apho abantu bathandana ngokwenyaniso
Yoh. 13:35: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam [ngenxa yoko, nibe ngabaza kuba zizinxulumani zikaYesu kuBukumkani basezulwini okanye abalawulwa basemhlabeni bobo Bukumkani], ukuba nithe nathandana.”
Buya kubangela izilwanyana kwanabantu babe nolwalamano lwemvisiswano
Isa. 11:6-9: “Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto. Ithokazi lenkomo nemazi yebhere ziya kudla utyani ndawonye, amankonyana azo abuthe ndaweni-nye; ingonyama idle umququ njengenkomo; adlale umntwana owanyayo emgxunyeni wephimpi, olunyulweyo ase isandla sakhe elukhozweni lweliso lerhamba. Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele.” (KwanoIsaya 65:25)
Hos. 2:18: “Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso namarhamncwa asendle, neentaka zezulu, nezinambuzane zomhlaba; . . . nibahlalise bekholosile.”
Buya kwenza umhlaba ube yiparadisi
Luka 23:43, NW: “Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadisi.”
INdu. 98:7-9: “Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo, elimiweyo nabemi balo. Imilambo mayibethe izandla, zimemelele kunye iintaba phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, izizwe ngokuthe tye.”
Thelekisa iGenesis 1:28; 2:15; Isaya 55:11.
Babumele buqalise nini ukulawula uBukumkani bukaThixo?
Ngaba baqalisa ngenkulungwane yokuqala?
Kol. 1:1, 2, 13: “UPawulos umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela . . . abangcwele [abo babeziindlalifa zoBukumkani basezulwini] . . . [uThixo] owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela [thina bangcwele, malungu ebandla lamaKristu] ebukumkanini boNyana wothando lwakhe.” (Ngoko uKristu, wayeqalise ngokwenene ukulawula ibandla lamaKristu kwinkulungwane yokuqala, ngaphambi kokubhalwa koku, kodwa ukumiselwa koBukumkani ukuba bulawule phezu komhlaba wonke kwakuseza kwenzeka kwikamva.)
1 Kor. 4:8: “Senihluthi, senizizityebi, nalawula ningenathi; akwaba ke kanti beningabalawuli, ukuze nathi silawule kunye nani.” (Licacile elokuba umpostile uPawulos uyabaluleka ngokuba nembono ephosakeleyo.)
ISityhi. 12:10, 12: “Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani, lwaba lolukaThixo wethu, negunya laba lelikaKristu wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo emehlweni kaThixo wethu imini nobusuku. Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni. Ngenxa yoko yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” (Ukumiselwa koBukumkani bukaThixo apha kunxulunyaniswa nokuphoswa ngaphandle kwezulu kukaSathana. Oku kwakungekenzeki ngexesha lemvukelo e-Eden, njengoko kuboniswe kuYobhi isahluko 1, 2. ISityhilelo sabhalwa ngowama-96 C.E., ibe ISityhilelo 1:1 sibonisa ukuba sithetha ngeziganeko ezaziza kwenzeka kwithuba elizayo.)
Ngaba ukulawula koBukumkani bukaThixo kumele kulindele ukuguquka kwehlabathi?
INdu. 110:1, 2: “Utsho uYehova eNkosini yam [uYesu Kristu] ukuthi, Hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isitulo seenyawo zakho. Intonga yamandla akho uya kuyithumela uYehova, ivela eZiyon, esithi, Yiba nobukhosi phakathi kweentshaba zakho.” (Ngoko kwakuza kubakho iintshaba ekwakumele abe nobukhosi kuzo; asingabo bonke ababeza kuzithoba kulawulo lwakhe.)
Mat. 25:31-46: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu [uYesu Kristu] esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; . . . Baya kumka aba [babengabonisi luthando kubazalwana bakhe abathanjisiweyo] baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.” (Ngokucacileyo, asilulo lonke uluntu olwaluza kuguquka ngaphambi kokuba uKristu ahlale etroneni yakhe; asingabo bonke ababeya kuzingqina bengamalungisa.)
Ngaba iBhayibhile iyalibonisa ixesha laxa uBukumkani babuya kuqalisa ulawulo lwabo?
Bona iphepha 133-135, phantsi komxholo omkhulu othi “ImiHla Yeziganeko,” nephepha 135-140, phantsi kothi “ImiHla Yokugqibela.”
Ukuba Ubani Uthi—
‘Abuyi kufika ngethuba lokuphila kwam’
Usenokuphendula uthi: ‘Kodwa buza kufika ngethuba lokuphila komntu othile, akunjalo na? . . . Ngaba nabani na ebeya kwazi ukuba isizukulwana akuso yayiseso sasiza kububona? Abapostile bakaYesu babefuna ukwazi oko, ibe impendulo awabanika yona ibaluleke gqitha kuthi namhlanje. (Mat. 24:3-14; Luka 21:29-32)’
Okanye unokuthi: ‘Imbono elolo hlobo iqheleke gqitha. Kodwa amaNgqina kaYehova akholelwa ngamandla, ngokwesizinzi seBhayibhile, ukuba uBukumkani bukaThixo sele bulawula emazulwini nokuba kuxhomekeke kuthi ukubonisa enoba siyakufuna na ukuqhubeka siphila emhlabeni phantsi korhulumente kaThixo wobulungisa okanye asifuni. Kungeso sizathu le nto ndikutyeleleyo namhlanje. Phawula okuthethwe apha kuMateyu 25:31-33.’