Yiba Nenyameko Uze Ucokise Kubulungiseleli
1 Umpostile uPawulos wayithabatha nzulu imbopheleleko ayinikwe nguYehova ngokuba nenyameko aze acokise njengoko wayeshumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke ababeya kuphulaphula. Ngentembelo wabaxelela oku abaveleli ababehlanganisene e-Efese: “Nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.” (IZe. 20:24) Ngaba oku akusishukumiseli ekuthini nathi siyibone imfuneko yokwenza ngokufanayo?—1 Kor. 9:16.
KWINTSIMI ESETYENZWA NGOKUFUTHI
2 Inyameko ifuneka ngokukhethekileyo xa intsimi yethu isetyenzwa ngokufuthi gqitha. Phezu kwako nje ukuba intsimi incinane, sifanele sishukunyiselwe ukutyelela ngokufuthi. Yenzani unako nako wokuthetha nabo bonke abantu kwikhaya ngalinye, nize ngokunenkqubela nincede abantu abanyanisekileyo ukuba baliqonde ithemba elisekelwe eBhayibhileni loBukumkani bukaThixo.
3 Xa intsimi yethu isetyenzwa ngokufuthi, enye ingenelo yokuba nenyameko ikukuba sinokuqhelana ngokusondeleyo nabaninimzi. Oku kunokubenza basamkele ngomzimba okhululekileyo ezindlwini zabo. Kukho amacebiso abalaseleyo kwincwadi Ukuqiqa esinokuwasebenzisa ukuze sikwazi ukusebenzisa iintshayelelo ezahlukahlukeneyo kwintsimi esetyenzwa ngokufuthi.—Bona Ukuqiqa, iphepha 9-15.
4 Kusenokubakho izihlandlo zaxa abantu esibatyelelayo, ngoxa bebonakalisa umdla, bangalwamkeli uncwadi lwethu. Sifanele sisabele njani? Inzondelelo yethu ekucokiseni iya kusishukumisela ekubeni sizingise ekukhuliseni loo mdla. Ukuhlakulela oko kutyaliweyo ezintliziyweni zabo kusenokubashukumisela ekuthini ekugqibeleni bamkele isifundo seBhayibhile. Omnye umzalwana wabuyela kumninimzi onomdla kangangeeveki ezintlanu zilandelelana kungekho ncwadi aluhambisileyo. Xa wayetyelela okwesihlandlo sesithandathu, umninimzi walwamkela uncwadi, yaye ekugqibeleni kwaqaliswa isifundo seBhayibhile.
UKUNIKELA IINCWADANA EZINEMIFANEKISO
5 Ebudeni bukaJulayi noAgasti, uMxholo wethu Wencoko uya kube usithi “Ihlabathi Elitsha—Ngubani Oya Kuluzisa?” Lo mxholo uphangalele ngokwaneleyo ukuba ungasetyenziswa xa kunikelwa nayiphi na yezi ncwadana zinemifanekiso zilandelayo: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, nethi Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi. Ukuba sizinika ixesha lokuqhelana nezi ncwadana zinemifanekiso, siya kufumana iingongoma eziliqela esinokuthetha ngazo nesinokuzisebenzisa kunye noMxholo Wencoko.
6 Ngokomzekelo, sinokuzazisa size sithi: “Ucinga ntoni ngezithembiso zabantu zokuzisa uxolo lwehlabathi? [Mvumele aphendule.] Qwalasela oko iBhayibhile ikutshoyo ngamandla abantu kule nkalo. [Funda uYeremiya 10:23.] Ukutyhubela iinkulungwane, buye badandalaza ubungqina bokuba ngokwenene umntu akanawo amandla okuzilawula. Noko ke, phawula idinga elinyanisekileyo likaThixo. [Funda eyesi-2 kaPetros 3:13.] Ngoko idinga eliqinisekileyo likaThixo lehlabathi elitsha liya kuzaliseka.” Ukuba sisebenzisa incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona,” sinokutsalela ingqalelo yomninimzi koko kuchazwe kwiphepha 30, isiqendu 58. Xa sinikela incwadana enemifanekiso ethi Urhulumente, sinokubalaselisa oko kuchazwe kwisiqendu sokuqala kwiphepha 3. Umfanekiso okwiqweqwe lencwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe unomtsalane ngokwenene yaye uyahambelana noMxholo Wencoko. Kwakhona, kunokusetyenziswa isiqendu sesithathu kwiphepha 31 lencwadana enemifanekiso ethi Igama LikaThixo.
7 Ukuyigubungela ngenyameko nangokucokisekileyo intsimi yethu ngeendaba ezilungileyo kuya kuphumela ekusindisweni kwabo basiphulaphulayo. (1 Tim. 4:16) Ixesha lixhatshwe yinja! Ngoko ke, kwanga singabonisa inyameko yaye sibunikele ngokucokisekileyo ubungqina njengoko sisiba nesabelo ngokuzeleyo ekushumayeleni esi sigidimi sosindiso.