INgoma 134
“Yibani Ngamadoda”
1. “Nanko umntu,” watsho uPilato
Ethetha ngoYesu ongumzekelo!
Ngokungenadyudyu waloyisa
Lona ihlabathi elinentiyo.
2. UYesu wabek’ umzekel’ omhle.
Yaye kufuneka sibe njengaye.
Yaye njengok’ imfazw’ isondele
Mas’hlale s’qinile; sikhaliphile.
3. Kufuneka sibe nenkalipho
Njengabo abantu bakaYehova.
Njengoko sisondel’ isiphelo
Sale Nkqub’ indala, siyokhalipha.
4. Nina ke madoda nabafazi
Abakhonz’ uThixo, jongan’ uNyana.
Ningoyiki, hlalan’ niqinile.
Abanenkalipho baya koyisa.