INgoma 187
Zonke Izinto Zenziwe Ntsha
1. Sibon’ umqondiso woBukumkani.
UNyana kaYa usetroneni.
Kuba emazulwini woyisa,
Ukuthanda kwakhe kokwenziwa.
(Chorus)
2. Sibon’ iYerusalem entsha ngoku
Enjengomtshakazi wakh’ uKristu
Ngamaty’ anqab’leyo uhombile.
Nokukhanya kukaYa kukuye.
(Chorus)
3. Ke bonke banovuyo k’lo mzi wakhe.
Umasango ahlal’ evuliwe.
Iintlanga zohamb’ ekukhanyeni;
Makukhanyiselwe ihlabathi.
(CHORUS)
OkaThixo won’ umnquba
Unal’ uluntu lwakh’ uYa.
Ak’nakubakho ntlungu nes’jwili.
Kophel’ ukufa kunye nosizi;
Kub’ uth’: ‘Iinto zonke ndizenza ntsha.
Nditsho ngokunyan’seka.’