INgoma 174
Phaphani, Yimani, Yomelelani
1. Ke, phaphani, ze niqine
Kweli dabi lomoya.
Njengamadoda nizame
Kuba niya koyisa.
Phants’ koKrist’ onjengoGidiyon,
S’phahl’ iinkampu zamaMidiyan.
Kamsinya kobakho intswahla
Ze zibhace iintshaba.
2. Ke, phaphani, nibe ngcathu,
Thobelani uKristu.
Nize nime ngeendaw’ zenu
Ngokutsho koMphath’ wenu.
Ngomzekelo wakhe siqonda
Indlela yokukholis’ uYa.
Ngoko sikhonza njengomkhosi
S’thobel’ u Thix’ omkhulu.
3. Ke, phaphani, ninomonde;
Lindelani kuThixo.
Kub’ ulaw’la into yonke;
Ngek’ ibambezel’ iNkos’
UMkhokeli wosixelela
Ukuba linini ilixa.
Mas’thobel’ umthetho walo mlo
De athethelw’ uThixo.
4. Ke, phaphani, nimanyane.
Ekuben’ nesabelo.
Kuhle sibe nentobelo
Kulaw’lo lobuthixo
Masidanduluke sisithi:
“Ikrele l’kaYa noGid’yoni!”
Ke phaphani ze nime nimi,
De kufik’ isiphelo.