INgoma 23
Idinga LeBhayibhile Kuluntu
1. Le yimihla yobumnyama
Oboyikekayo kuyo yonk’ indalo.
Bafathula, ngobumfama,
Ngoxa le nkqub’ iphela.
IZibhalo zibangel’ imincili
Ngok’ bonis’ ubukho boBukumkani.
Iinyembezi zosulwa emehlweni.
Aninakoyika; yiban’ nes’bindi.
2. Ubusuku bunentlungu,
Kuba kuyacaca wonk’ umntu uyafa.
Ngek’ abekho osindayo;
Konke kungamampunge.
IZibhalo zis’nika eli themba
Lokuba abafi baya kuvuswa.
Amanz’ obomi bayowaseliswa.
Ezo zindab’ ezintle z’kaYehova.
3. Ngok’qhayisa badel’ uYa
Bengenantlonelo, Bengabasileyo.
Ngok’ uMtyholi ngumlawuli;
Kubi kwindawo zonke.
IZibhalo zisixelel’ ukuba
Kobakho umgwebo ovela kuYa.
Bonk’ abangendawo bayotshayelwa,
Kodw’ amalungisa aya kuphila.