Iintshayelelo Ezinokusetyenziswa Kubulungiseleli Basentsimini
Amagqabaza: Xa ucinga ngohlobo lwentshayelelo omele ulusebenzise xa unesabelo kubulungiseleli basentsimini, kufuneka uqwalasele ngenyameko izinto ezintathu: (1) Isigidimi esithunywe ukuba sisinikele ‘zezi ndaba zilungileyo zobukumkani.’ (Mat. 24:14) Kwanaxa singasixubushi ngokungqalileyo, simele sicinge ngokunceda abantu babone imfuneko yaso, okanye mhlawumbi sishenxise imiqobo enokubangela bangavumi ukusiqwalasela. (2) Inkxalabo yokwenyaniso ngempilontle yabantu esihlangana nabo iya kusinceda, njengoko yamncedayo uYesu, ukufikelela iintliziyo. (Marko 6:34) Umdla ongokwenyaniso ngolo hlobo usenokuboniswa ngoncumo oluhle nangendlela yobuhlobo, ukuvuma ukuphulaphula xa bethetha nasekuhlengahlengiseni esikuthethayo kuvisisane noko, nokusebenzisa kwethu imibuzo ebakhuthaza ukuba bathethe okungaphakathi kubo ukuze siyiqonde kakuhle imbono yabo. EyokuQala yabaseKorinte 9:19-23 ibonisa ukuba umpostile uPawulos wayihlengahlengisa intshumayelo yakhe yeendaba ezilungileyo ukuze ilungele iimeko zabantu awayethetha nabo. (3) Kwiindawo ezithile zehlabathi, iindwendwe zilindelwe ukuba zigcine amasiko athile ngaphambi kokuchaza isizathu sokutyelela kwazo. Kwezinye iindawo umninimzi usenokulindela undwendwe olungamenywanga ukuba luthethe eyona nto luyizeleyo ngokukhawuleza.—Thelekisa uLuka 10:5.
Iintshayelelo ezilandelayo zibonisa indlela amaNgqina athile anamava ayiqalisa ngayo incoko. Ukuba iintshayelelo ngoku ozisebenzisayo kunqabile ukuba zivule indlela yencoko, zama amanye ala macebiso. Xa usenjenjalo, ngokungathandabuzekiyo uya kufuna ukuzichaza ngawakho amazwi. Kwakhona, uya kukufumanisa kuluncedo ukufumana amacebiso kwamanye amaNgqina akwibandla okulo nanempumelelo entle ekuthetheni nabantu.
IARMAGEDON
● ‘Abantu abaninzi bayixhalabele iArmagedon. Bazivile iinkokeli zehlabathi zisebenzisa eli gama xa zibhekisela kwimfazwe epheleleyo yenyukliya. Wena ukholelwa ukuba iArmagedon iya kuthetha ntoni kuluntu? . . . Ngokwenene, igama elithi Armagedon liphuma eBhayibhileni, yaye lithetha into eyahluke kakhulu kwinto eli gama ngokuqhelekileyo elisetyenziselwa ukuyichaza. (ISityhi. 16:14, 16) IBhayibhile ikwabonisa ukuba kukho izinto esinokuzenza ngokobuqu ukuze sisinde. (Zef. 2:2, 3)’ (Bona kwanephepha 27-32, phantsi komxholo omkhulu othi “IArmagedon.”)
IBHAYIBHILE/UTHIXO
● ‘Bhota. Ndikutyelele nje ngokufutshane ukuze ndabelane nawe ngesigidimi esibalulekileyo. Khawuphawule oko sikuthethayo apha eBhayibhileni. (Funda isibhalo, esinjengeSityhilelo 21:3, 4.) Ngaba ucinga ntoni ngaloo nto? Ngaba ivakala inengqiqo kuwe?’
● ‘Sithetha nabamelwane bethu ngendawo apho kunokufunyanwa khona uncedo olusebenzisekayo lokuhlangabezana neengxaki zobomi. Kwixa elidluleyo, abantu abaninzi baye baya eBhayibhileni. Kodwa siphila kwixesha lokuguquka kwezimo zengqondo zabantu. Wena uvakalelwa njani ngale nto? Ngaba uyakholelwa ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo okanye unoluvo lokuba iyincwadi nje emnandi eyabhalwa ngabantu? . . . Ukuba iphuma kuThixo, ucinga ukuba umntu angaqiniseka njani ngaloo nto?’ (Bona iphepha 70-80, phantsi komxholo omkhulu othi “IBhayibhile.”)
● ‘Ndivuyiswa kukukufumana ekhaya. Ndincokola nabamelwane bam ngento ekhuthazayo ephuma eBhayibhileni (okanye, iZibhalo Ezingcwele). Ngaba wakha wazibuza: . . . ? (Buza umbuzo okhokelela kumxholo wakho wengxubusho.)’
● ‘Sikhuthaza abantu ukuba bafunde iBhayibhile yabo. Iimpendulo ezinikelwayo kwimibuzo ebalulekileyo zidla ngokumangalisa abantu. Ngokomzekelo: . . . (INdu. 104:5; okanye Dan. 2:44; okanye ezinye).’
● ‘Sityelela nje ngokufutshane abamelwane bethu namhlanje. Abantu abathile esithetha nabo banentembelo kuThixo. Abanye bakufumanisa kunzima ukukholelwa kuye. Wena uvakalelwa njani? . . . IBhayibhile isikhuthaza ukuba siqwalasele ukubaluleka kwendalo ebonakalayo. (INdu. 19:1) Lowo omithetho yakhe ilawula ezi ziqu zasezulwini ukwasilungiselele ulwalathiso oluxabisekileyo. (INdu. 19:7-9)’ (Bona kwanephepha 350-356, 99-104, 84-88phantsi komxholo omkhulu othi “UThixo” nothi “InDalo.”)
UBOMI/ULONWABO
● ‘Sityelela abamelwane bethu ukuze sifumane abantu abayixhalabele ngokunzulu intsingiselo yobomi. Inkoliso yabantu iziva yonwabile ngomlinganiselo othile. Kodwa nabo bajongana neengxaki ezininzi. Njengoko sikhula ngokweminyaka, siyaqonda ukuba ubomi bufutshane gqitha. Ngaba oku koko ubomi bumele bube kuko? Uvakalelwa njani koku? . . . (Khawugqabaze ngenjongo kaThixo yangaphambili njengoko yabonakaliswa e-Eden; yandula ugqabaze ngoYohane 17:3 neSityhilelo 21:3, 4.)’ (Bona kwanephepha 80-85, phantsi komxholo omkhulu othi “UBomi.”)
● ‘Namhlanje sibuza abamelwane bethu ngoko bakucingayo xa befunda kwiiBhayibhile zabo ibinzana elithi “ubomi obungunaphakade.” Oku kokomdla okhethekileyo kuba elo binzana libonakala eBhayibhileni izihlandlo ezinokuba ngama-40. Ubomi obunjalo busenokuthetha ntoni kuthi? . . . Sisenokubufumana njani? (Yoh. 17:3; ISityhi. 21:4)’
● ‘Sithetha nabantu ababuxhalabele ngokwenyaniso ubunjani bobomi namhlanje. Uninzi lwethu luyakuvuyela ukuphila, kodwa abaninzi bayazibuza, Ngaba ubomi obonwabisa ngokwenyaniso bunokubakho? Uvakalelwa njani ngoko? . . . Ubungathi uyintoni omnye wemiqobo eyiyeyona mikhulu kulonwabo namhlanje? . . . (INdu. 1:1, 2; izibhalo ezingakumbi ezifanela okuxhalabisa umninimzi)’
UBUKUMKANI
● ‘Ekuthetheni nabamelwane bam, ndiye ndaphawula ukuba abaninzi bayakunqwenela ukuphila phantsi korhulumente onokuzicombulula ngokwenene iingxaki ezinkulu ezijongene nathi namhlanje—ulwaphulo-mthetho neendleko eziphakamileyo zokuphila (okanye nakuphi na okucingwa ngabantu abaninzi ngeli thuba). Oko kuyanqweneleka, akunjalo na? . . . Ngaba ukho urhulumente onjalo namhlanje? . . . Abantu abaninzi baye bamthandazela ngokwenene urhulumente onokwenza ezo zinto. Ngokungathandabuzekiyo nawe uye wamthandazela, kodwa asibantu baninzi abamcingela njengorhulumente. (Dan. 2:44; INdu. 67:6, 7; Mika 4:4)’ (Bona kwanephepha 85-93 nelama-304-309, phantsi komxholo omkhulu othi “UBukumkani” nothi “URhulumente.”
● ‘Sibuza abamelwane bethu lo mbuzo. Besingayivuyela impendulo yakho. Uyazi yintoni, uYesu wasifundisa ukuba sithandazele uBukumkani bukaThixo ukuba buze nokuba ukuthanda Kwakhe kwenziwe emhlabeni njengokuba kusenziwa ezulwini. Ngaba ucinga ukuba lo mthandazo uya kuze uphendulwe ukuze ukuthanda kukaThixo ngokwenene kube kunokwenziwa apha emhlabeni? . . . (Isa. 55:10, 11; ISityhi. 21:3-5)’
● ‘Ndixubusha nabamelwane bam ngembambano thina sonke esimele sijongane nayo: Ngaba sikhetha urhulumente kaThixo, okanye sikhetha ulawulo lwabantu? Ngenxa yeemeko ezikwihlabathi namhlanje, ngaba unoluvo lokuba sifuna into engaphezulu koko abantu abayivelisileyo? . . . (Mat. 6:9, 10; INdu. 146:3-5)’
ISIFUNDO SEBHAYIBHILE SEKHAYA
● ‘Ndityelela ukuze ndizinikele kuwe ukuba ndikuqhubele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. Ukuba ubungavuma, ndingathanda ukuchitha nje imizuzu embalwa ndikubonise indlela abantu emazweni anokuba ngama-200 abayixubusha ngayo iBhayibhile ekhaya njengamaqela eentsapho. Sisenokusebenzisa nayiphi na yale mixholo njengesiseko sengxubusho. (Mbonise iziqulatho kwincwadi efundisiswayo.) Nguwuphi ngokukhethekileyo okutsalayo?’
● ‘Sibonisa olu ncedo lokufundisa iBhayibhile kubamelwane bethu. (Mbonise.) Ngaba wakhe walubona ngaphambili? . . . Ukuba unemizuzu embalwa nje kuphela, ndithanda ukukubonisa indlela onokulusebenzisa ngayo neBhayibhile yakho.’
IZIGANEKO EZIKHOYO
● ‘Bhota. Igama lam ndingu——. Ndihlala kwalapha (chaza isitrato okanye ummandla). Uzibonile na iindaba kumabonwakude phezolo? . . . La ngxelo inge—(khankanya isiganeko esithile esikhoyo esixhalatyelweyo)—ucinga ntoni ngale nto? . . . Kuyinto eqhelekileyo ukuva abantu bebuza oku, Kuza kwenzeka ntoni kweli hlabathi? Thina njengamaNgqina kaYehova sikholelwa ukuba siphila koko iBhayibhile ikubiza ngokuthi ‘yimihla yokugqibela.’ Khawuphawule le ngcaciso ineenkcukacha ikweyesi-2 kuTimoti 3:1-5.’ (Bona kwanephepha 135-144.)
● ‘Ngaba ukufundile oku kwiphephandaba kule veki? (Mbonise iziqwenga zamaphepha eendaba nafanelekileyo.) Wena ucinga ntoni . . . ?’
● ‘Ndithanda ukukubuza umbuzo. Ukuba bekunokuthiwa khetha, yiyiphi ingxaki kwiingxaki ezininzi ezijongene nehlabathi ubungathanda ukubona iconjululwa kuqala? (Emva kokuqonda oko akuxhalabele ngokukodwa umninimzi, sebenzisa oku njengesizinzi sengxubusho yakho.)’
IMIHLA YOKUGQIBELA
● ‘Sityelela ukuze sixubushe ngentsingiselo yoko kwenzekayo ehlabathini namhlanje. Abantu abaninzi baphelelwa ngumdla kuThixo nakwimilinganiselo yakhe yokuphila njengoko yandlalwe eBhayibhileni. Oku kuye kwasiphembelela gqitha isimo sengqondo sabantu omnye komnye. Khawundivumele ndabelane nawe ngale ngcaciso ibhalwe kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5 uze undixelele enoba ucinga ukuba iyalifanela na ihlabathi namhlanje. (Yifunde) . . . Ngaba kukho isizathu esiphilileyo sokulindela iimeko ezilunge ngakumbi kwikamva? (2 Pet. 3:13)’
● ‘Abantu abaninzi bakholelwa ukuba eli hlabathi liphelelwa lixesha ngokukhawulezileyo. Bathetha ngexesha lethu ‘njengemihla yokugqibela.’ Kodwa ubuqonda na ukuba iBhayibhile isixelela ngendlela esinokusinda ngayo kwisiphelo sehlabathi elikhoyo size siqhubeke siphila kumhlaba oya kwenziwa iparadisi? (Zef. 2:2, 3)’ (Bona kwanephepha 135-144, phantsi komxholo omkhulu othi “ImiHla Yokugqibela.”)
Bona kwanothi “IziGaneko Ezikhoyo” kolu ludwe lweentshayelelo ezicetyiswayo.
IKAMVA/UNQABISEKO
● ‘Bhota. Injan’ impilo? . . . Sizabalazela ukwabelana nabamelwane bethu ngento ekhuthazayo engekamva. Ngaba leyo yindlela ozama ukubukhangela ngayo ubomi? . . . Ngaba ufumanisa ukuba ezinye iimeko zikwenza kube nzima ukukwenza oku? . . . Ndifumanise ukuba iBhayibhile iluncedo gqitha kule nkalo. Ngendlela yokwenene ichaza ngeemeko ezikhoyo kumhla wethu, kodwa ikwacacisa nangentsingiselo yazo ize isixelele oko umphumo uya kuba kuko. (Luka 21:28, 31)’
● ‘Bhota. Igama lam ndingu——. Kanene lingubani elakho? . . . Ndikhuthaza abantu abaselula abanjengawe baqwalasele ikamva elizukileyo iBhayibhile eliqulethele thina. (Funda isibhalo, esinjengeSityhilelo 21:3, 4.) Ngaba oko kuvakala kunengqiqo kuwe?’
OKUNGEKHO SIKWENI/UKUBANDEZELEKA
● ‘Ngaba wakha wazibuza: Ngaba uThixo ngokwenene ukukhathalele okungekho sikweni nokubandezeleka okuviwa ngabantu? . . . (INtshu. 4:1; INdu. 72:12-14)’ (Bona kwanomxholo omkhulu othi “UkuBandezeleka” nothi “UKhuthazo.”)
UKWALUPHALA/UKUFA
● ‘Wakha wazibuza na isizathu sokuba saluphale size sife? Izilwanyana ezithile zaselwandle ziphila kangangamakhulu eminyaka. Imithi ethile iye yaphila amawakawaka eminyaka. Kodwa abantu baphila nje iminyaka engama-70 okanye engama-80 baze ke bafe. Ngaba wakha wazibuza isizathu soko? . . . (Roma 5:12) Ngaba loo meko iya kuze iguquke? . . . (ISityhi. 21:3, 4)’
● ‘Wakha wazibuza na oku: Ngaba ukufa kuphelisa yonk’ into? Okanye ngaba kukho into ethile emva kokufa? . . . IBhayibhile icacisa nawuphi na umbuzo esinokuba nawo ngokufa. (INtshu. 9:5, 10) Ikwabonisa ukuba kukho ithemba lokwenene kubantu abanokholo. (Yoh. 11:25)’ (Bona kwanephepha 104-110 nele-169, phantsi komxholo othi “UkuFa” nothi “UKhuthazo.”)
ULWAPHULO-MTHETHO/UKHUSELEKO
● ‘Bhota. Sithetha nabantu ngombandela wokhuseleko lobuqu. Ulwaphulo-mthetho olwenzeka kuthi luninzi, ibe luchaphazela ubomi bethu. Ngaba ucinga ukuba lofika ixesha laxa abantu abanjengawe nam bothi bakwazi ukuhamba ezitratweni ebusuku baze bazive bekhuselekile? (Okanye, ngaba unoluvo lokuba nabani na unesicombululo sokwenene kule ngxaki?) . . . (IMize. 15:3; INdu. 37:10, 11)’
● ‘Igama lam ndingu——. Ndihlala kwalapha. Njengoko bendihamba ngale ntsasa, ndiye ndaphawula ukuba wonk’ ubani uthetha nge—(khankanya ulwaphulo-mthetho lwakutshanje olwenzeke ekuhlaleni okanye omnye umcimbi oxhalatyelweyo ekuhlaleni). Ucinga ntoni ngako oku? . . . Ikho nantoni na onoluvo lokuba iya kunceda ekwenzeni ubomi bethu bunqabiseke ngakumbi? . . . (IMize. 1:33; 3:5, 6)’
IMFAZWE/UXOLO
● ‘Phantse wonk’ ubani kule mihla usixhalabele isisongelo semfazwe yenyukliya. Ngaba ucinga ukuba soze silubone uxolo lokwenene kulo mhlaba? . . . (INdu. 46:8, 9; Isa. 9:6, 7)’
● ‘Ndikhangela abantu abebengathanda ukuphila kwihlabathi elingenamfazwe. Kule nkulungwane kuphela kubekho amakhulukhulu eemfazwe, kuquka iimfazwe ezimbini zehlabathi. Ngoku sijongene nesisongelo semfazwe yenyukliya. Yintoni onoluvo lokuba iyafuneka ukuba imfazwe enjalo iza kuphetshwa? . . . Ngubani onokuzisa ihlabathi eliseluxolweni? . . . (Mika 4:2-4)’
● ‘Sifumanisa ukuba phantse wonk’ ubani uthi ufuna uxolo lwehlabathi. Uninzi lweenkokeli zehlabathi nazo zithetha oko. Ngoko, kutheni kunzima kangaka ukulufumana? . . . (ISityhi. 12:7-12)’
INTSAPHO/ABANTWANA
● ‘Sithetha nabantu abanomdla kwindlela esinokuhlangabezana ngayo neengxaki zobomi bentsapho. Sonke sizama okusemandleni ethu, kodwa ukuba kukho into enokusinceda sibe nempumelelo engakumbi, sinomdla kuyo, akunjalo na? . . . (Kol. 3:12, 18-21) IBhayibhile isandlalela ithemba elinikela ikamva lokwenene kwiintsapho zethu. (ISityhi. 21:3, 4)’
● ‘Thina sonke sifuna abantwana bethu babe nobomi obonwabisayo. Kodwa ngaba ucinga ukuba kukho isizathu esiphilileyo sokulindela umphumo owonwabisayo ngenkathazo ihlabathi elikuyo namhlanje? . . . Ngoko, ucinga ukuba abantwana bethu baza kujongana nohlobo olunjani lwehlabathi xa bekhulile? . . . IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uza kwenza lo mhlaba ube yindawo emangalisayo ekunokuphilwa kuyo. (INdu. 37:10, 11) Kodwa enoba abantwana bethu baya kuba nesabelo koko ngomlinganiselo omkhulu kusenokuxhomekeka kukhetho thina esilwenzayo. (Dut. 30:19)’
UMSEBENZI/IZINDLU
● ‘Besithetha nabamelwane bakho ngento enokwenziwa ukuqinisekisa ukuba wonk’ ubani uya kuqeshwa aze afumane indlu. Ngaba ukholelwa ukuba kusengqiqweni ukulindela ukuba oorhulumente babantu baya kukwenza oku? . . . Kodwa kukho ubani oyaziyo indlela yokucombulula ezi ngxaki; lowo nguMdali woluntu. (Isa. 65:21-23)’
● ‘Sincokola nabamelwane bethu ngento engorhulumente olungileyo. Abantu abaninzi bathanda ukuba norhulumente ongenakonakala, lowo unokulungiselela wonk’ ubani ngomsebenzi nangezindlu ezintle. Luhlobo luni lorhulumente ocinga ukuba unokwenza konke oku? . . . (INdu. 97:1, 2; Isa. 65:21-23)’ (Bona kwanephepha 304-309, phantsi komxholo omkhulu othi “URhulumente.”)
UTHANDO/UBUBELE
● ‘Sifumanise ukuba abantu abaninzi bakuxhalabele gqitha ukungabikho kothando lokwenene kwihlabathi. Ngaba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela? . . . Kutheni le nto ucinga ukuba oku kulutyekelo? . . . Ubusazi na ukuba iBhayibhile yayixela kwangaphambili le meko? (2 Tim. 3:1-4) Kwakhona iyasicacisa isizathu soko. (1 Yoh. 4:8)’
● ‘Igama lam ndingu——. Ndingomnye wabamelwane bakho. Ndityelela nje ngokufutshane ukuze ndithethe nabamelwane bam ngento endixhalabise gqitha, ibe ndiqinisekile ukuba nawe uyiphawulile. Xa umntu ebonakalisa ububele akadleki gqitha, kodwa kubonakala ukuba bunqabe gqitha namhlanje. Wakha wazibuza na isizathu sokuba loo meko ibekho? . . . (Mat. 24:12; 1 Yoh. 4:8)’
XA ABANTU ABANINZI BESITHI: ‘MNA NDINECAWA YAM’
● ‘Bhota. Sityelela zonke iintsapho ezikule ndawo ukuyo (okanye, ezikulo mmandla), ibe sifumanisa ukuba uninzi lwazo luneecawa zazo. Ngokungathandabuzekiyo nawe unayo. . . . Kodwa, kungakhathaliseki ukuba lunjani na unqulo lwethu, sichatshazelwa ziingxaki ezininzi ezifanayo—iindleko eziphakamileyo zokuphila, ulwaphulo-mthetho, ukugula—akunjalo na? . . . Ngaba unoluvo lokuba kukho nasiphi na isicombululo sokwenene kwezi zinto? . . . (2 Pet. 3:13; njl.)’
XA ABANTU ABANINZI BESITHI: ‘NDIXAKEKILE’
● ‘Bhota. Sityelela bonke abantu abakule ndawo ngesigidimi esibalulekileyo. Ngokungathandabuzekiyo ungumntu oxakekileyo, ngoko ndiza kubetha koomofu.’
● ‘Bhota. Igama lam ndingu——. Injongo yokutyelela kwam kukuxubusha nawe ngeentsikelelo zoBukumkani bukaThixo nendlela esinokuzifumana ngayo. Kodwa ndiyabona ukuba uxakekile (okanye, usendleleni). Ndicela ukuthetha nawe nje ngokufutshane.’
KWINTSIMI ESETYENZWA NGOKUFUTHI
● ‘Ndivuyiswa kukukufumana usekhaya. Senza utyelelo lwethu lweeveki ngeeveki ebantwini abakufutshane nathi, ibe sinento engakumbi yokwabelana ngayo nawe ngezinto ezimangalisayo uBukumkani bukaThixo obuya kuzenzela uluntu.’
● ‘Bhota. Kuyinto entle ukukubona kwakhona. . . . Ngaba wonk’ ubani entsatsheni usaphila? . . . Ndithe mandigqithe ukuze sincokole ngombandela othi . . . ’
● ‘Bhota. Kunjani? . . . Bendisoloko ndicinga ngokuba ndizinike elinye ithuba lokuthetha nawe. (Ngoko chaza umbandela othile ofuna ukuwuxubusha.)’