IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • UAdam NoEva
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • UAdam NoEva

      Ingcaciso: UAdam wayesisidalwa sokuqala esingumntu. Igama lesiHebhere elithi ’a·dhamʹ ngokufanelekileyo likwaguqulelwa ngokuthi “umntu,” “umntu wasemhlabeni” nokuthi “uluntu.” UEva, umfazi wokuqala, wayengumfazi ka-Adam.

      Ngaba uAdam noEva babengabantu nje abayimifuziselo (abathelekelelwayo)?

      Ngaba akukho ngqiqweni ukukholelwa ukuba thina sonke siyinzala yabazali abafanayo bantlandlolo?

      “Inzululwazi ngoku iyangqinelana nento ekudala ishunyayelwa luninzi lweenkonzo ezinkulu eyile: Abantu bazo zonke iintlanga . . . bayinzala yomntu wokuqala omnye.”—Heredity in Humans (ePhiladelphia naseNew York, 1972), nguAmram Scheinfeld, iphe. 238.

      “Ibali leBhayibhile elingoAdam noEva, uyise nonina balo lonke uhlanga olungabantu layibalisa kwiinkulungwane ezidluleyo inyaniso efanayo neboniswe yinzululwazi namhlanje: le yokuba zonke izizwe zomhlaba ziyintsapho enye yaye zinemvelaphi efanayo.”—The Races of Mankind (New York, 1978), nguRuth Benedict noGene Weltfish, iphe. 3.

      Ize. 17:26: “[UThixo] wazenza ngagazi-nye [zaphuma mlibeni mnye, TE] zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba.”

      Ngaba iBhayibhile ichaza uAdam njengomfuziselo omela lonke uluntu lwakuqala?

      Yuda 14: “Waprofeta nangabo ke uEnoki, owesixhenxe ukususela kuAdam.” (UEnoki wayengengowesixhenxe ngokomlibo wokuzalwa ukususela kulo lonke uluntu lokuqala.)

      Luka 3:23-38: “Waye uYesu eminyaka ngathi imashumi mathathu ezelwe, ukuqala kwakhe ukufundisa, engobe kusithiwa ngunyana . . . kaDavide, . . . ka-Abraham, . . . ka-Adam.” (UDavide noAbraham ngabantu abadumileyo embalini. Ke ngaba akukho ngqiqweni ukugqiba kwelokuba uAdam wayengumntu wokwenene?)

      Gen. 5:3: “UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.” (Ngokuqinisekileyo uSete akabanga ngunyana wabo bonke abantu bokuqala, bengazange nabantu bokuqala xa bebonke bazala oonyana xa bene-130 leminyaka ubudala.)

      Ngaba amazwi athi inyoka yathetha noEva enza ukuba le ngxelo ibe yefuziselayo?

      Gen. 3:1-4: “Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo? Wathi umfazi kwinyoka, . . . uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa.”

      Yoh. 8:44: “[UYesu wathi:] uMtyholi . . . ulixoki, noyise wawo.” (Ke uMtyholi wayengumthombo wobuxoki bokuqala obathethwa e-Eden. Wasebenzisa inyoka njengesithethi esibonakalayo. Ingxelo yeGenesis ayisebenzisi zidalwa zasentsomini ukufundisa isifundo. Bona kwaneSityhilelo 12:9.)

      Umzekelo: Akunto ingaqhelekanga ngoshukumisa oonomgogwana ukwenza kubonakale ngathi ilizwi lakhe liphuma komnye umthombo. Thelekisa iNumeri 22:26-31, ebalisa ukuba uYehova wabangela iesile likaBhileham lathetha.

      Ukuba “owokuqala umntu uAdam” wayengumfuziselo nje, kuthekani ‘ngowokugqibela uAdam,’ uYesu Kristu?

      1 Kor. 15:45, 47: “Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini.” (Ukulikhanyela elokuba uAdam wayengumntu wenene owamonayo uThixo kuthetha ukuthandabuza ufaniso lukaYesu Kristu. Ukumkhanyela ngolo hlobo kukhokelela ekusicekiseni isizathu sokuba kwaba yimfuneko ngoYesu ukubuncamela uluntu ubomi bakhe. Ukukucekisa oko kuthetha ukulukhanyela ukholo lwamaKristu.)

      UYesu wayijonga njani ingxelo yeGenesis?

      Mat. 19:4, 5: “[UYesu] wathi kubo, Anilesanga na [kwiGenesis 1:27; 2:24] ukuba owadalayo kwasekuqalekeni wabadala [uAdam noEva] bayindoda nenkazana, wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?” (Ekubeni uYesu wayeyikholelwa ingxelo yeGenesis iyinyaniso, ngaba nathi asifanele siyikholelwe?)

      Ukuba Ubani Uthi—

      ‘Isono sika-Adam sabakho ngenxa yokuthanda kukaThixo, licebo likaThixo’

      Usenokuphendula uthi: ‘Abantu abaninzi bayithethile loo nto. Kodwa ukuba bendiza kwenza into wena obufuna ndiyenze, ubuya kundigweba na ngenxa yayo? . . . Ngoko, ukuba isono sika-Adam sabakho ngenxa yokuthanda kukaThixo, kutheni wagxothwayo uAdam e-Eden njengomoni? (Gen. 3:17-19, 23, 24)’

      Okanye unokuthi: ‘Ibangel’ umdla loo ngongoma, yaye impendulo ngenene ibandakanya uhlobo lomntu uThixo alulo. Ngaba bekuya kuba sesikweni okanye luthando ukugweba umntu ngokwenza into wena ocebe ukuba makayenze?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘UYehova nguThixo wothando. (1 Yoh. 4:8) Zonke iindlela zakhe zisesikweni. (INdu. 37:28; Dut. 32:4) UAdam akazange one ngenxa yokuthanda kukaThixo; wamlumkisa uAdam ngako. (Gen. 2:17)’ (2) ‘UThixo wayenike uAdam, inkululeko yokukhetha oko wayeya kukwenza, njengokuba esenjenjalo nakuthi. Ukuba ngofezekileyo akuzange kuthethe ukuba wayengenakuzikhethela ukungathobeli. UAdam wazikhethela ukumvukela uThixo, phezu kwaso nje isilumkiso sokuba umphumo wawuya kuba kukufa.’ (Bona kwanephepha 325, 326.)

  • IArmagedon
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • IArmagedon

      Ingcaciso: Igama lesiGrike elithi Har Ma·ge·donʹ, eliphuma kwelesiHebhere neliguqulelwa ngokuthi “Armageddon” ngabaguquleli abaninzi, lithetha “Intaba YeMegido,” okanye “Intaba Yokuhlanganisela Imikhosi.” Eli gama iBhayibhile ayilinxulumanisi nembubhiso yenyukliya, kodwa ilinxulumanisa ‘nemfazwe ezayo yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla’ yendalo iphela. (ISityhi. 16:14, 16) Eli gama ngokungqalileyo libhekisela “endaweni [toʹpon ngesiGrike; oko kukuthi, kwimeko]” ekuhlanganiselwa kuyo abalawuli bomhlaba abangabobupolitika ngokuchasa uYehova noBukumkani bakhe obulawulwa nguYesu Kristu. Inkcaso enjalo iya kuboniswa ngesenzo esiya kuphunyezwa kumhlaba uphela nxamnye nabakhonzi bakaYehova abasemhlabeni, abameli ababonakalayo boBukumkani bukaThixo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share