Khuthaza Ukuzibekela Usukelo Lokomoya
1 Akuzange kwenzeke ngaphambili ukuba abantu abaninzi kangaka abaselula babe nenxaxheba ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani! Amashumi amawaka athobela isiluleko esikwiNtshumayeli 12:1: “Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho.” Yintoni eshukumisela aba baselula ukuba babe nesabelo rhoqo kubulungiseleli, yaye kutheni abaninzi kangaka kubo bengenele inkonzo yobuvulindlela?
2 Alithandabuzeki elokuba abaninzi baxelisa ihambo yomfana owayebalasele uTimoti. Unina noninakhulu bamnceda ukuba angenelwe kwimfundo yokomoya kwasebuntwaneni yaye bamkhuthaza ukuba azibekele usukelo lokomoya. (2 Tim. 3:14, 15) Ngaloo ndlela, xa kwavuleka ithuba lokufumana amalungelo angakumbi enkonzo, wayefaneleka yaye ekulungele.—IZe. 16:1-3.
3 Abaselula abangakumbi banokukhuthazwa njani ukuba bazibekele usukelo lokomoya? Luhlobo luni lwesiseko esimele sibekwe? Abazali banokulwakha njani uxabiso kubantwana babo ngenyaniso baze babancede bazibekele usukelo oluhlala luhleli?
4 Beka Isiseko Sokomoya: Abazali bamele baqinisekise ukuba oko bakufundisa abantwana babo kuvela kuYehova ukuze kube ‘nokubalumkisela elusindisweni’ abantwana babo. (2 Tim. 3:15) Ngenkuthalo zabalazelani ukuhlakulela kubo uthando olunzulu ngeLizwi likaThixo, iBhayibhile. Oku kuthetha ukuba nifanele niqhube rhoqo isifundo seBhayibhile esinentsingiselo esivunyelaniswa neentswelo zabo, nokubakho rhoqo kwiintlanganiso. Ukuze ulutsha lube nokholo olomeleleyo noluya kulushukumisela ukuba luzibekele usukelo lokomoya, lumele lube nocwangciso lobuqu lokufundisisa luze lukhulise ulwalamano lwalo noYehova.—1 Tes. 5:21; Heb. 11:1.
5 Ulutsha olungamaKristu luya kuba kwimeko entle yokusukela izilangazelelo zokomoya ukuba abazali balo nabanye abaqolileyo ebandleni bamisela umzekelo omhle baze babonakalise “uvuyo lukaYehova.” (Neh. 8:10) Ngokubonakalisa uvuyo, sonke sinokubanceda abaselula baqonde ukuba izinto eziyimfuneko kubuKristu bokwenyaniso aziloxanduva.—1 Yoh. 5:3.
6 Abaninzi abaselula baye baphenjelelwa kanobom ngoovulindlela, ngabavangeli basemazweni nangabaveleli abahambahambayo abasebenza nabo kwinkonzo yasentsimini okanye ababakhuthaza ngamazwi abo. Abazali banokunceda ngokumema abasebenzi bexesha elizeleyo abangumzekelo kumakhaya abo ukwenzela isidlo okanye ngamanye amaxesha obudlelane bobuKristu. UYesu Kristu wanikela owona mzekelo ubalaseleyo wokunikela ingqalelo elungeleleneyo kwabaselula.—Marko 10:13-16.
7 Ukumisela Usukelo: Ngokhokelo olufanelekileyo lwabazali, ngokufuthi abantwana bazimisela usukelo lokomoya beselula. Bakuba abaselula benze isigqibo ngosukelo lokomoya olufanelekileyo abanqwenela ukulufikelela, enoba yinkonzo yobuvulindlela, ukukhonza apho imfuneko inkulu khona, inkonzo yaseBheteli okanye eyobuvulindlela obukhethekileyo, njalo njalo, abazali nabanye abaqolileyo banokubakhuthaza ngokufudumeleyo ukuba baqhubeke besebenzela ukufikelela usukelo lwabo, benikela amacebiso asebenzisekayo okubakhuthaza.
8 Ibandla ngalinye linjengentsapho. Ngoko ngamnye wethu ufanele abe nomdla ekuncedeni abaselula baqhubeke behamba enyanisweni yaye besenza inkqubela ngokomoya. Sinokukwenza oku ngokubonakalisa uthando lwethu kubo nangokubakhuthaza ukuba bazibekele usukelo lokomoya.