INgoma 220
IParadisi Yethu: Yangoku Neyelixa Elizayo
1. Thina sinayo iParadis’
Yay’ ivela k’Yehova,
Esithi khona sifundiswe
Sifuman’ ukulumka.
Kwanga s’ngaz’bulela
Iintsikelelo
Noxolo nok’phumla
Kwinkonzo yakho!
Uk’thanda wena nommelwane
Kuyinto enamandla.
Kwenza s’manyane enkonzweni,
Ke singanyamezela.
2. Kon’ okuthe tye kuyobakho
Phants’ kolaw’lo l’kaKristu.
Ibe ke yena ungumlaw’li
Walo lonke uluntu.
“Enkosi Yehova,”
Ngelakh’ icebo
Lok’bahlanganisa
Abantu bakho.
Mazis’fanele ezi ndaba
Sizishumayelayo
Ukuze singakhubekisi
Izimv’ ezifunwayo!
3. Emva kwedabi likaThixo
Ngayo iArmagedon
Yen’ uSathana needemoni
Wobavalel’ uThixo.
Abakho bovuswa
Emangcwabeni,
Ukuze bahlale
EParadisi.
Phantsi kombingelel’ omkhulu
Bofezeka abantu;
Luze uluntu naphakade,
Lube novuy’ ol’khulu.