IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • UNqulo
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • iBhayibhile ngesisa. Ndingakhe ndichithe imizuzu embalwa nje ndikubonise indlela esikwenza ngayo oku?’

      Bona kwanephepha 254, 255.

      ‘Ndinoluvo lokuba unqulo lungumcimbi wangasese’

      Usenokuphendula uthi: ‘Leyo yimbono eqhelekileyo kule mihla, yaye ukuba abantu ngokwenene abanamdla kwisigidimi seBhayibhile, ngovuyo sidlulela kwamanye amakhaya. Kodwa ubusiqonda na isizathu sokuba ndize kukubona ukuba kungenxa yoko uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba bakwenze? . . . (Mat. 24:14; 28:19, 20; 10:40)’

  • UNqulo Lweminyanya
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • UNqulo Lweminyanya

      Ingcaciso: Luqheliselo lokubeka nokuhlonela ookhokho abafayo (ngokwenza umgidi okanye ngezinye iindlela) ngenkolelo yokuba basaphila kummandla ongabonwayo yaye banokunceda okanye benzakalise abaphilayo ibe ke ngoko kufuneka bexolisiwe. Le asiyomfundiso yeBhayibhile.

      Ngaba ookhokho abafayo bayakuqonda okwenziwa ngabaphilayo yaye iyakwazi na le minyanya ukunceda abantu abaphilayo?

      INtshu. 9:5: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho.”

      Yobhi 14:10, 21: “Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke? Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena.”

      INdu. 49:10, 17-19: “Ubona izilumko zibhubha, bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala, bayishiye nabanye imfuyo yabo. . . . Ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento, aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo. . . . [Umphefumlo wayo, NW] uya kuya noko esizukulwaneni sooyise; abayi kukubona ukukhanya naphakade.”

      Aliyonyaniso na elokuba ukutya okubekwe esibingelelweni okanye engcwabeni kuhlala kungachukunyiswa? Ngaba oku akubonisi ukuba abafi abanakungenelwa kuko?

      Bona kwanomxholo omkhulu othi “UkuKhafula.”

      Ngaba sikho isizathu sokoyika ukuba iminyanya yethu iya kusenzakalisa?

      INtshu. 9:5, 6: “Ke bona abafileyo . . . seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; abasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.”

      Ngaba kukho inxalenye yomntu engumoya esindayo ekufeni komzimba?

      Hez. 18:4: “Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (Kwanendinyana 20)

      INdu. 146:3, 4: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, . . . uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.”

      Izazinzulu noogqirha abatyandayo abafumananga bungqina bayo nayiphi na inxalenye enengqiqo nephilayo yabantu esindayo xa umzimba usifa.

      Bona kwanephepha 106, 107, phantsi komxholo othi “UkuFa.”

      Ngaba ubungakhetha ukuba abantwana nabazukulwana bakho bakuhlonele baze bakuthande ngoxa usaphila okanye benze imigidi engcwabeni lakho wakuba ufile?

      Efe. 6:2, 3: “Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga; ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.” (Abantwana abaqeqeshwe ngokwemigaqo yeBhayibhile babonisa imbeko enjalo ezisa uvuyo ezintliziyweni zabazali babo ngoxa bephila.)

      IMize. 23:22: “Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, ungamdeli unyoko akuba mkhulu.”

      1 Tim. 5:4: “Ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.”

      Xa abaneshologu besithi bagqithisa izigidimi ezivela kwabafileyo, ngaba okunene zivela phi ezi zigidimi?

      Isa. 8:19: “Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo, wabo yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na?” (Ngaba uThixo ebeya kusilumkisa ngoqheliselo olunjalo ukuba ngokwenyaniso belusinxibelelanisa nabathandekayo bethu?)

      Ize. 16:16: “Kwathi, kwakubon’ ukuba siyaya endaweni yokuthandaza, sahlangatyezwa sisicakazana esithile, sinomoya wemilozi [idemon evumisayo, NW]; sona besizizuzisa iinkosi zaso inzuzo enkulu ngokuvumisa.”

      Bona kwanephepha 159, 160, phantsi kothi “UkuKhafula.”

      Sifanele silubhekise kubani unqulo lwethu?

      Luka 4:8: “UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.”

      Yoh. 4:23, 24: “Kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.”

      Liliphi ithemba elikhoyo lokumanyaniswa kwixesha elizayo kwamalungu entsapho, kuquka nabo bafayo?

      Yoh. 5:28, 29: “Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.”

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share