INgoma 135
UYehova, Ikhaya Lethu
1. Yehova ulikhaya lethu
Zonke izizukulwana.
Ungekavelisi iintaba,
Wawusel’ uyingangamsha.
Wena uhlal’ unguy’ uThixo,
De kuse ephakadeni.
Wena usamkele ngothando,
Naxa thina siluthuli.
2. KuThix’ iminyak’ eliwaka,
Injengezolo lidlule.
Yena umntu unjengotyani
Buhluma buze ke bome.
Sinamashumi asixhenxe
Okanye abe sibhozo.
Kanti iyonke loo minyaka
Izaliswe ziinkathazo.
3. S’fundise Thix’ uk’bal’ imihla,
Size sihlale sivuya.
Ngentliziyo elumkileyo
Sihlale sikudumisa.
Lwang’ uyolo lwakho ke, Thixo,
Lungakubakhonzi bakho.
Zimas’ izenzo zethu zonke,
Usikelel’ es’kwenzayo.