Balaselisa Iincwadana Ezinemifanekiso Ukuze Wabelane Nabanye Ngethemba Onalo LoBukumkani
1 Njengoko sibona ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile, siyavuya kwithemba lethu loBukumkani, ibe sishukunyiselwa ukuthetha ngalo nakubani na oya kuphulaphula. (Luka 6:45; Roma 12:12) Enye indlela esinokwabelana ngayo nabanye ngethemba lethu loBukumkani njengokuba uYesu wayalelayo kukubalaselisa iincwadana ezinemifanekiso kwinkonzo yasentsimini ngoJulayi.—Mat. 24:14.
2 Ekubeni sineencwadana ezinemifanekiso ezimibalabala nezifundisayo eziliqela esinokukhetha kuzo, ziziphi kuzo ezinokuzifikelela ngokona kona iintswelo zabantu abakwintsimi yethu zize zivuselele umdla wabo? Ukuze sizisebenzise ngokona kona iincwadana ezinemifanekiso, simele sikwazi oko zikuquletheyo. Uhlolisiso olufutshane olulandelayo luya kusinceda kule nkalo.
3 Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi: Xa uYesu wayesemhlabeni, uBukumkani bukaThixo babungumxholo awayeshumayela ngawo. Le ncwadana inemifanekiso ibonisa ukuba uBukumkani bungurhulumente wokwenene nendlela obuya kuzicombulula ngayo iingxaki ezenza ubomi bube nzima namhlanje.
4 Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!: Ichaza isizathu sokwenza kukaThixo umntu nendlela esinokubunandipha ngayo ubomi emhlabeni ngonaphakade. Imifanekiso enenkcazelo nezibhalo ezingqalileyo kule ncwadana inemifanekiso zinomtsalane kwabaselula nakwabo bangakwaziyo ukufunda kakuhle. Isekwanokusetyenziselwa ukudlulisela iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko kwabo bangeva kakuhle.
5 IGama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade: Le ncwadana inemifanekiso ixubusha ngegama likaThixo ngokusuka eZibhalweni nangokusuka kwimbali, ibonisa isizathu sokuba kubalulekile ukuba amaKristu alazi yaye alisebenzise kunqulo lwawo eli gama.
6 “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”: Le ncwadana inemifanekiso isizobela umfanekiso weparadisi ize yakhe uxabiso ngeBhayibhile nangoMdali wethu. Emva kokuxubusha isizathu sokuvumela kukaThixo ububi, yalathisela ingqalelo kwiimfundiso ezintathu ezisisiseko zeBhayibhile: intlawulelo, uvuko noBukumkani. Le ncwadana inemifanekiso ikwanemibuzo emazantsi amaphepha, nto leyo eyenza kube lula ngathi ukuqhuba isifundo seBhayibhile kuyo.
7 Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?: Abantu basenokuthi bayakholelwa kuBathathu Emnye, kodwa iindlela abamqonda ngazo ziyahluka. Le ncwadana inemifanekiso iphendula imibuzo enjengethi: Uyintoni uBathathu Emnye? Ngaba iBhayibhile iyamfundisa? Ngaba uYesu Kristu unguThixo usomandla nenxalenye kaBathathu Emnye? Uyintoni umoya oyingcwele, yaye usebenza njani?
8 Sisakuba sizikhethile iincwadana ezinemifanekiso esiya kuthanda ukuzisebenzisa kubulungiseleli bendlu ngendlu okanye xa sinikela ubungqina ngokungacwangciswanga, sifanele sihlolisise amanqaku akwiphepha lokugqibela lale nkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Apho siya kufumana amacebiso okunikela uncwadi lwethu nokubuyela ngenjongo yokukhulisa umdla nokuqalisa isifundo seBhayibhile.
9 Ngezihlandlo ezininzi, enoba sinikela ubungqina ngokucwangcisiweyo okanye ngokungacwangciswanga, ekuphela kwento efunekayo ukuze kunikelwe ubungqina obucokisekileyo yincwadana enemifanekiso. Noko ke, simele sizilungiselele, sibe nesixa esaneleyo seencwadana ezinemifanekiso, sikwazi ezikuquletheyo, yaye sisebenzise ingqiqo. Yanga intsikelelo kaYehova kubulungiseleli bethu obenziwa ngenzondelelo ingaphumela ekubeni abaninzi ngakumbi bavuye nathi kwithemba loBukumkani!—IZe. 13:47, 48.