INgoma 157
Nqula UYehova Ebutsheni
1. ‘Abancinane badumis’ uYa,’
Watsho uYesu onguy’ uNyana.
Ewe, neentsana zingamdumisa,
Xa z’fundiswe ngeendlela zikaYa.
2. Bon’ abazali bazuz’ uvuyo
Ek’fundisen’ abantwana babo
Ukumoyik’ uYehov’ uThixo
Nokubathobel’ abazal’ babo.
3. Lutsha, lwelani ukuba nyulu;
Nayame ngaye uThixo wethu.
Nizinxweme kuy’ incoko embi.
Nahluke kweli lon’ ihlabathi.
4. Ningaze nimlibal’ uMdal’ wenu;
Kodwa mkhonzeni ninobunyulu.
Noba novuyo njengoko n’khula
Ngokuyolis’ intliziyo kaYa.