IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • UAdam NoEva
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • Ukuba Ubani Uthi—

      ‘Isono sika-Adam sabakho ngenxa yokuthanda kukaThixo, licebo likaThixo’

      Usenokuphendula uthi: ‘Abantu abaninzi bayithethile loo nto. Kodwa ukuba bendiza kwenza into wena obufuna ndiyenze, ubuya kundigweba na ngenxa yayo? . . . Ngoko, ukuba isono sika-Adam sabakho ngenxa yokuthanda kukaThixo, kutheni wagxothwayo uAdam e-Eden njengomoni? (Gen. 3:17-19, 23, 24)’

      Okanye unokuthi: ‘Ibangel’ umdla loo ngongoma, yaye impendulo ngenene ibandakanya uhlobo lomntu uThixo alulo. Ngaba bekuya kuba sesikweni okanye luthando ukugweba umntu ngokwenza into wena ocebe ukuba makayenze?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘UYehova nguThixo wothando. (1 Yoh. 4:8) Zonke iindlela zakhe zisesikweni. (INdu. 37:28; Dut. 32:4) UAdam akazange one ngenxa yokuthanda kukaThixo; wamlumkisa uAdam ngako. (Gen. 2:17)’ (2) ‘UThixo wayenike uAdam, inkululeko yokukhetha oko wayeya kukwenza, njengokuba esenjenjalo nakuthi. Ukuba ngofezekileyo akuzange kuthethe ukuba wayengenakuzikhethela ukungathobeli. UAdam wazikhethela ukumvukela uThixo, phezu kwaso nje isilumkiso sokuba umphumo wawuya kuba kukufa.’ (Bona kwanephepha 325, 326.)

  • IArmagedon
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • IArmagedon

      Ingcaciso: Igama lesiGrike elithi Har Ma·ge·donʹ, eliphuma kwelesiHebhere neliguqulelwa ngokuthi “Armageddon” ngabaguquleli abaninzi, lithetha “Intaba YeMegido,” okanye “Intaba Yokuhlanganisela Imikhosi.” Eli gama iBhayibhile ayilinxulumanisi nembubhiso yenyukliya, kodwa ilinxulumanisa ‘nemfazwe ezayo yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla’ yendalo iphela. (ISityhi. 16:14, 16) Eli gama ngokungqalileyo libhekisela “endaweni [toʹpon ngesiGrike; oko kukuthi, kwimeko]” ekuhlanganiselwa kuyo abalawuli bomhlaba abangabobupolitika ngokuchasa uYehova noBukumkani bakhe obulawulwa nguYesu Kristu. Inkcaso enjalo iya kuboniswa ngesenzo esiya kuphunyezwa kumhlaba uphela nxamnye nabakhonzi bakaYehova abasemhlabeni, abameli ababonakalayo boBukumkani bukaThixo.

      Ngaba uThixo uya kubavumela abantu bonakalise umhlaba ngento abathile abayibiza ngokuba “yiArmagedon yokugqatsa kwenyukliya”?

      INdu. 96:10: “UYehova ngukumkani, liya kuzinza ngoko elimiweyo [te·velʹ ngesiHebhere; umhlaba, njengochumileyo nonabemi, ingqukuva enabemi], lingashukumi.”

      INdu. 37:29: “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”

      ISityhi. 11:18: “Iintlanga zaqumba, yeza ingqumbo yakho [Yehova], leza nexesha . . . nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.”

      Iyintoni iArmagedon, njengoko ikhankanywa eBhayibhileni?

      ISityhi. 16:14, 16: “Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla. Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.”

      Ngaba iArmagedon iya kulwelwa kuphela kuMbindi Mpuma?

      Abalawuli nemikhosi yazo zonke iintlanga baya kuhlanganisana ngokuchasene noThixo

      ISityhi. 16:14: “Abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.”

      ISityhi. 19:19: “Ndalibona irhamncwa [ulawulo lwabantu lobupolitika luphela], nookumkani bomhlaba, nemikhosi yabo, ihlanganisene ukwenza imfazwe nalowo uhleli ehasheni, nomkhosi wakhe.”

      Yer. 25:33: “Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi.”

      Ukusetyenziswa kwegama elithi Armagedon akunakuthetha ukuba imfazwe iya kulwelwa kwiNtaba yaseMegido yokoqobo

      Ayikho iNtaba yaseMegido yokoqobo; kuphela nje yinduli ekuphakama kumalunga nama-21 eemitha apho kufumaneka amabhodlo eMegido yakudala.

      Ookumkani nemikhosi ‘yelimiweyo liphela’ abanakwanela kwiThafa lase-Esdraelon elilelokoqobo nelingezantsi kweMegido. Elo thafa limacala mathathu, kuphela linobude bama-32 eekhilomitha nama-29 eekhilomitha ububanzi ngakwicala lasempuma.—The Geography of the Bible (New York, 1957), nguDenis Baly, iphe. 148.

      Eli gama liyafaneleka ngenxa yendima yeMegido embalini; ithafa elingezantsi kweMegido laliyindawo yeemfazwe ezinecala eloyisayo

      Apho uYehova wabangela ukoyiswa kukaSisera, intloko yomkhosi wamaKanan nguMgwebi uBharaki.—ABagwe. 5:19, 20; 4:12-24.

      UThutmose wesi-III, ufaro waseYiputa, wathi: “Ukoyiswa kweMegido kukoyiswa kwewaka leedolophu!”—Ancient Near Eastern Texts Relating to the Old Testament (Princeton, N.J.; 1969), ehlelwe nguJames Pritchard, iphe. 237.

      Ukubhekisela kwiMegido (ethetha “Ukuhlanganiswa Kwemikhosi”) kufanelekile kuba iArmagedon iyimeko yehlabathi ekuya kuthi kuyo imikhosi nabanye abaxhasi babalawuli beentlanga zonke babandakanyeke kuyo.

      Ngoobani okanye yintoni eya kutshatyalaliswa eArmagedon?

      Dan. 2:44: “UThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani . . . buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.”

      ISityhi. 19:17, 18: “Ndabona sithunywa sithile sasezulwini, simi elangeni; sadanduluka ngezwi elikhulu, sisithi kuzo zonke iintaka eziphaphazelayo esazulwini sezulu, Yizani nizihlanganisele esidlweni sikaThixo omkhulu; ukuze nidle inyama yookumkani, nenyama yabathetheli-waka, nenyama yamagorha, nenyama yamahashe, neyabakhweli bawo, nenyama yabo bonke abakhululekileyo nabangamakhoboka, neyabancinane neyabakhulu.”

      1 Yoh. 2:16, 17: “Konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini. Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”

      ISityhi. 21:8: “Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo [abahenyuzi, NW], nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.”

      Ngaba intshabalalo iya kuba yengunaphakade?

      Mat. 25:46: “Baya kumka aba [balayo ukwenza okulungileyo ‘kubazalwana’ bakaKristu] baye elubethweni olungunaphakade.”

      2 Tes. 1:8, 9: “Abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu, . . . baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo.”

      Ngaba baya kubakho abasindi?

      Zef. 2:3: “Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova.”

      Roma 10:13: “Bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.”

      INdu. 37:34: “Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe; wokuphakamisa, ulidle ilifa ilizwe; ekunqanyulweni kongendawo wobonela.”

      Yoh. 3:16: “UThixo . . . wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.”

      ISityhi. 7:9, 10, 14: “Ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo, bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi: Usindiso kuye uThixo wethu, lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana! . . . Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu.”

      Yintoni eya kwenzeka kubantwana abancinane ngeArmagedon?

      IBhayibhile ayiwuphenduli ngokungqalileyo lo mbuzo, yaye thina asingabo abagwebi. Phofu ke, iBhayibhile iyabonisa ukuba uThixo ubajonga abantwana abancinane bamaKristu okwenyaniso ‘njengabangcwele.’ (1 Kor. 7:14) Ikwatyhila ukuba kumaxesha adluleyo xa uThixo watshabalalisa abangendawo wakwatshabalalisa nabantwana babo. (Num. 16:27, 32; Hez. 9:6) UThixo akathandi ukuba kutshabalale namnye, ke uvumela ukuba kuvakaliswe isilumkiso ngoku esiyinzuzo kubazali kwanakubantwana. Ngaba bekungayi kuba bubulumko ngabazali ukufuna ikhondo ebeliya kuphumela ekwamkelweni kwabantwana babo ngenkoliseko nguThixo ngoku kwanangeArmagedon?

      Ngaba uthando lukaThixo luyavukelwa ngokutshatyalaliswa kwabangendawo?

      2 Pet. 3:9: “INkosi . . . isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.”

      Luka 18:7, 8: “Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo? Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya.”

      2 Tes. 1:6: “Yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo [nina bakhonzi bakhe].”

      Ngaba kuyinto enokwenzeka ukuba ngundilele?

      2 Tes. 1:8: “Ibaphindezela abangamaziyo [ngabom] uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu.”

      Mat. 24:37-39: “Njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, . . . bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.”

      Mat. 12:30: “Lowo ungengakum uchasene nam, nalowo ungandibuthisiyo uyachithachitha.”

      Thelekisa iDuteronomi 30:19, 20.

      Yimpembelelo kabani edudulela iintlanga kwimeko yehlabathi eya kuphumela kwimfazwe enxamnye noThixo?

      ISityhi. 16:13, 14: “Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba [uSathana uMtyholi; ISityhi. 12:9], nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele. Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.”

      Thelekisa uLuka 4:5, 6; 1 Yohane 5:19; kwaneZenzo 5:38, 39; 2 Kronike 32:1, 16, 17.

  • UkuBandezeleka
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • UkuBandezeleka

      Ingcaciso: Ngamava afunyanwa ngumntu xa enyamezela intlungu okanye unxunguphalo. Ukubandezeleka kusenokubakho ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni, okanye ngokweemvakalelo. Zininzi izinto ezinokubangela ukubandezeleka; ngokomzekelo, umonakalo owenzekayo ngenxa yemfazwe nokubawa kwezorhwebo, iziphene ezizuzw’ ilifa, ukugula, iingozi, “iintlekele zemvelo,” izinto ezibonakala zingezozabubele ezithethwa okanye ezenziwa ngabanye, iingcinezelo zeedemon, ukuqonda intlekele esondelayo, okanye ubuyatha bukabani. Ukubandezeleka okubangelwa zezi zizathu zahlukahlukeneyo kuza kuqwalaselwa apha. Noko ke, ukubandezeleka kusenokubakho ngenxa yokuvakalelwa msinya komntu ngengxaki yabanye abantu okanye ngenxa yobuhlungu bakhe ekubukeleni ihambo yokungahloneli Thixo.

      Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka nje?

      Ngubani ngokwenene omele abekw’ ityala ngako?

      Abantu ngabo abamele babekw’ ityala ngokubandezeleka okukhulu. Benza iimfazwe, baphule umthetho, bangcolise imekobume, ngokufuthi baqhube amashishini ngendlela eshukunyiswa kukubawa kunokushukunyiswa kukuxhalabela abantu abangoowabo, ibe maxa wambi bazifica ngokugqith’ emgceni kwimikhwa abayaziyo ukuba inokuba yingozi kwimpilo yabo. Xa bezenza ezi zinto, benzakalisa iziqu zabo kwanabanye. Ngaba

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share