IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • IBhabhiloni Enkulu
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.”

      Kutheni kungxamisekile nje ukuphuma kwiBhabhiloni Enkulu ngaphandle kokulibazisa?

      ISityhi. 18:4: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.”

      ISityhi. 18:21: “Isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi: Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa.”

      Luka 21:36: “Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.”

      Kuya kwenzeka ntoni kubantu abebengayazi inyaniso yeBhayibhile kodwa ababephila kwixesha eladlulayo baza bafa beyinxalenye yeBhabhiloni Enkulu?

      Ize. 17:30: “Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabom; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke.”

      Ize. 24:15: “Kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.” (Into yokuba ngabaphi “abangemalungisa” abaya kuvuswa, nguThixo oya kugqiba.)

      Yobhi 34:12: “UThixo akenzi ngokungendawo, uSomandla akakugwenxi okusesikweni.”

  • UBhaptizo
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • UBhaptizo

      Ingcaciso: Igama elithi “ukubhaptiza” liphuma kwelesiGrike elithi ba·ptiʹzein, elithetha “ukuntywilisela, ukuzulumbela.” (A Greek-English Lexicon, nguLiddell noScott) Ubhaptizo lwamanzi lwamaKristu luyimbonakaliso yangaphandle yokuba ubani obhaptizwayo uzahlulele ngokupheleleyo ngoYesu Kristu, engagogotye lutho yaye engaxhomekeki kwiimeko ukuze enze ukuthanda kukaYehova uThixo. IZibhalo phakathi kwezinye iindidi zobhaptizo, zikwabhekisela kubhaptizo lukaYohane, kubhatizo ngomoya oyingcwele, kubhaptizo ngomlilo.

      Ngaba abantu abalikholelwa ngokwenene iLizwi likaThixo bayarhoxobisa ekubhaptizweni?

      Mat. 28:19, 20: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.”

      Ize. 2:41: “Abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa.”

      Ize. 8:12: “Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi.”

      Ize. 8:36-38: “Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa [elingumTiyopiya], Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? . . . Lathi mayime inqwelo; . . . [uFilipu] walibhaptiza.”

      Ubhaptizo lwamanzi olulolobuKristu—ngaba lwenziwa ngokufefa okanye ngokuntywiliselwa ngokupheleleyo?

      Marko 1:9, 10: “UYesu . . . wabhaptizwa [“wantywiliselwa,” ED, Ro] nguYohane eYordan [enguMlambo] apho. Kuthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe.”

      Ize. 8:38: “Behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza [“walintywilisela,” ED, Ro].”

      Ngaba ubhaptizo lweentsana lwaluqheliselwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala?

      Mat. 28:19: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi . . . [nibabhaptiza].”

      Ize. 8:12: “Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu . . . babhaptizwa amadoda kwanabafazi.”

      Phofu ke, kamva, uOrigen (185-254 C.E.) wabhala oku: “Kulisiko lecawa ukuba ubhaptizo lwenziwe kwanakwiintsana.” (Selections From the Commentaries and Homilies of Origen, Madras, India, 1929, iphe. 211) Olu qheliselo lwaqinisekiswa liBhunga Lesithathu laseCarthage (253 C.E.).

      Umbhali-mbali wonqulo uAugustus Neander wabhala oku: “Ukholo nobhaptizo zazisoloko zinxibelelene; yaye ngaloo ndlela kungowona mlinganiselo uphakamileyo unokwenzeka le nto . . . uqheliselo lokubhaptizwa kweentsana lube lwalungaziwa ngeli thuba [ngenkulungwane yokuqala.] . . . Into yokuba lube lwaqala ukwamkelwa njengesithethe sabapostile ebudeni benkulungwane yesithathu, bubungqina obuchasene nebango lokuba luvela kubapostile kunokuba lube bubungqina obuxhasa lona.”—History of the Planting and Training of the Christian Church by the Apostles (New York, 1864), iphe. 162.

      Ngaba ubhaptizo lwamaKristu nolulolwamanzi luphumela ekuxolelweni kwezono?

      1 Yoh. 1:7: “Ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, . . . lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono.” (Ngaloo ndlela, asingomanzi obhaptizo, kodwa ligazi likaYesu elisihlambulula kwisono.)

      Mat. 3:11: “Mna [Yohane uMbhaptizi] . . . ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam [uYesu Kristu] unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha.” (Indinyana 5, 6 kwaneZenzo 13:24, zibonisa ukuba okwakusenziwa nguYohane kwakubhekisele kumaYuda, kungekhona kubo bonke abantu. Ngoba? Ngenxa yezono zamaYuda nxamnye nomnqophiso woMthetho nokuwalungiselela uKristu.)

      Ize. 2:38: “Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono.” (Ngaba ubhaptizo ngokwalo lwezisa ukuxolelwa kwabo? Qwalasela oku: Oku kwabhekiswa kumaYuda awayebophelelekile ngokufa kukaKristu. [Bona indinyana 22, 23.] Ubhaptizo lwawo lwaluya kunikela ubungqina bento ethile. Eyintoni? Yokuba ngoku ayekholwa kuYesu njengoMesiya, uKristu. Kuphela kungokwenza kwawo oku ezazinokuthi zixolelwe izono zawo. [Ize. 4:12; 5:30, 31])

      Ize. 22:16: “Suk’ ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.” (KwaneZenzo 10:43)

      Ngoobani ababhaptizwa ngomoya oyingcwele?

      1 Kor. 1:2; 12:13, 27: “Abangcwaliselwe kuKristu Yesu, ababizwe ukuba babe ngcwele . . . Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye: Nina ke ningumzimba kaKristu.” (Njengokuba uDaniyeli 7:13, 14, 27 ebonisa, ‘abangcwele’ abanjalo banesabelo eBukumkanini ndawonye noNyana woMntu, uYesu Kristu.)

      Yoh. 3:5: “Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.” (Umntu ‘uzalwa ngomoya’ ngexesha lokubhaptizwa kwakhe ngaloo moya. ULuka 12:32 ubonisa ukuba kuphela ‘ngumhlambi omncinane’ onelo lungelo. Bona kwaneSityhilelo 14:1-3.)

      Ngaba bonke ababhaptizwa ngomoya oyingcwele bathetha ngeelwimi okanye banesipho sokuphilisa?

      1 Kor. 12:13, 29, 30: “Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye . . . Bangabapostile bonke yini na? . . . Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na? Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na?”

      Bona kwanothi “UkuPhilisa” nothi “IiLwimi, Ukuthetha ngazo.”

      Kuthetha ntoni ‘ukubhaptizelwa abafileyo’?

      1 Kor. 15:29: “Okanye baya kwenza ntoni na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo abaze bavuke? Yini na ukuba babhaptizelwe nokubhaptizelwa abafileyo?”

      Ipreposition yesiGrike ethi hy·perʹ, eguqulelwe apha ngokuhlanganiswa negama elithi “babhaptizelwa,” ikwathetha “ngenxa,” “endaweni,” “ngenjongo,” njl. (A Greek-English Lexicon, nguLiddell noScott) Ithetha ntoni kwesi sibhalo? Ngaba uPawulos wayebonisa ukuba kubhaptizwe abantu abaphilileyo ngenxa yabo babefe bengabhaptizwanga?

      Ekuphela kwezibhalo ezizezinye ezikukhankanya ngqo ukufa ngokunxibelelene nobhaptizo zibhekisela kubhaptizo aphumela kulo umntu ngamnye, kungekhona kubhaptizo ngenxa yomnye umntu, lowo ufileyo

      Roma 6:3: “Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?” (KwanoMarko 10:38, 39)

      Kol. 2:12: “[Nina malungu aphilileyo ebandla laseKolose] ningcwatywe naye elubhaptizweni; enathi nikuye, navuswa nokuvuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo, owamvusa kubo abafileyo.”

      La mazwi kwi-“New World Translation” achanile ngokwegrama yaye ayavumelana nezi ndinyana zeBhayibhile zizezinye

      1 Kor. 15:29: “Kungenjalo, baya kwenza ntoni abo babhaptizwa ngenjongo yokuba ngabafileyo? Ukuba abafileyo abayi kuvuswa, ngokupheleleyo bakwabhaptizelwa ntoni ngenjongo yokuba ngabanjalo?” (Ke bayabhaptizwa okanye bantywiliselwe, kwikhondo lobomi eliya kukhokelela ekufeni bekwingqibelelo njengelo likaKristu bandule ke bavuselwe kubomi bomoya njengoko wayenjalo.)

      Uyintoni umphumo wokubhaptizwa ngomlilo?

      Luka 3:16, 17: “Uya kunibhaptiza [uYesu Kristu] . . . nangomlilo yena; omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, . . . ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.” (Intshabalalo yawo iya kuba ngunaphakade.)

      Mat. 13:49, 50: “Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa, zibaphose ezikweni lomlilo.”

      Luka 17:29, 30: “Ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwana umlilo nesulfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke. Kuya kuba kwanjengoko ngemini atyhileka ngayo uNyana woMntu.”

      Alufani nokubhaptizwa ngomoya oyingcwele, olwalulubhaptizo lwabafundi

      Ize. 1:5: “UYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina [bapostile abathembekileyo bakaYesu] niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.”

      Ize. 2:2-4: “Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share