INgoma 221
Lutsha! Xelisani Ukholo Lwabo
1. Akuba elunyulwe uSam’weli
Wakhonza uThixo etempileni.
Waba ngumprofeti wakwaS’rayeli
NjengOzahluleyo wabek’ iNkosi.
Ke uEli wayenoonyan’ ababi.
Ngebabemonile na uSam’weli?
Yena wathembeka; Ze wathobela.
Wayengenak’suka kwindlela kaYa.
2. UTimoti waz’ iZ’bhal’ eselula
Waba ngumdala akukhula yena.
Wazenza izint’ awaz’fundiswayo
Ezama ukuba ngothembek’leyo.
Wayethandwa gqitha lilo ibandla,
Wanconyelwa kungekh’ ukuxabana.
Wayehlal’ ehamba kunye noPaw’los.
Bonke basikelelwa ngolo thumo.
3. Ke nina boodad’ abatsha khumb’lani
Ukholo lwentombi engumS’rayeli.
Nakuba yathinjwa, yayinokholo;
Yanceda abanye ngok’thand’ uThixo.
Yeza kumkaNahaman yaza yathi:
Unok’philiswa nguye umprofeti
Loo Mphathi-mikhosi ke wathobela.
Ngesenzo sokholo wasikelelwa.
4. Bazalwan’ noodade abaselula
Khanixelise le m’zekelo mihle.
Thina sinethemba ‘kwixa les’phelo.’
Ubanyule ayobathum’ uThixo.
Nina bathandekayo ke yilwani
Kwanani bakhonz’ abathiy’ okubi.
Masis’hlokomis’ is’lumkiso’ s’kaYa
Ukuze sivuzwe ngenkqubo entsha.