IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gm isahl. 14 iphe. 184-189
  • IBhayibhile Kunye Nawe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBhayibhile Kunye Nawe
  • IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Lwamkele Uncedo
  • Sisebenzise Isiluleko SeBhayibhile
  • Lamkele Igunya Layo
  • Akukho Bani Ufezekileyo
  • Phila NgeLizwi LikaThixo
  • Ilizwi LikaThixo Liyinyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Bambelela Ngokuqinileyo KwiLizwi LikaThixo
    Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso
  • Ukungenelwa Ekufundeni IBhayibhile Yonke Imihla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Umthombo Ophakamileyo Wobulumko
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
Khangela Okunye
IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
gm isahl. 14 iphe. 184-189

Isahluko 14

IBhayibhile Kunye Nawe

Abahlalutyi bale mihla bathi iBhayibhile ayichananga ngokwenzululwazi yaye iyaziphikisa, bathi iyingqokelela nje yeentsomi. Kwelinye icala, uYesu wathi: “Ilizwi lakho [Thixo] liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Ubungqina buxhasa uYesu kunokuba buxhase abahlalutyi. Izibakala zibonisa ukuba iBhayibhile iyinyaniso ngokwezembali. Ngaphezu koko, ukuvisisana kwayo okuphawulekayo, iziprofeto zayo eziyinyaniso, ubulumko bayo obunzulu namandla ayo anempembelelo elungileyo kubomi babantu kukonke kubonisa ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo elibhaliweyo. Kunjengokuba umpostile uPawulos wabhalayo: ‘Sonke isibhalo siphefumlelwe nguThixo yaye sikwaluncedo.’—2 Timoti 3:16.

1. (Quka intshayelelo.) (a) Zingqinela ntoni izibakala ngeBhayibhile? (b) Sithetha ntoni isibakala sokuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo?

ISIBAKALA sokuba iBhayibhile ililizwi likaThixo, kungelilo elomntu, sithetha into ebaluleke kakhulu. Sithetha ukuba ngokwenene uThixo uye waqhagamshelana nabantu. Uye waphendula imibuzo yethu emininzi waza wabonisa isicombululo kwiingxaki zethu ezininzi. Sikwathetha ukuba amathemba ekamva achazwe eBhayibhileni angawokwenene. Ngokwenene uBukumkani bukaThixo buyalawula, yaye ekuhambeni kwexesha buya kuthabatha inyathelo lokushenxisa kulo mhlaba konke okungekho sikweni, ingcinezelo nokuva ubunzima.

2. Ukwazi ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo kumele kukushukumisele ukuba wenze ntoni?

2 Ngoku, umbuzo ngulo: Uya kwenza ntoni ngale nkcazelo? Ubuncinane, ukwazi ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo kumele kukukhuthazele ukuba uyihlolisise. Umdumisi wathembisa ulonwabo kwabo babeya kwenjenjalo xa wabhala esithi: “Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo . . . Yena unonelela umyalelo kaYehova; ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku.”—INdumiso 1:1, 2.

Lwamkele Uncedo

3, 4. (a) Njengokuba iBhayibhile ngokwayo ibonisa, sifanele senze ntoni xa sifumana izinto esingaziqondiyo eBhayibhileni? (b) Ngoobani abasoloko bekulungele ukunceda abantu bayiqonde kakuhle iBhayibhile?

3 Ngokunokwenzeka, ekufundeni kwakho iBhayibhile wofumana izinto ongaziqondiyo. (2 Petros 3:16) Isiganeko esibhalwe kwincwadi yeBhayibhile yeZenzo sibonisa ukuba oku kufanele kulindelwe. Kungekudala emva kokufa kukaYesu, umTiyopiya othile wayefunda iziprofeto zencwadi yeBhayibhile kaIsaya. Umshumayeli weendaba ezilungileyo ongumKristu uFilipu wadibana nale ndoda waza wayibuza: “Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?” Lo mTiyopiya wayengaziqondi, ngoko wammema uFilipu ukuba amncede aziqonde.—IZenzo 8:30, 31.

4 Inenekazi elithile kwelaseUnited States lalikwimeko efana naleyo. Lalingumfundi weBhayibhile othe rhoqo, kodwa kwakukho iimfundiso ezininzi ezibalulekileyo zeBhayibhile elilangade lifikelele ekuziqondeni xa lizifundela. Kuphela kuxa lathi laba neengxubusho namaNgqina kaYehova elathi laziqonda iinyaniso zeBhayibhile ezisisiseko, kuquka ukubaluleka koBukumkani bukaThixo neentsikelelo ezininzi eziya kuziswa bobo Bukumkani kuluntu. Ukuba uyawamema, amaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ukuze ukuqonde kakuhle oko ukufunda eBhayibhileni.

Sisebenzise Isiluleko SeBhayibhile

5. Ngokutsho kweBhayibhile, liliphi ikhondo elizisa ulonwabo?

5 Asikhuthazwa nje ukuba siyifunde iBhayibhile kodwa nokuba sikusebenzise oko sikufundayo. (INdumiso 119:2) Ukongezelela, iBhayibhile isikhuthaza isithi: “Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozimela ngaye!” (INdumiso 34:8) Ngokungathi kunjalo, iyasimema ukuba simvavanye uThixo. Zama ukuphila ngokuvisisana nemigaqo kaThixo, ubonisa ukuba unenkoloseko yokuba uThixo uyakwazi okona kukulungeleyo. Kuphela kungoko oya kuthi ubone ukuba ngokwenyaniso le yindlela echanileyo. Abo bakholose ngolo hlobo ngoThixo bonwabe ngokwenene.

6. Ngaba kuluncedo ukuzama ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile namhlanje? Cacisa.

6 Bambi bathi akukho bani unokuphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile kweli hlabathi linganyanisekanga, lizele kukuziphatha okubi nelinogonyamelo. Phofu ke, inyaniso ikukuba, abaninzi benjenjalo. Ngoobani abo? Umfana waseAfrika wafumana iqela labantu abanjalo. Wabhala oku: “Ukutyhubela le minyaka imbalwa idluleyo bendisoloko ndikondele ukuba apha eZimbabwe kuphela kwenu maNgqina kaYehova, abantu abazama ngokwenyaniso ukulandela umzekelo kaKristu . . . Ukuza kuthi ga ngoku, nikuphela kweqela labantu eliphumeleleyo ukundeyisela kuthando lukaThixo nakumandla evangeli Yakhe, ngenxa yendlela enibuphila ngayo ubomi benu kungekuphela nje ngeentetho zenu neencwadi zenu. Niphila ngokuvisisana nevangeli yaye niyayishumayela, ngoxa abantu abaninzi kakhulu beyishumayela ivangeli kodwa bengaphili ngokuvisisana nayo.”

Lamkele Igunya Layo

7. Luluphi uqheliselo oluqhelekileyo namhlanje oluchaseneyo noko kuthethwa yiBhayibhile?

7 Umpostile uPawulos wathi iBhayibhile “ikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka.” (2 Timoti 3:16) Phofu ke, maxa wambi oko iBhayibhile ikutshoyo akunto ithandwayo. Ngokomzekelo, iBhayibhile iyazigweba izenzo zobufanasini, kodwa ubufanasini ngokubanzi bujongwa njengendlela yobomi eyamkelekileyo. (Roma 1:24-27; 1 Korinte 6:9-11; 1 Timoti 1:9-11) IBhayibhile ikwathi ubomi bomntwana ongekazalwa bubalulekile yaye abumele butshatyalaliswe ngabom, kodwa malunga neemveku ezingama-50 ezigidi ziyaqhomfwa ehlabathini jikelele nyaka ngamnye. (Eksodus 21:22, 23; INdumiso 36:9; 139:14-16; Yeremiya 1:5) Kuthekani ke ukuba thina ngokobuqu sikufumanisa kunzima ukwamkela oko iBhayibhile ikutshoyo kwimicimbi enjalo?

8, 9. Xa ekuqaleni sikufumanisa kunzima ukwamkela ingongoma ethile eBhayibhileni, sifanele sikhumbule ntoni, yaye yimilinganiselo kabani esimele sisoloko siyamkela?

8 Eneneni, amaKristu aye aqonda ukuba kusoloko kububulumko ukulandela iLizwi likaThixo. Ngoba? Kuba ekugqibeleni, ukulandela oko kuthethwa yiBhayibhile kusoloko kuphumela kwezona ngenelo zilungileyo kubo bonke. (IMizekeliso 2:1-11) Inyaniso ikukuba, abantu basikelw’ umda kakhulu xa kufikelelwa kubulumko. Kuyinto enqabe gqitha ukuba bayibone kwangaphambili imiphumo yokugqibela yezenzo zabo. Umprofeti uYeremiya wakuvuma oku esithi: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.”—Yeremiya 10:23.

9 Kufuneka nje sithi krwaqu koko kusingqongileyo ukuze sibone ukuba le mbono ichanile. Inkoliso yeengxaki ezithwaxa ihlabathi ziyimiphumo engqalileyo yokungalandelwa kwesiluleko seLizwi likaThixo ngabantu. Imbali yoluntu ende nezaliswe ziinkathazo ikubonisile ukuba abantu abanakuze ngempumelelo bazigqibele ngokwabo kwimicimbi engokuziphatha. UThixo unobulumko obungaphele ndawo kunokuba sinjalo thina. Kutheni ke singamkeli oko akutshoyo nje, kunokukholosa ngobulumko bethu?—IMizekeliso 28:26; Yeremiya 17:9.

Akukho Bani Ufezekileyo

10, 11. (a) Ziziphi izibakala ezingendlela esenziwe ngayo nezingehlabathi esiphila kulo ezibangela iingxaki xa sizama ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile? (b) IBhabhile isikhuthaza ukuba sifune uhlobo olunjani lonxulumano, yaye sinokulufumana phi unxulumano olunjalo?

10 IBhayibhile isenza siphaphele enye inkalo esifuna uncedo kuyo. Sonke sinotyekelo lokona esaluzuz’ ilifa. “Ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe.” (Genesis 8:21; Roma 7:21) Le ngxaki ibuya yandiswe sisibakala sokuba siphila kwihlabathi elingayilandeliyo imigaqo yeBhayibhile. Ngenxa yoko, sifuna uncedo kungekuphela nje lokuqonda iBhayibhile kodwa nolokuqhelisela izinto esizifundayo. Kungenxa yoko le nto iBhayibhile isikhuthaza ukuba sinxulumane nabanye abanqwenela ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yokuhlonel’ uThixo. Umdumisi wabhala oku: “Ndilithiyile ibandla labenzi bobubi, andihlali nabangendawo. . . . Ndimbonga uYehova ndisemabandleni.” Yaye enye indumiso ithi: “Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo-mnye!”—INdumiso 26:5, 12; 133:1.

11 Ukuhlanganisana ndawonye kuyinxale-nye ebalulekileyo yonqulo lwamaNgqina kaYehova. Aneentlanganiso eziliqela veki nganye, neendibano ezibakho ngamathub’ athile, apho afundisisa iBhayibhile ndawonye aze axubushe indlela esebenza ngayo imigaqo yayo kubomi bawo. Abumba ‘isizalwana’ sazwenibanzi apho kuso ngamnye akhuthazwa aze ancedwe ukuba alondoloze le milinganiselo iphakamileyo yeBhayibhile. (1 Petros 2:17) Kutheni ungakhe uye kwenye yeentlanganiso zawo uze uzibonele indlela elinokukunceda ngayo nawe ibutho elinjalo labantu?—Hebhere 10:24, 25.

Phila NgeLizwi LikaThixo

12. Ziziphi iintsikelelo ezingumphumo wokwazi ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo?

12 Ngenxa yoko, ukwazi ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo kuzisa iintsikelelo neembopheleleko. Sisikelelwe kuba sifumana ukhokelo kwihambo yethu yemihla ngemihla olungafumanekiyo nakuyiphi na enye indawo. Ukongezelela, sifunda ngothando lukaThixo ekulungiseleleni uNyana wakhe ukuba asihlawulele ukuze sibe singanethemba lobomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Siyaqonda ukuba uYesu ngoku uyalawula njengoKumkani nokuba kungekudala uza kuthabatha inyathelo lokushenxisa ubungendawo emhlabeni. Yaye ngentembelo silinde “elitsha izulu, nomtsha umhlaba” wobulungisa othenjiswe nguThixo ngokwakhe.—2 Petros 3:13.

13. Ziziphi iimbopheleleko ezithiwa zinzi phezu kwethu xa siyamkela iBhayibhile njengeLizwi likaThixo?

13 Noko ke, khumbula ukuba sinembopheleleko yokufundisisa iBhayibhile nokukufaka entliziyweni oko ikuthethayo. UThixo ubongoza esithi: “Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam; intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam.” (IMizekeliso 3:1) Enoba inkoliso iyijonga iBhayibhile njengelizwi nje lomntu, sifanele ngenkalipho simvumele ‘uThixo yena ukuba abe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki.’ (Roma 3:4) Vumela ubulumko bukaThixo bukhokele ubomi bakho. “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke . . . Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke.” (IMizekeliso 3:5, 6) Ukulithobela ngobulumko iLizwi likaThixo ngale ndlela kuya kubuchaphazela ubomi bakho ukuze uzuze okulungileyo ngoku nakwixesha elisa ephakadeni.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 187]

Asimele kuyifunda nje kuphela iBhayibhile kodwa sikwamele sikusebenzise oko sikufundayo

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 188]

Ukulandela oko iBhayibhile ikutshoyo kusoloko kuphumela kwezona meko zilunge gqitha

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share