IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gm isahl. 3 iphe. 25-36
  • Isihlobo Senkohliso SeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isihlobo Senkohliso SeBhayibhile
  • IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuchaswa Kokuguqulelwa KweBhayibhile
  • Abathetheleli BeBhayibhile
  • Uhlalutyo Oluqatha
  • ‘Ukunyeliswa Kwayo’
  • ILizwi LikaThixo Liyasinda
  • INgqobhoko Immele Kakubi UThixo NeBhayibhile
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
  • Babengafuni Ukuba Abantu Babe Nelizwi LikaThixo
    Vukani!—2011
  • Uwexuko—Ukuvalwa Kwendlela Eya KuThixo
    Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo
  • Indlela INgqobhoko Eyaba Yinxalenye Yeli Hlabathi Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
gm isahl. 3 iphe. 25-36

Isahluko 3

Isihlobo Senkohliso SeBhayibhile

Kwesi sahluko, sixubusha isizathu esiyintloko sokuba abaninzi abavela kumazwe angengowabuKristu bengayamkeli iBhayibhile njengeLizwi likaThixo. Ngokwembali, iNgqobhoko iye yazibanga ikholelwa eBhayibhileni yaye ikwangumgcini wayo. Kodwa iintlangano zonqulo zeNgqobhoko ziye zanxulunyaniswa nawona masikizi abalekis’ umzimba embalini, ukususela kwiiMfazwe Zomnqamlezo nasekutshatyalalisweni kwabantu abangenakuzinceda kumaXesha Aphakathi ukuza kuthi ga ekuBulaweni Kwabantu Ngenkohlakalo kwixesha lethu. Ngaba ihambo yeNgqobhoko isisizathu esilungileyo sokuyicekisa iBhayibhile? Inyaniso ikukuba, iNgqobhoko iye yazingqina isisihlobo senkohliso seBhayibhile. Ngokwenene, xa iNgqobhoko yavelayo kwinkulungwane yesine yeXesha lethu Eliqhelekileyo, kwakungekapheli ukulwela kweBhayibhile ukusinda kwayo.

1, 2. (Quka intshayelelo.) (a) Kutheni le nto abaninzi bengayamkeli iBhayibhile njengeLizwi likaThixo? (b) Nguwuphi umsebenzi omhle owaphunyezwayo ebudeni benkulungwane yokuqala neyesibini, kanti yintoni le iyingozi yayiza kwenzeka?

NGASEKUPHELENI kwenkulungwane yokuqala, kwakusele kugqityiwe ukubhalwa kwazo zonke iincwadi zeBhayibhile. Ukususela ngoko ukusa phambili, amaKristu ayekhokela ekukhupheleni nasekusasazeni iBhayibhile epheleleyo. Kwangaxeshanye, ayexakekile eyiguqulela kwinkoliso yeelwimi eziqhelekileyo zaloo mihla. Kambe ke, ngoxa ibandla lamaKristu lalixakekile kulo msebenzi uncomekayo, kwakuqalisa ukwenzeka kwento ethile eyayiya kungqineka iyingozi kakhulu ekusindeni kweBhayibhile.

2 Oko kwakusenzeka kwakuxelwe kwangaphambili yiBhayibhile. UYesu wakhe wenza umzekeliso wendoda eyahlwayela kwintsimi yayo iimbewu zengqolowa ezilungileyo. Kodwa ngoxa ‘abantu babelele,’ utshaba lwahlwayela iimbewu ezaziya kuvelisa ukhula. Zombini ezi ntlobo zembewu zadubula, yaye okwethuba elithile ukhula lwayisitha ingqolowa ayabonakala. Ngalo mzekeliso, uYesu wabonisa ukuba isiqhamo somsebenzi wakhe sasiya kuba ngamaKristu okwenyaniso kodwa kwakuya kuthi emva kokufa kwakhe kunyebelezele amaKristu obuxoki ebandleni. Ekugqibeleni, kwakuya kuba nzima ukwahlula awenyaniso kwawobuxoki.—Mateyu 13:24-30, 36-43.

3. Ngokutsho kompostile uPetros, “amaKristu” anjengokhula ayeya kubangela wuphi umphumo ngokuphathelele ukukholelwa eBhayibhileni?

3 Ethetha ngokuphandle umpostile uPetros walumkisa ngemiphumo la “maKristu” anjengokhula awayeya kuyibangela kwindlela abantu ababeya kubujonga ngayo ubuKristu neBhayibhile. Walumkisa esithi: “Naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya. Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso.”—2 Petros 2:1, 2.

4. Sazaliseka njani isiprofeto sikaYesu nesikaPetros kwanasebudeni benkulungwane yokuqala?

4 Kwanasebudeni benkulungwane yokuqala, isiprofeto sikaYesu nesikaPetros sazaliseka. Amadoda anekratshi anyebelezela kwibandla lamaKristu aza ahlwayela iyantlukwano. (2 Timoti 2:16-18; 2 Petros 2:21, 22; 3 Yohane 9, 10) Ebudeni beenkulungwane ezimbini ezalandelayo, ubunyulu benyaniso yeBhayibhile bonakaliswa yintanda-bulumko yamaGrike, yaye ngokuphosakeleyo abaninzi bamkela iimfundiso ezisisiseko zobuhedeni njengenyaniso yeBhayibhile.

5. Yiyiphi inguqulelo kwinkqubo yolawulo eyaqaliswa nguConstantine ekuqaleni kwenkulungwane yesine?

5 Ngenkulungwane yesine, umlawuli waseRoma uConstantine wabamkela “ubuKristu” njengonqulo lwaseburhulumenteni loBukhosi baseRoma. Kodwa “ubuKristu” awayebazi babahluke mpela kunqulo olwashunyayelwa nguYesu. Ngeli thuba “umdiza” olukhula wawuchume usaphulana, kanye njengokuba uYesu wayexelile kwangaphambili. Sekunjalo, sinokuqiniseka ukuba ngalo lonke elo xesha, babekho abathile ababemela ubuKristu bokwenyaniso yaye besebenza nzima ukulandela iBhayibhile njengeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo.—Mateyu 28:19, 20.

Ukuchaswa Kokuguqulelwa KweBhayibhile

6. Yaqalisa nini ukubonakala iNgqobhoko, yaye yiyiphi enye indlela olwahluka ngayo unqulo lweNgqobhoko kubuKristu beBhayibhile?

6 INgqobhoko njengokuba siyazi namhla yaqalisa ukubonakala ngexesha likaConstantine. Ukususela ngoko ukusa phambili, uhlobo lobuKristu obuwohlokileyo olwalusele luvelile lwalungaseyontlangano nje yonqulo kuphela. Lwaluyinxalenye karhulumente, yaye iinkokeli zalo zaba nendima ebalulekileyo kwezobupolitika. Ekugqibeleni, icawa ewexukileyo yasebenzisa igunya layo lobupolitika ngendlela eyayichasene ngokupheleleyo nobuKristu beBhayibhile, nto leyo eyazisa esinye isisongelo kwiBhayibhile. Njani?

7, 8. Kwakunini awathi upopu wavakalisa ukukuchasa kwakhe ukuguqulelwa kweBhayibhile, yaye kutheni wakwenzayo nje oko?

7 Xa isiLatini saphelelwayo njengolwimi lwemihla ngemihla, kwafuneka iinguqulelo ezintsha zeBhayibhile. Kodwa iCawa yamaKatolika yayingasakholiswa koku. Ngowe-1079, uVratislaus, owathi kamva waba ngukumkani waseBohemia, wacela imvume kuPopu uGregory VII yokuba aguqulele iBhayibhile kulwimi lwabemi belizwe lakhe. UPopu waphendula esithi akusokuze kwenzeke oko. Wachaza wathi: “Licacile kwabo basoloko becamngca ngayo elokuba, kungesizathu esilungileyo le nto kumkholisileyo uThixo uSomandla ukuba isibhalo esingcwele sibe yimfihlelo kwiindawo ezithile, hleze kuthi, ukuba besenziwe sacaca kubo bonke abantu, mhlawumbi sijongwe njengesingaxabisekanga size sibe lixhoba lokungahlonelwa; okanye sisenokude siqondwe phosakeleyo ngabo banemfundo ephantsi, ize ke loo nto ikhokelele kulahleko.”⁠1

8 UPopu wayefuna ukuba iBhayibhile igcinwe ikulwimi lwesiLatini olwalungasasetyenziswa ngoko. Okuqulethwe yiyo kwakumele kugcinwe “kuyimfihlelo,” kungaguqulelwanga kwiilwimi zabantu abaqhelekileyo.a IVulgate yesiLatini kaJerome, eyaveliswa kwinkulungwane yesihlanu ukwenzela ukuba iBhayibhile ifumaneke kubo bonke, ngoku yaba sisixhobo sokuyigcina ifihlakele.

9, 10. (a) Yavela njani inkcaso yamaRoma Katolika ekuguqulelweni kweBhayibhile? (b) Yayiyintoni injongo yeCawa yokuchasa iBhayibhile?

9 Njengoko amaXesha Aphakathi ayehambela phambili, iCawa yakuchasa ngokungqongqo ngakumbi ukusetyenziswa kweeBhayibhile ezikwiilwimi zabomgquba. Ngowe-1199 uPopu Innocent III wabhala incwadi ehlabayo eyibhalela ubhishophu omkhulu waseMetz, eJamani, esithi ubhishophu omkhulu makazitshise zonke iiBhayibhile ezazingolwimi lwesiJamani awayenokuzifumana.⁠3 Ngowe-1229 ibhunga lecawa laseToulouse, eFransi, lawisa umthetho wokuba “abantu nje abaqhelekileyo” babengenakuba nazo naziphi na iincwadi zeBhayibhile ngolwimi oluqhelekileyo.⁠4 Ngowe-1233 ibhunga lecawa lephondo laseTarragona, eSpeyin, layalela ukuba zonke iincwadi “zeTestamente Endala okanye Entsha” maziziswe ukuze zitshiswe.⁠5 Ngowe-1407 ibhunga lecawa labefundisi elalimenyelwe eOxford, eNgilani, nguBhishophu Omkhulu uThomas Arundel lakwalela ngokuphandle ukuguqulelwa kweBhayibhile isisiwa esiNgesini okanye nakuluphi na olunye ulwimi lwale mihla.⁠6 Ngowe-1431, kwalapho kwelaseNgilani, uBhishophu uStafford waseWells wakwalela ukuguqulelwa kweBhayibhile isisiwa esiNgesini nokuba ubani abe neenguqulelo ezinjalo.⁠7

10 La magunya onqulo ayengazami kuyitshabalalisa iBhayibhile. Ayezama ukuyenza ibe yincwadi engasetyenziswayo, ngokuyigcina kulwimi olwalunokufundwa kuphela ngabambalwa. Ngale ndlela, ayenethemba lokuthintela oko ayekubiza ngokuba luqhekeko kodwa ngokwenene okwakulucelomngeni kwigunya lawo. Ukuba ayephumelele, iBhayibhile ngeyaba yinto nje eyeyomdla kwabo baziinkcubabuchopho, ibe nempembelelo encinane okanye ingabi nayo kwaukuba nayo kubomi babantu nje abaqhelekileyo.

Abathetheleli BeBhayibhile

11. Waba yintoni umphumo xa uJulián Hernández weba iiBhayibhile zolwimi lweSpanish waza wazingenisa eSpeyin?

11 Noko ke, okuvuyisayo kukuba abantu abaninzi abanyanisekileyo bala ukulandela le mimiselo. Kodwa ukwala okunjalo kwakuyingozi. Abantu ngabanye beva ubunzima ngeendlela ezibuhlungu ngenxa “yolwaphulo-mthetho” lokuba neBhayibhile. Ngokomzekelo, khawuqwalasele imeko yommi waseSpeyin ogama linguJulián Hernández. Ngokutsho kweHistory of Christian Martyrdom kaFoxe, uJulián (okanye, uJuliano) “wazimisela ukuthwala inani elikhulu leeBhayibhile ezisusa eJamani ezingenisa kwilizwe lakhe, zifihlwe kwiintsuba zotywala, yaye zipakishwe ngokungathi yiwayini eyayivela kwingingqi yomlambo iRhine.” Wangcatshwa waza wabanjwa ngabaNcini bamaRoma Katolika. Bonke abo zazisiya kubo ezo Bhayibhile “bathuthunjiswa ngokungenalusini, yaza inkoliso yabo yagwetyelwa ukohlwaywa ngeendlela ezahlukahlukeneyo. UJuliano watshiswa, abangamashumi amabini baqhotswa kwiintsimbi ezineencam ezitsolo, abaliqela bagwetyelwa ukutsala nzima ubomi bonke ezintolongweni, abanye batyatyulwa ngezabhokhwe esidlangalaleni, abaninzi bathunyelwa ukuya kubheqa imikhombe elwandle.”⁠8

12. Sazi njani ukuba amagunya onqulo amaXesha Aphakathi ayengameli buKristu beBhayibhile?

12 Okunjani kona ukuba lisikizi ukusetyenziswa kakubi kwegunya! Ngokucacileyo, la magunya onqulo ayengengobameli bobuKristu beBhayibhile nangayiphi na indlela! IBhayibhile ngokwayo yabatyhila ukuba babengabakabani na xa yathi: “Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane; singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe.”—1 Yohane 3:10-12.

13, 14. (a) Sisiphi isibakala esasiphawuleka ngeBhayibhile ngethuba lamaXesha Aphakathi esibonisa ukuba ivela kuThixo? (b) Imeko yaguquka njani mayela neBhayibhile kwelaseYurophu?

13 Noko ke, hayi indlela ephawuleka ngayo into yokuba amadoda kwanabafazi babe babekuvuma ukuzibeka esichengeni kwimpatho ehlasimlisa ngolo hlobo ukuze nje babe neBhayibhile! Yaye imizekelo yabanjalo iye yaphindaphindeka izihlandlo ezininzi kakhulu ukwehla njalo ukuza kuthi ga kulo mhla wethu. Uzinikelo olunzulu oluye lwabangelwa yiBhayibhile kubantu ngabanye, ukuvuma kwabo ukuva ubunzima ngomonde nokuzithoba kwabo bengakhalazi ekufeni okubuhlungu bengaphindisi kubathuthumbisi babo, kububungqina obomeleleyo bokuba iBhayibhile ililo iLizwi likaThixo.—1 Petros 2:21.

14 Ekugqibeleni, emva kokuvukela kwamaProtestanti igunya lamaRoma Katolika kwinkulungwane ye-16, iCawa yamaRoma Katolika ngokwayo yanyanzeleka ukuba ivelise iinguqulelo zeBhayibhile ngeelwimi ezazithethwa ngokubanzi eYurophu. Kodwa kwanangoko, iBhayibhile yayinxulunyaniswa ikakhulu nobuProtestanti kunokuba inxulunyaniswe nobuKatolika. Kunjengokuba umbingeleli wamaRoma Katolika uEdward J. Ciuba wabhalayo: “Ubani kuya kufuneka ngokunyanisekileyo avume ukuba omnye weyona miphumo iyintlekele yoHlaziyo lwamaProtestanti waba kukutyeshelwa kweBhayibhile luninzi lwabangamaKatolika athembekileyo. Ngoxa ingazange ilityalwe ngokupheleleyo, iBhayibhile yaba yincwadi evaliweyo kwinkoliso yamaKatolika.”⁠9

Uhlalutyo Oluqatha

15, 16. Kutheni le nto ubuProtestanti bungekho msulwa kwityala lokuchaswa kweBhayibhile?

15 Kodwa iicawa zamaProtestanti azikho msulwa kwityala lokuchaswa kweBhayibhile. Njengoko iminyaka yayiqengqeleka, bambi abaphengululi abangamaProtestanti baqalisa ukuyihlasela ngenye indlela le ncwadi: ihlaselwa ziingqondi. Ebudeni benkulungwane ye-18 neye-19, bavelisa indlela yokuyifundisisa iBhayibhile eyaziwa ngokuba kukuyihlalutya ngokuqatha. Abahlalutyi abanjalo abaqatha bafundisa ukuba inxalenye enkulu yeBhayibhile yayibunjwe ngamabali neentsomi. Bambi bade bathi uYesu akazange abekho kwaukubakho. Kunokuba bayibize ngokuba iliLizwi likaThixo, aba baphengululi bamaProtestanti bathi iBhayibhile ililizwi lomntu, nalizwi, eliphixeneyo.

16 Ngoxa ezona ngcamango zitenxileyo kwezi kungasekho bani uzikholelwayo, uhlalutyo oluqatha lusafundiswa kwizikolo zobufundisi, yaye akunto ingaqhelekanga ukuva umfundisi ongumProtestanti ezinukuneza esidlangalaleni njengezingento iinxalenye ezinkulu zeBhayibhile. Ngaloo ndlela, omnye umfundisi waseTshetshi wacatshulwa kwelinye iphephandaba laseOstreliya njengothi okuninzi okuseBhayibhileni “kuphosakele ngokwenene. Inxalenye yembali yayo iphosakele. Ngelicacileyo ezinye zeenkcukacha zayo zigqwethekile.” Oku kucinga kungumphumo wohlalutyo oluqatha.

‘Ukunyeliswa Kwayo’

17, 18. Ihambo yeNgqobhoko iluzise njani ugculelo eBhayibhileni?

17 Noko ke, mhlawumbi yihambo yeNgqobhoko eye yangowona mqobo mkhulu obangele ukuba abantu bangayamkeli iBhayibhile njengeLizwi likaThixo. INgqobhoko izibanga ilandela iBhayibhile. Kanti, ihambo yayo iye yazisa ugculelo olukhulu eBhayibhileni kwanakwigama lobuKristu. Njengoko umpostile uPetros waxelayo kwangaphambili, indlela yenyaniso iye ‘yanyeliswa.’—2 Petros 2:2.

18 Ngokomzekelo, ngoxa icawa yayingakuvumeli ukuguqulelwa kweBhayibhile, upopu wayexhasa ngemali imigudu emikhulu yezomkhosi yokuhlasela amaSilamsi aseMbindi Mpuma. La maphulo abizwa ngokuba ziiMfazwe Zomnqamlezo “ezingcwele,” kodwa kwakungekho nto ingcwele ngazo. Eyokuqala—eyabizwa ngokuba “yiMfazwe Yomnqamlezo Yabantu”—yahlahl’ indlela yoko kwakuza kulandela. Ngaphambi kokuba uyishiye iYurophu, umkhosi odlongodlongo, uhlotyiswe igazi ngabashumayeli, waphethukela kumaYuda aseJamani, uwaxhela ukusuka kule dolophu ukusa kwenye. Kwakutheni? Umbhali-mbali uHans Eberhard Mayer uthi: “Isizathu esinikelweyo sokuba amaYuda, njengeentshaba zikaKristu, ayefanele kukohlwaywa sasililinge nje elibuthathaka lokufihla eyona ntshukumisa yokwenene: ukunyoluka.”⁠10

19-21. Imfazwe yamaShumi Amathathu Eminyaka, kunye nemigudu yabefundisi baseYurophu nokwanda kwenkqubo yamathanga, kwaluzisa njani ugculelo eBhayibhileni?

19 Imvukelo yamaProtestanti kwinkulungwane ye-16 yawashenxisa amaRoma Katolika egunyeni kumazwe amaninzi aseYurophu. Omnye umphumo waba yimfazwe yamaShumi Amathathu Eminyaka (1618-48)—“enye yezona mfazwe zoyikekayo kwimbali yelaseYurophu,” ngokutsho kweThe Universal History of the World. Wawuyintoni unobangela osisisiseko wale mfazwe? “Wawukukuthiya kwamaKatolika amaProtestanti, nokuthiya kwamaProtestanti amaKatolika.”⁠11

20 Ngeli thuba, iNgqobhoko yayiqalisile ukwanda ukusa ngaphaya kwemida yelaseYurophu, ithwele impucuko “yobuKristu” iyisa kwezinye iinxalenye zomhlaba. Lo mkhosi wonqulo waphawulwa ngokuba nenkohlakalo nangokunyoluka. Kumazwe aseMerika, ngokukhawuleza iinkokeli zaseSpeyin ezangenela zaza zathimba loo mazwe zazitshabalalisa izinto zempucuko zemveli zabemi baseMerika. Enye incwadi yembali yaphawula oku: “Ngokubanzi, iirhuluneli zaseSpeyin zayitshabalalisa impucuko yabemi bomthonyama, zingayingenisanga impucuko yaseYurophu. Ukunyolukela kwazo igolide kwakuyintshukumisa eyintloko eyazitsalela kweli Lizwe Litsha.”⁠12

21 Abefundisi bamaProtestanti nabo baphuma eYurophu besiya kwamanye amazwekazi. Omnye wemiphumo yomsebenzi wabo waba kukwandiswa kwenkqubo yamathanga. Imbono exhaphake ngokubanzi namhlanje ngokuphathelele imigudu yabefundisi bamaProtestanti yile: “Kwiimeko ezininzi igunya labefundisi liye lasetyenziswa njengetyholo lokusithela nanjengento yokuzithethelela ekucinezeleni kwabo abantu. Ukuhlobana okukhoyo phakathi kweenkonzo, nobugcisa, kwanenkqubo yamathanga kuyinto eyaziwayo.”⁠13

22. INgqobhoko iluzise njani ugculelo kwigama lobuKristu ebudeni benkulungwane yama-20?

22 Unxulumano olusondeleyo phakathi kweenkonzo zeNgqobhoko norhulumente luye lwaqhubeka ukwehla ukuza kuthi ga kumhla wethu. Iimfazwe ezimbini zokugqibela zehlabathi ngokuyintloko zaliwa ziintlanga “ezizezobuKristu.” Macala omabini abefundisi bakhuthaza abafana bamazwe abo ukuba baye kulwa baze bazame ukuluqengq’ ugodo utshaba—ngokufuthi olwalukwangolonqulo olunye. Kunjengokuba kwaphawulwayo kwincwadi ethi If the Churches Want World Peace: “Ngokuqinisekileyo kulihlazo [kwiicawa] ukuba ibe inkqubo yemfazwe yale mihla yavela yaza yaphumeza eyona mbubhiso yayo inkulu phakathi kwamazwe azinikele kwiinjongo zobuKristu.”⁠14

ILizwi LikaThixo Liyasinda

23. Imbali yeNgqobhoko ibonisa njani ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo?

23 Le mbali inde nelusizi yeNgqobhoko siyibalisa ukuze sibalaselise iingongoma ezimbini. Eyokuqala, iziganeko ezinjalo zizalisekisa isiprofeto seBhayibhile. Kwakuxelwe kwangaphambili ukuba abaninzi abathi bangamaKristu babeya kuzisa ugculelo eBhayibhileni nakwigama lobuKristu, yaye isibakala sokuba oku kwenzekile sithethelela iBhayibhile njengaleyo inyanisileyo. Sekunjalo, asimele kulahlekelwa sisibakala sokuba ihambo yeNgqobhoko ayimeli ubuKristu obusekelwe eBhayibhileni.

24. Yintoni efanisa amaKristu okwenyaniso ize ngaloo ndlela iyigwebe ngelicacileyo iNgqobhoko njengengenabuKristu?

24 Indlela anokuqondwa ngayo amaKristu okwenyaniso yachazwa nguYesu ngokwakhe: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.” (Yohane 13:35) Ngokubhekele phaya, uYesu wathi: “Abangabo abehlabathi njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” (Yohane 17:16) Kuzo zombini ezi nkalo, iNgqobhoko izibhenca ngokucacileyo njengaleyo ingameli buKristu beBhayibhile. Izibanga isisihlobo seBhayibhile, kodwa ibe sisihlobo senkohliso.

25. Kutheni le nto iBhayibhile yasindayo kuzo zonke iimbandezelo zayo ukwehla ukuza kuthi ga kwixesha lethu?

25 Ingongoma yesibini yile: Ngenxa yesibakala sokuba iNgqobhoko iyonke iye yenza okuninzi kangako okuchasene nezilangazelelo zeBhayibhile, ngokwenene, kuyinto ephawulekayo ukuba ibe le ncwadi iye yasinda ukuza kuthi ga namhlanje yaye isaqhubeka inempembelelo entle kubomi babantu abaninzi. IBhayibhile iye yasinda kwinkcaso ekrakra yokuguqulelwa kwayo, kwiintlaselo ezivela kubaphengululi bale mihla, nakwihambo engeyoyabuKristu yesihlobo sayo senkohliso, iNgqobhoko. Kutheni? Kungenxa yokuba iBhayibhile ayifani nayo nayiphi na enye incwadi ebhaliweyo. IBhayibhile ayisoze itshitshe. IliLizwi likaThixo, yaye iBhayibhile ngokwayo isixelela oku: “Buyoma utyani, iyabuna intyatyambo; ke lona ilizwi likaThixo wethu liya kuma ngonaphakade.”—Isaya 40:8.

[Umbhalo osemazantsi]

a Kwenziwa iinguqulelo ezimbalwa ngeelwimi zabomgquba. Kodwa ngokufuthi kwakusetyenzwa nzima ukuzivelisa kwimibhalo-ngqangi eyayihonjiswe ngeendleko ezinkulu yaye ngokuqinisekileyo yayingenakusetyenziswa ngabantu nje abaqhelekileyo.⁠2

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 34]

Iicawa eziphambili zamaProtestanti ziye zanesabelo ekuhlaselweni okukhulu kweBhayibhile ziingqondi

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ngokwenene imbali yeNgqobhoko yaqala xa uConstantine wabenza bango-kwasemthethweni “ubuKristu” bomhla wakhe

[Imifanekiso ekwiphepha 29]

UPopu uGregory VII noInnocent III babebalasele kumzabalazo weCawa yamaKatolika wokuthintela ukuguqulelwa kweBhayibhile kwiilwimi zabantu ngokubanzi ezazisetyenziswa ngaloo mihla

[Umfanekiso okwiphepha 33]

Ihambo eyothusayo yeNgqobhoko iye yakhokelela abaninzi ekubeni bayithandabuze iBhayibhile ukuba ngokwenene iliLizwi likaThixo

[Umfanekiso okwiphepha 35]

Ngethuba lemfazwe yehlabathi yokuqala, la majoni aseRashiya ayeguqa ngaphambi komfanekiso oqingqiweyo wonqulo ngaphambi kokuba aphume ukuya kubulala “amaKristu” angoowawo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share