INgoma 139
Phulaphula Iindaba ZoBukumkani
1. Ke, phulaphul’ iindab’ ez’lung’leyo namhla
UNyana uthi “Ndipheth’ umhlaba.
Kamsinya notshaba lwenu luyosuswa;
Khaw’lezani niphume kwinkqub’ endala!”
(Chorus)
2. UThixo ngok’ ubiza abantu namhla:
“Vuyani nina, Ninok’lulama.
Kamsinya ngok’ uKristu wophath’ umhlaba;
Iintlung’ usizi konke kuyothi shwaka!”
(Chorus)
3. Usikelelwe umntu ovayo namhla
Ngovuyo wathi: “Ndothobel’ uYa,”
Othembekileyo uThixo womgcina
Kub’ uBukumkan’ ebufuna kuqala!
(CHORUS)
Ongendawo abe lilungisa,
Nombi ashiye eyakhe indlela.
Babuyele kuThixo oxolela kakhulu
Ngenxa yenceba.