INgoma 84
Imisebenzi Emikhulu Nemangalisayo KaThixo
1. Yehova Thixo Somandla,
Mikhul’ im’sebenzi yakho!
Umhlab’ inyanga nelanga
Zixel’ uzuko onalo.
2. Iindlela zakho z’lungile,
Kumkan’ wethu waphakade!
Yonk’ indalo ik’dumise;
Ke, masibulele kuwe.
3. Nguban’ ongek’ akoyike
Azukis’ igama lakho?
Unyan’sekile, ungcwele
Yen’ uMongami, uThixo.
4. Unemithetho yob’lumko
Ubonis’ uk’lunga kwakho!
Zonke iintlanga ke Thixo
Maz’dumis’ igama lakho.