INgoma 109
Kuthenjiswa Ubomi Obungunaphakade
1. Ubomi banaphakade
Lidinga l’kaYehova
Kwimfezeko emhlabeni.
Oku ak’lophupha.
(Chorus)
2. Idinga l’kaYa liy’nyani;
Lozaliseka msinya:
‘Amalungis’ odl’ ilifa.’
Oku wokwenz’ uYa.
(Chorus)
3. Siqin’sekiswa nguThixo,
Izinto wozenza ntsha.
Kuya kuhla njengombethe
Ukusikelelwa.
(Chorus)
4. Njengok’ uYesu watshoyo
IParadis’ yobuya.
Kumhlab’ omtsha uYehova
Wohlal’ edunyiswa.
(CHORUS)
S’nok’phila phakade
Xa sithi sizame.
Idinga likaYa
Lozaliseka.