INgoma 60
UBukumkani BukaThixo Bewaka Leminyaka
1. UYa umis’ iminyak’ eliwaka
Yolaw’lo olusesikweni loNyana.
Kunye naye kolawula ikhulu
Namanc’ aman’ anesine lamawaka.
2. Ngobubele kwabangafezekanga,
Lovuyel’ uk’phelis’ isono neentlungu.
Wonk’ umhlaba woba yiParadisi.
Kudunyisw’ uYa ngelizwi elikhulu.
3. Ulawulo lwewaka leminyaka!
Thina sil’bona ngeliso lwal’ ukholo:
Ke nabafi bavuswe nguy’ Thixo.
NguMhla Womgwebo kaThixo wethu lowo.
4. Masizame ukwenza konk’ es’nako;
Siphaphe, kuba le min’ iyasondela.
Ngobukroti nenkalipho solumka,
Sibameme basondele kuYa msinya.