INgoma 83
Isizathu Sokuvuya KweZiyon
1. UThixo unohlanga
Luzelwe ngalo mhla.
Kwabakho ‘kwanomhlaba’
Ongenakukhala.
IZiyon yamazulu
Yazala nges’quphe
Oonyana abaninzi,
Bazis’ iZwi lakhe.
(Chorus)
2. Uk’zalwa kolu hlanga
Kwenza imihlali.
Lumel’ uBukumkani,
L’nyamekel’ umhlambi.
Abantwana beZiyon
Bahlonel’ uThixo.
Bathetha ngenkalipho,
Bengathintelwa nto.
(Chorus)
3. Yinjongo kaYehova
Uk’gungqis’ iintlanga.
Abanqwenelekayo
EZiyoni boya.
Kubo kulilungelo
Uk’phakamis’ uYa,
Beguqa phambi kwakhe,
Benqul’ uYehova.
(CHORUS)
Chwayitani kunye neZiyoni!
Kub’ ithandwa nguYehov’ iNkosi!
Kwanoonyana banguw’ umqondiso,
Ke, besidla kwis’thebe s’kaThixo. xo. (Thixo)