INgoma 73
“Bunabathozamileyo Ubulumko”
1. Ukuze s’hambe noThixo
Mas’bonis’ ukuthozama,
Siqond’ ubukhulu bakhe
Nobuncinci bethu thina!
2. ‘Thina ke asinto yanto’!
Ewe sinaso nesono.
Ke, ukuba s’yathozama,
Yoba nkulu ingenelo!
3. ‘Zithobeni,’ yatsh’ iNkosi,
Iyala ngezwi nesenzo.
Ngaba s’mele siz’gwagwise,
Singas’thobel’ is’luleko.
4. Ngokunkwantya masikhonze,
Kuba simthand’ uYa wethu.
Ukuhamba ngok’thozama
Bubulumko baphezulu.