Ukubonakalisa Uthando KwiNdibano “Yemfundiso Yobuthixo”
1 Abazalwana abangama-99 balapha eMzantsi Afrika abebekho kwindibano ekhethekileyo yezizwe ngezizwe eKiev, eUkraine, babuye neengxelo ezifudumez’ intliziyo ngaloo ndibano ibalulekileyo embalini. Ababhaptiziweyo babe ngama-7402 elona nani likhulu lakha labhaptizwa, elingaphezulu nakwelo labo babhaptizwa kwindibano yomhlaba wonke eyayiseNew York ngowe-1958. Iindwendwe ebezikho zifumanise ukuba uthando olufudumeleyo oluboniswe kuzo ngabazalwana baseUkraine nabaseRashiya belubalasele. Nangona ulwimi belungumqobo ngokwenene, abazalwana abebehleli kumacandelo abo bathetha isiUkraine nesiRashiya bebezityelela iindwendwe ezivela kwamanye amazwe kumacandelo azo ebala lezemidlalo ngaphambi kocwangciso, ngexesha lonqumamo, nasemva kocwangciso. Bebesabelana ngamava, befota kunye neendwendwe ezityeleleyo, yaye benikana nezipho ezincinane njengezinto abanokukhumbulana ngazo. Olunjani lona uthando lobuzalwana abalubonakalisileyo!
2 Oku kufanele kusenze sicinge. Siza kuba neendwendwe ezininzi ezivela ehlabathini lonke kwiindibano zethu ezikhethekileyo zezizwe ngezizwe eziza kuqhutyelwa eKapa, ePitoli, eRhawutini naseThekwini. Ngaba siza kubonakalisa uthando olufudumeleyo nobuhlobo obufanayo kuzo?
3 Kwakhona kangangeminyaka eliqela ngoku, kweli lizwe, besinenkululeko yokuba neendibano zesithili zeentlanga ezahlukahlukeneyo neelwimi ezahlukahlukeneyo. Sikunandiphile ukuba kunye, ngamnye ephulaphule ucwangciso kwiholo okanye kwinxalenye yebala ekuthethwa ulwimi lwakhe kuyo. Kuthi ke ngamaxesha onqumamo, sinandiphe izixhaso kunye nonxulumano olusikelwe umda. Kodwa ubukhulu becala besihlala kwiholo okanye kwinxalenye yebala yolwimi lwethu. Besingabatyeleli kangako abazalwana bethu abathetha olunye ulwimi okanye abohlanga olwahlukileyo kolwethu. Iintlanga namaqela eelwimi awahlukahlukeneyo ubukhulu becala ebehlala kunye kumacandelo awo. Ngaloo ndlela maxa wambi phantse besingabonani nangona sihleli kunye kwezi ndibano zamaKristu. Ngaba sinokuphucula koku kwiNdibano “Yemfundiso Yobuthixo” kulo nyaka?
4 Anjani wona ukuba mahle amathuba esiya kuba nawo kwindibano yethu, ngokukodwa kwiindibano ezine zezizwe ngezizwe, okubonisa ihlabathi ukuba ngokwenene singabafundi bakaKristu ngothando esinalo phakathi kwethu. (Yoh. 13:35) Sithetha nje apha eMzantsi Afrika, kukho intiyo engathethekiyo phakathi kweentlanga namaqela ezizwe ezahlukahlukeneyo. Ngoko sinethuba elihle kwindibano yethu lokubonisa ukuba sahlukile, asiyonxalenye yehlabathi.—Yoh. 17:16.
5 Ezi ndibano zaminyaka le zinikela amathuba okuba sazane kakuhle ngakumbi. Zibuze, ‘Ukuba ndingumzalwana othetha isiZulu, ndibazi kakuhle kangakanani abazalwana bam abathetha isiNgesi okanye isiBhulu? Ukuba ndingumzalwana othetha isiNgesi, ndibazi kakuhle kangakanani abazalwana bam abathetha isiXhosa, isiSuthu, okanye isiPedi?’ Kodwa usenokuthi, ‘Andilwazi ulwimi lwabo. Ndinokunxulumana njani nabo?’ Inkoliso yabazalwana eMzantsi Afrika ubuncinane iyawazi amagama ambalwa esiNgesi, kodwa inkoliso yabazalwana baseRashiya naseUkraine bebengazi nowathwethwa ngesiNgesi. Bekufuneka bacele imbinana enolwazana olungephi ngesiNgesi ukuba itolike incoko yabo. Bekumangalisa ukubona abazalwana bethu abebeye kule ndibano benxibelelana nabazalwana basekuhlaleni phezu kwawo nje umqobo wolwimi, inkoliso isenjenjalo ngezimbo zomzimba.
6 Abazalwana baseRashiya nabaseUkraine, abebahlukanisiwe nabazalwana babo abangamaKristu kangangeminyaka emininzi kangaka, bebefuna nje ukuba kunye nabazalwana babo abavela kwamanye amazwe ukuze banandiphe ukukhuthazana. Ngokuqinisekileyo bebengatyeleli abazalwana babo ngenjongo yokuya kungqiba, nangona uninzi lwabo lungamahlwempu ngokwezinto eziphathekayo. Ngumnqweno wabo wobudlelane bokomoya owenze indibano yaseKiev yangamava angalibalekiyo kwabo bebenethuba lokubakho kuyo. Ngaba ngamnye kuthi unokuzibekela usukelo lokwazi ubuncinane intsapho okanye umntu omnye othetha olunye ulwimi okanye wolunye uhlanga endibanweni kulo nyaka? Enye into ebiluncedo ngokwenene ekuqaliseni incoko ibingamaqweqwe eebheji. Ngoko ke sikhuthaza wonk’ ubani ukuba aqinisekise ukuba uyalinxiba iqweqwe lakhe lebheji endibanweni.
7 Esinye isifundo esinokusifunda kubo luxabiso olunzulu abalubonakalisayo ngezinto zokomoya. Bebecula ngokusuka ezintliziyweni zabo kangangokuba umculo wabo ubuhlokoma kulo lonke elo bala lezemidlalo. Yaye abo bazalwana balixabisile ilungelo lokucula iingoma zoBukumkani esidlangalaleni kangako, kangangokuba bebeqhwaba izandla emva kwengoma nganye. Bebede baqhwabe izandla nasemva komthandazo ngamnye ukubonakalisa uxabiso lwabo! Yaye bebengaqhwabi nje ukwenza isiko; bebeqhwaba ixesha elide. Ngaba sinokubonisa uxabiso olungakumbi kwiindibano zethu ekupheleni kwalo nyaka? Njani? Phakathi kwezinye izinto, ngokucula iingoma zethu ezimnandi ngokuvakalayo nangokucacileyo sidumisa uThixo wethu, uYehova. Zonke iingoma esiya kuzicula zidweliswe kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha. Zipheni ixesha lokuziqhelisela ezi ngoma ukuze sizicule ngokusuka ezintliziyweni zethu endibanweni.
8 Yiyiphi enye indlela esinokulubonisa ngayo uxabiso lwethu? Ngokuhlala ezihlalweni zethu size sinikele ingqalelo ngenyameko kwiintetho ebudeni balo lonke ucwangciso. Iindwendwe ezivela kwamanye amazwe ebezikho kwindibano yaseKiev bezicelwa ukuba zihlale ezihlalweni zazo ebudeni balo lonke ucwangciso, nangona ubukhulu becala lwalunikelwa ngesiRashiya okanye ngesiUkraine. Kuphela ziintetho ezimbalwa ebezinikelwa ngamalungu eQumrhu Elilawulayo nemibuliso evela kwamanye amasebe ebezinikelwa ngesiNgesi. Bezihlala ezihlalweni zazo nangona zihleli kwibala lezemidlalo elingenaluphahla kwilanga eligqats’ ubhobhoyi, ngaloo ndlela zimisela umzekelo omhle. Ngaba nathi sinokuzimisela ukuba siya kuhlala ezihlalweni zethu neentsapho zethu ebudeni balo lonke ucwangciso? UYehova usilungiselele ucwangciso oluhle ngentlangano yakhe. Asifuni kuphoswa nayinxalenye yalo encinane.