INgoma 120
Niqine NjengoRute
1. KuRut’ uNahom watsho oku:
‘Nced’ usale nak’ba kub’hlungu’.
Yena wala ngok’pheleleyo,
Efun’ ukusala noNahom.
2. ‘Hay’ andinakukushiya, mna.
Aph’ uya khona ndok’landela.
Maxa onke ndoba nawe mna,
Apho ufa khona, ndofa nam.
3. ‘Boba ngabam abakowenu,
Ithandeke neNkos’ yakho kum.
Inene ndithi namhla kuwe:
Ndakwahlulwa kukufa kuwe.
4. Hay’ ubuhle bokholo lwakhe!
Was’bekel’ umzekelo omhle.
Kwanga singaqina nanamhla.
Sibambelele kuYehova.