INgoma 178
“Uxolo LukaThixo” Olubalaseleyo
1. Lon’ uxolo l’kaYa
Ewe l’khulu l’namandla.
Luphelisa ukoyika,
Sofuman’ ukuzola.
Lukhusel’ ingqondo,
Zelugcin’ intliziyo.
Lwenza s’qine, silungile—
S’visisane noThixo.
2. Ixhala nentlungu
Zona z’bangwa ngabantu.
Ke ziyanda zikwaxaka,
Z’vus’ ububi kubantu.
Ke asicaphuki,
Kuba akalibali.
Unothando novelwano;
Ke ngoko asoyiki.
3. S’ngayama ngoThixo
Wosiph’ esik’sweleyo.
Unenceba, hay’ ub’gqwetha,
Wosikhokela njalo.
Lufana nombethe,
Lukwasenza sivuye.
Siqhubeka S’sikelelwa,
Ngokwenz’ uk’thanda kwakhe.