INgoma 186
Uvuyo Lwethu Lobuthixo
1. Sifun’ uvuyo ke thina
Ze sinyamezele.
Ukuze silufumane
Simele sikholwe.
Uvuyo ke alupheli;
Luhlala l’funeka.
Kungoko kwiZwi s’fund’ oku:
“Chwayita!” “Chwayita!”
2. Sinezizathu zok’vuya:
Ngokwazi uThixo;
Singamangqin’ abo thina;
S’manyene noBawo.
S’vuyiswa kukwaz’ ukuba
Uya kudunyiswa,
Nabo baseza kuvuswa
Baya kumdumisa.
3. Ze s’khulis’ uvuyo lwethu
Mas’kholis’ uThixo
Kwaneentliziyo siz’gcine
Siphephe intiyo.
Thina s’kwafuna nok’phapha
S’dumis’ uYehova;
Ke okwakhayo sik’cinge
Sipheph’ uSathana.
4. Ke nak’ba sizithoba nje
Ek’khanyeni kwakhe
Uvuyo lwethu ngumvuzo
Wokumkhonza kak’hle.
Thina bakhonzi sazisa
IZwi likaThixo.
Mas’phuphume ke luvuyo
Sidlelane ngalo.