INgoma 116
“Nimelwe Kukuba Nincede Ababuthathaka”
(IZenzo 20:35, NW)
1. K’lo mhlaba wonke umntu
Unob’thathaka (belifa).
Nak’ba sekunjalo nje,
Uyas’thand’ uYa.
Yena unenceba,
Ufanel’ uk’nconywa.
Mas’bonise uthando,
Njengaye uYa.
2. Kunok’bakhubekisa,
Mas’khumbul’ uk’ba (ke thina)
Sinokuzuza l’khulu
Ngok’ba nenceba.
Kwanga s’ngakhuthala,
S’hlale s’bakhuthaza
Sibaxhase kakhulu,
S’bathuthuzela.
3. ‘Nam ndiswele amandla,’
UPaw’los watsho, (ke ngoko)
Simele s’bacingele,
S’be novelwano.
Sithi konamandla:
“Xhas’ abab’thathaka.”
Ngal’ igazi bathengwa,
Bophila nabo.
4. IZwi lithi mas’ncede
Abab’thathaka (s’baxhasa)
Ngezenzo nenyaniso,
Sosikelelwa.
NgabakaYehova,
Banokomelezwa.
Xa sithi sibancede
Sakuzinyaswa.