INgoma 176
Mamkeleni UKumkani Ozayo!
1. Ewe selikho ilixa lokuzisa
Kuye uThixo oko kukokwakhe.
EnoNyan’ uhlanganisa zonk’ iintlanga
Amazul’ ayazongoma Esitsho eyemfazwe.
‘Nyusani iintloko, Masango’ ngovuyo;
INkosi yozuko iya koyisa.
Lifikil’ ixa lokuba ulawulo
Lwewaka lem’nyaka luze nay’ uYa.
Wobonis’ amandla akhe kolo law’lo.
Aze alaw’le wonke umhlaba kwakhona.
2. INkos’ enguMongami weth’ uYehova,
Uzis’ uLaw’lo olungenak’phela.
Masimamkele ngokufudumeleyo;
Makaz’ ukuba ulaw’lo lwakhe s’yalukhusela.
Phakaman’ masango! Kuba sizazisa
Iindaba ez’lung’leyo sinovuyo.
‘UYehova unamandla edabini.’
Masimve ke size simphe izipho,
Kuba lixesha lok’ba as’sikelele.
Masimamkele ke lo Kumkan’ ungenayo.