INgoma 126
Ukuvakalisa Inyaniso YoBukumkani
1. Sineqhayiya ngenyaniso;
Kub’ izisel’ izimv’ uyolo.
Siyitsho singenaloyiko
Kuba uBukumkani bukho.
2. Kwindlu ngendlu siyazingisa;
Inyaniso siyihlwayela.
Siyaz’ uThixo uyas’xhasa.
Kwang’ umoya ungas’vuthisa.
3. Sisikelelwe kolu thumo.
Kwanga s’ngenza konk’ esinako,
Sinceda abo bancwinayo
Bazuze ukuphumla nabo.
4. Masazise kumhlab’ uphela
Ukub’ uKrist’ uyalawula.
Olu law’lo lophakamisa
Igama leNkos’ uYehova.