INgoma 122
Ukuziphatha ‘Njengomncinane’
1. Abathobela uThixo
Basikelelekile.
Abayama ngoYehova,
Is’vuno sabo sihle.
Ek’beni siye sathwaxwa
Kukungagqibeleli,
Mas’funde ngokuthobeka
UThixo, singamdeli.
2. ‘Yibani ngabancinane,’
UYesu watsho njalo.
Ngoba oku, kubangela
Uxolo nomanyano.
Wamisel’ umzekel’ omhle.
Oko kwakuluyolo
Ez’thoba kuye uThixo
Ngok’nikela inkonzo.
3. Ngob’lumko ke s’yakhokela
Ek’beken’ omnye nomnye,
S’khumbula ukub’ uYesu
Wafel’ abantu bonke.
Bonk’ abazalwana bethu
Izipho bazabelwe.
Mas’be njengabancinane
S’hlale s’lungelelene.
4. Ukubugqal’ ubuntloko
Kus’nced’ ukuba s’qonde
Siyek’ ukuzicingela,
Sithand’ abantu bonke.
Umoya uyosinceda
Xa sithi s’khutyekiswe.
Ngolwalamano noThixo
Sohlala s’thobekile.