Isahluko 20
Ukwakha Kunye Emhlabeni Wonke
IMVAKALELO yobuzalwana bokwenyaniso phakathi kwamaNgqina kaYehova ibonakala ngeendlela ezininzi. Abo babakho kwiintlanganiso zawo bayabubona ubungqina boku. Kwiindibano zawo ibonakaliswa ngomlinganiselo ongakumbi. Ikwabonakala ngokucacileyo nanjengokuba esebenza kunye ukulungiselela iindawo ezifanelekileyo zokuhlanganisana zamabandla awo.
Ekuqaliseni kweminyaka yee-1990, bekukho amabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwama-60 000 emhlabeni wonke. Ebudeni beminyaka elishumi engaphambili, bekusongezwa amabandla amatsha ali-1 759 nyaka ngamnye, ngokwesilinganiso. Ekuqaleni kweminyaka yee-1990, eso silinganiso siye santinga saya kutsho ngaphezu kwama-3 000 ngonyaka. Ukulungiselela iindawo ezifanelekileyo zokuhlanganisana xa ewonke bekungumsebenzi omkhulu.
IiHolo ZoBukumkani
Njengokuba kwakunjalo ngamaKristu enkulungwane yokuqala, ekuqaleni amabandla amaninzi amaNgqina kaYehova ayesebenzisa amakhaya abantu kwiintlanganiso zawo ezininzi. EStockholm, eSweden, imbinana eyayiqhuba iintlanganiso rhoqo ekuqaleni apho yayisebenzisa indawo yokuchwela, eyayiqeshwa usakuba ugqityiwe umsebenzi wemini. Ngenxa yentshutshiso, iqela elincinane kwiphondo laseLa Coruña, eSpeyin, laliziqhubela kuvimba okanye kudladla oluncinane iintlanganiso zalo zokuqala.
Xa kwakufuneka iindawo ezinkudlwana, kumazwe awayekhululekile ukwenjenjalo, amabandla asekuhlaleni amaNgqina kaYehova ayeqesha indawo yokuhlanganisana. Noko ke, ukuba loo holo yayisetyenziswa nazezinye iintlangano, kwakufuneka ukuba izinto ezisetyenziswayo kuziwe nazo okanye zibekwe ngeendawo zazo ngaphambi kwentlanganiso nganye, yaye ngokufuthi kwakubakho ivumba elingapheliyo lomsi wecuba. Xa kunokwenzeka, abazalwana babeqesha ivenkile engasetyenziswayo okanye igumbi eliphezulu elaliza kusetyenziswa libandla kuphela. Kodwa, ekuhambeni kwexesha, kwiindawo ezininzi ukuphakama kwamaxabiso okuqesha nokungafumaneki kweendawo ezifanelekileyo kwenza kwafuneka kwenziwe amanye amalungiselelo. Kwiimeko ezithile kwakuthengwa izakhiwo zize zilungiswe.
Ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi II, amabandla ambalwa akha iindawo zokuhlanganisana ngenjongo yokuba zisetyenziswe ngawo ngokukhethekileyo. Kwangowe-1890, iqela laBafundi beBhayibhile eUnited States eMount Lookout, kwiNtshona Virginia, lazakhela eyalo indawo yokuhlanganisana.a Noko ke, ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ngokubanzi akuzange kuqalise de kwaba yiminyaka yee-1950.
Igama elithi iHolo yoBukumkani lacetyiswa ngowe-1935 nguJ. F. Rutherford, ngoko owayengumongameli weWatch Tower Society. Ngokuphathelele izakhiwo zesebe loMbutho eHonolulu, eHawaii, walungiselela ukuba abazalwana bakhe iholo ekwakunokuqhutyelwa kuyo iintlanganiso. Xa uJames Harrub wabuza uMzalwan’ uRutherford ukuba wayeza kusibiza ngokuthini na eso sakhiwo, waphendula wathi: “Ngaba akucingi ukuba sifanele sisibize ngokuba ‘yiHolo yoBukumkani,’ ekubeni sisenza oko, sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani?” Emva koko, xa kunokwenzeka, iiholo ezazisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova rhoqo zaqalisa ukuxhonywa imiqondiso ebhalwe ukuthi “iHolo yoBukumkani.” Ngaloo ndlela, xa iLondon Tabernacle yalungiswayo ngowe-1937-38, igama layo latshintshwa laba yiHolo yoBukumkani. Ekuhambeni kwexesha, indawo eyintloko yeentlanganiso zamabandla emhlabeni wonke zaziwa ngokuba ziiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova.
Iindlela Ezininzi Zokwenza Oku
Ngamabandla asekuhlaleni agqibayo enokuba aza kuziqesha okanye aza kuzakha kusini na iiHolo zoBukumkani. Ikwangawo ahlangabezana nazo naziphi na iindleko zokwakha nezokulungisa. Ukuze kongiwe imali, inkoliso yamabandla iye yazabalazela ukuba yenze umsebenzi wokwakha omninzi kangangoko ngaphandle kokubhenela kubakhi abaqeshwayo.
Iiholo zisenokwakhiwa ngezitena, amatye, amaplanga, okanye ngenye impahla yokwakha, kuxhomekeka kwiindleko noko kufumanekayo kuloo mmandla. EKatima Mulilo, eNamibia, kwafulelwa ngengca ende, kwaza kwasetyenziswa udaka lwesiqalane (oluqina kakhulu lusakoma) ukutyabeka nokurhida. AmaNgqina aseSegovia, eColombia, azenzela izitena zesamente. EColfax, eKhalifoniya kwasetyenziswa udaka lwentaba-mlilo olusuka kwiNtaba iLassen.
Ekubeni ngokufuthi kwakubakho abantu abangaphezu kwama-200 ezintlanganisweni ngowe-1972, ibandla laseMaseru, eLesotho, laqonda ukuba kwakufuneka lakhe iHolo yoBukumkani efanelekileyo. Bonke baba negalelo kuloo msebenzi. Abazalwana abakhulileyo babehamba iikhilomitha ezingama-32 ukuze baze kuncedisa. Abantwana babeqengqa imigqomo yamanzi ukuya esizeni. Oodade babelungiselela izidlo. Babekwagangatha ngeenyawo, begangatha ukuze kugalelwe ikonkile eyayiza kuba ngumgangatho, ngalo lonke elo xesha bevuma iingoma zoBukumkani yaye begangatha ngesingqi somculo. Umhlaba oyisandstone, owawufumaneka kwiintaba ezikufutshane ngaphandle kwentlawulo nje ukuba babeze kuziphuthumela wasetyenziselwa ukwakha iindonga. Umphumo wale migudu waba kukwakhiwa kweHolo yoBukumkani enokuhlala abantu abamalunga nama-250.
Maxa wambi, amaNgqina asuka kumabandla akufutshane ayencedisa kumsebenzi wokwakha. Ngaloo ndlela, ngowe-1985, xa amaNgqina kaYehova eImbali, ilokishi yabantsundu eMzantsi Afrika, ayesakha iholo ekunokuhlala kuyo ngokukhululekileyo abantu abangama-400, amanye amaNgqina asuka kwidolophu ekufutshane yaseMgungundlovu naseThekwini eza kuncedisa. Ngaba unokuyithelekelela indlela ababemangaliswe ngayo abamelwane, ngaloo mihla yezidube-dube ezaziphenjelelwa bubuhlanga eMzantsi Afrika, xa babebona amaNgqina amhlophe, eBala, nawamaIndiya amaninzi ethontelana elokishini yaye esebenza ngamxhelo-mnye nabazalwana bawo abantsundu baseAfrika? Kunjengokuba usibonda wedolophu walapho watshoyo: “Oku kunokwenziwa kuphela ngothando.”
Kungakhathaliseki ukuba banqwenela kangakanani na abazalwana, amabandla afumanisa ukuba iimeko zasekuhlaleni zazibasikela umda koko banokukwenza. Amadoda akhoyo ebandleni ayeneentsapho amele azixhase ibe ke ngoko ayenokwenza umsebenzi oqhelekileyo kweso sakhiwo ngeempela-veki mhlawumbi nongephi ngeengokuhlwa kuphela. Amabandla amaninzi ayenabantu abambalwa, xa kwenzekile babekho, abanobugcisa kwimisebenzi yokwakha. Sekunjalo, isakhiwo esiqhelekileyo, nesivulekileyo esifanelekele imimandla yeenjiko sisenokwakhiwa ngeentsuku ezimbalwa okanye mhlawumbi iiveki ezimbalwa. Ngoncedo lwamaNgqina akumabandla akufutshane, izakhiwo ezomelele ngakumbi zazinokugqitywa ngeenyanga ezintlanu okanye ezintandathu. Kwezinye iimeko kwakusenokuthabatha unyaka okanye emibini.
Ukanti, ekuqaliseni kweminyaka yee-1970, amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke ayesanda ngomlinganiselo wamabandla amabini ukuya kwamathathu ngosuku. Ngasekuqaleni kweminyaka yee-1990, ebesanda ngamabandla asithoba ngosuku. Ngaba kwakunokuhlangatyezwana nemfuneko engxamisekileyo yeeHolo zoBukumkani ezintsha?
Ukuvelisa Ubugcisa Bokwakha Ngokukhawuleza
Ekuqaleni kweminyaka yee-1970, eUnited States, amaNgqina angaphezu kwama-50 asuka kumabandla akufutshane agaleleka ukuza kuncedisa kwakhiwe iHolo yoBukumkani entsha eCarterville, eMissouri, ukwenzela iqela elalihlanganisana kwisiXeko saseWebb. Ngempela-veki enye ayesele esimisile isakhiwo yaye enze nomsebenzi omkhulu eluphahleni. Kwakusekho umsebenzi omkhulu omele wenziwe, ibe ukugqitywa kwaloo msebenzi kwathabatha iinyanga; kodwa inxalenye yawo ebalulekileyo yayigqitywe ngexesha elifutshane kakhulu.
Kwiminyaka elishumi eyalandelayo, njengokuba abazalwana babesebenza kunye kwiiholo ezimalunga nama-60, imiqobo yoyiswa, kwaza kwaveliswa iindlela eziphumelela ngakumbi. Ekuhambeni kwexesha, baqonda ukuba emva kokuba isiseko senziwe, banokuphantse bakwazi ukugqiba iHolo yoBukumkani iphela ngempela-veki enye.
Abaveleli bamabandla abaliqela—bonke ababesuka kumbindi-ntshona weUnited States—baqalisa ukusebenzela kolo sukelo. Xa amabandla ayecela uncedo lokwakha iHolo yawo yoBukumkani, omnye okanye abangakumbi baba bazalwana babexubusha ngalo msebenzi nabo baze babanike iinkcukacha ngamalungiselelo amele enziwe ekuhlaleni ngaphambi kokuba umsebenzi wenziwe. Phakathi kwezinye izinto, kwakufuneka kufunyanwe imvume yokwakha, kwakufuneka kwenziwe isiseko ukuze kugalelwe umgangatho wekonkile, kubekho umbane, imibhobho yamanzi engaphantsi komhlaba kwakufuneka ibe ifakiwe, yaye kwakufuneka kube kwenziwe amalungiselelo anokuthenjwa okuziswa kwempahla yokwakha. Emva koko kwakufanele kumiswe umhla wokwakhiwa kwaloo Holo yoBukumkani. Esi sakhiwo sasingayi kwakhiwa ngokumiswa kweendonga ezakhiwe kusengaphambili; kwakuza kufuneka sakhiwe ukusuka phantsi apho esizeni.
Ngoobani ababeza kwenza lo msebenzi wokwakha? Kangangoko kunokwenzeka, wawusenziwa ngabasebenzi bokuzithandela, abangahlawulwayo. Ngokufuthi iintsapho ziphela zazincedisa. Abo babesenza amalungiselelo eso sakhiwo babeqala ngokuqhagamshelana namaNgqina anobugcisa navakalise ukuba akulungele ukuba nenxaxheba kwezo zakhiwo. Amaninzi awo ayekhangela phambili ngolangazelelo kwisakhiwo ngasinye esitsha esakhiwayo. Amanye amaNgqina awayesiva ngezi zakhiwo ayefuna ukuba nenxaxheba; amakhulu, asuka kwiindawo ezikufutshane—nakwiindawo ezithe qelele—ayethontelana kweso siza, ezimisele ukunikela uncedo nangayiphi na indlela. Inkoliso yawo yayingengomagcisa okwakha, kodwa ngokuqinisekileyo yayinikela ubungqina bokuba yayiyifanelekela ingcaciso yabo babeya kuba ngabaxhasi boKumkani kaYehova onguMesiya njengokuba bechazwe kwiNdumiso 110:3, ethi: “Abantu bakho baya kuzinikela ngeentliziyo.”
Ngokuhlwa ngoLwesine ngaphambi kokuba kuqalise umsebenzi omkhulu, abo bavelela umsebenzi wesakhiwo babehlanganisana ukuze benze amalungiselelo okugqibela. Ngengokuhlwa elandelayo, abasebenzi babeboniswa imifanekiso yeeslides engenkqubo ukuze baqonde indlela umsebenzi owawuza kwenziwa ngayo. Kwakugxininiswa kwimbaluleka yeempawu zobuthixo. Abazalwana babekhuthazwa ukuba basebenze kunye ngothando, babe nobubele, babonise umonde nolwazelelelo. Wonk’ ubani wayekhuthazwa ukuba asebenze ngesantya esifanelekileyo angangxami yaye angaziva emadolw’ anzima ukukhe eme umzuzwana aze abelane nomnye ngamava awakhayo. Ngentseni elandelayo, umsebenzi wawuqalisa.
Ngexesha elimisiweyo kusasa ngoMgqibelo, wonk’ ubani wayenqumama koko akwenzayo aze aphulaphule ingxubusho yeSibhalo setekisi yosuku. Kwakuthandazwa, kuba kwakuqondwa kakuhle ukuba ukuphumelela kwaloo msebenzi uphela kwakuxhomekeke kwintsikelelo kaYehova.—INdu. 127:1.
Xa umsebenzi uqalisile, wawuqhubeka ngokukhawuleza gqitha. Kungaphelanga neyure iintsika zodonga zaziba sele zimile. Kwakulandela imiqadi yophahla. Kuze kubethelelwe amaplanga odonga. Abombane babeqalisa ukufakela iintambo zabo. Kwakufakelwa imibhobho yomoya obandayo kwanoshushu. Kwakhiwe iikhabhathi zize zifakwe ngeendawo zazo. Maxa wambi kwakusina impela-veki yonke, okanye imozulu ibande kakhulu okanye ibe shushu ngokugqith’ emgceni, kodwa umsebenzi wawungabuyi ngamva. Kwakungekho kukhuphisana, kungekho butshaba phakathi kwamagcisa.
Ngokufuthi, ngaphambi kokutshona kwelanga ngosuku lwesibini, iHolo yoBukumkani yayiba igqityiwe—ihonjiswe kakuhle ngaphakathi, mhlawumbi nangaphandle kulungisiwe. Xa kunokwenzeka, imisebenzi yayilungiselelwa iintsuku ezintathu, okanye mhlawumbi iimpela-veki ezimbini. Ekupheleni komsebenzi wokwakha, inkoliso yabasebenzi yayisala, idiniwe kodwa yonwabile, ukuze inandiphe intlanganiso yebandla yokuqala, isifundo seMboniselo.
Bengaqondi ukuba umsebenzi osemgangathweni wawunokwenziwa ngokukhawuleza, abantu abaliqela eGuymon, eOklahoma, eUnited States, babiza umhloli wezakhiwo wesixeko. Xa lo mhloli kamva wayebalisela amaNgqina ngesi siganeko uthi: “Ndabaxelela ukuba xa befuna ukubona into eyenziwe kakuhle, kwakufuneka batyelele loo holo! Nina nizenza kakuhle nezinto eziza kufihlakala yaye zingabonakali!”
Njengokuba imfuneko yeeHolo zoBukumkani yayisanda, abazalwana ababeqalise inkoliso yeendlela ezikhawulezayo zokwakha baqeqesha abanye. Iingxelo ngoko kwakusenziwa zasasazeka nakwamanye amazwe. Ngaba ezo ndlela zokwakha zazinokusetyenziswa nakwezinye iindawo?
Kwakhiwa Ngokukhawuleza Emhlabeni Wonke
Ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani eKhanada kwakusemva kakhulu kuneentswelo zamabandla. AmaNgqina aseKhanada amema abo babelungiselela imisebenzi yokwakha ngokukhawuleza eUnited States ukuze babacacisele indlela ababekusingatha ngayo oku. Ekuqaleni, abazalwana baseKhanada babengaqinisekanga noko ukuba oku kungenziwa eKhanada, kodwa bagqiba kwelokuba khe bazame. IHolo yoBukumkani yokuqala eyakhiwe ngolu hlobo eKhanada yakhiwa eElmira, eOntario, ngowe-1982. Ngowe-1992, bezingama-306 iiHolo zoBukumkani ezakhiwe ngolu hlobo eKhanada.
AmaNgqina aseNorthampton, eNgilani, acinga ukuba ayengakwenza nawo. Isakhiwo sawo, ngowe-1983, saba sesokuqala eYurophu. Abazalwana abanamava kolu hlobo lokwakha basuka eUnited States naseKhanada ukuze bavelele umsebenzi wokwakha baze bancede amaNgqina asekuhlaleni afunde ukuwenza. Babekho nabanye abasebenzi bokuzithandela besuka kwiindawo ezikude ezinjengaseJapan, eIndiya, eFransi, naseJamani. Babelapho njengabasebenzi bokuzithandela, bengalindele kuhlawulwa. Kwenzeka njani konke oku? Njengokuba umveleli weqela lamaNgqina aseIreland elalisebenza kwesinye sezakhiwo ezinjalo watshoyo, ‘Kuyaphumelela ngenxa yokuba bonke abazalwana noodade bayasebenzisana ngaphantsi kwempembelelo yomoya kaYehova.’
Kwanaxa imigaqo yokwakha yasekuhlaleni ibonakala iwenza ungabi nakwenzeka umsebenzi onjalo, ngokufuthi, amaNgqina afumanise ukuba xa amagosa esixeko ezichazelwe kakuhle iinkcukacha, ayakuvuyela ukubonisa intsebenziswano.
Emva kokwakha ngokukhawuleza eNorway, ngentla kweArctic Circle, iphephandaba iFinnmarken lathi: “Kuyamangalisa. Elo kuphela kwebinzana esinokulicinga lokuchaza oko kwenziwe ngamaNgqina kaYehova kule mpela-veki iphelileyo.” Ngokufanayo, xa amaNgqina aseNorth Island eNew Zealand akha iHolo yoBukumkani entle ngeentsuku ezimbini ezinesiqingatha, umxholo ophambili wephephandaba lalapho wathi: “Isakhiwo Esiphantse Sangummangaliso.” Eli nqaku longezelela lathi: “Mhlawumbi eyona nto ihlab’ umxhwelo kwesi sakhiwo lulungelelwano nokwenziwa ngokuzolileyo kwalo msebenzi.”
Ukuba kwanti kwendawo iHolo yoBukumkani efuneka kuyo akubonakali kungumqobo ongenakoyiswa. EBelize kwamiswa isakhiwo ngokukhawuleza, nangona oku kwathetha ukuthutha yonke impahla yokwakha iye kwisiqithi esiziikhilomitha ezingama-60 ukusuka kwisiXeko saseBelize. Xa kwakhiwa iHolo yoBukumkani enezixhobo zokupholisa nokwenza shushu umoya ePort Hedland, kwiNtshona Ostreliya, ngempela-veki enye, yayakhiwe ngempahla yokwakha nangabasebenzi ababesuka phantse kumgama weekhilomitha ezili-1 600 okanye ngaphezulu. Abasebenzi bazihlawulela ngokwabo iindleko zohambo. Inkoliso yabo baba nenxaxheba kulo msebenzi babengawazi ngokobuqu amaNgqina akwiBandla lasePort Hedland, yaye ambalwa gqitha kuwo aya kuze abekho kwiintlanganiso zalapho. Kodwa oku akuzange kuwathintele ekubonakaliseni uthando lwawo ngale ndlela.
Kwanalapho amaNgqina ambalwa khona, oku akukuthintelanga ukusetyenziswa kwezi ndlela ekwakheni iiholo. AmaNgqina anokuba ngama-800 asuka eTrinidad ngokuzithandela aya eTobago ukuze ancede abazalwana noodade bawo abangamaKristu abangama-84 bakhe iholo eScarborough ngowe-1985. Ngokuqinisekileyo amaNgqina ali-17 (inkoliso yawo ingabafazi nabantwana) eGoose Bay, eLabrador, kwakufuneka ancedwe ukuba ayeya kuze abe nayo iHolo yoBukumkani. Ngowe-1985, amaNgqina asuka kwimimandla ethile yaseKhanada aqesha iinqwelo-moya ezintathu ukuze zize namaNgqina angama-450 eGoose Bay ukuze enze loo msebenzi. Emva kweentsuku ezimbini zokusebenza nzima, aqhuba ucwangciso lokunikezela kuloo holo igqityiweyo ngokuhlwa kwangeCawa.
Oku akuthethi ukuba zonke iiHolo zoBukumkani ngoku zakhiwa ngeendlela zokwakha ngokukhawuleza, kodwa ezininzi ngakumbi nangakumbi zakhiwa ngazo.
Iikomiti Zokwakha Zenqila
Phakathi kowe-1986 iiHolo zoBukumkani bezifuneka ngomlinganiselo ophakame gqitha. Kunyaka ongaphambili, kwakusekwe amabandla amatsha angama-2 461 emhlabeni wonke; angama-207 kula ayeseUnited States. Ezinye iiHolo zoBukumkani zazisetyenziswa ngamabandla amathathu, amane, okanye amahlanu. Njengokuba iZibhalo zazixele kwangaphambili, ngokwenene uYehova wayewukhawulezisa umsebenzi wokuhlanganisa.—Isa. 60:22.
Ukuze kuqinisekiswe ukuba abasebenzi babesetyenziswa ngeyona ndlela ilungileyo nokuze bonke ababesakha iiHolo zoBukumkani bangenelwe kumava azuziweyo, uMbutho waqalisa ukulungelelanisa umsebenzi wabo. Okokuqala, ngowe-1987 elaseUnited States lahlulahlulwa phakathi kweeKomiti Zokwakha Zenqila ezingama-60. Zonke zazinomsebenzi omninzi ezazifanele ziwenze; kungekudala zimbi zazo zazicwangcise umsebenzi wonyaka wonke okanye ngakumbi. Abo bamiselwe ukukhonza kwezi komiti yayingamadoda, okokuqala, awayefaneleka ngokomoya, abadala emabandleni, abangumzekelo ekusebenziseni iziqhamo zomoya kaThixo. (Gal. 5:22, 23) Inkoliso yawo yayikwanamava ekuthengiseni umhlaba nezindlu, kubunjineli, kumsebenzi wokwakha, ekuphatheni amashishini, kukhuseleko, nezinye izinto ezinokuthanani nalo msebenzi.
Amabandla akhuthazwa ukuba aqhagamshelane neKomiti Yokwakha Yenqila ngaphambi kokuba akhethe isiza seHolo yoBukumkani entsha. Apho kwakukho amabandla angaphezu kwelinye kwisixeko esinye, abongozwa nokuba adibane nomveleli (abaveleli) wesiphaluka, umveleli wesixeko, nabadala abasuka kumabandla akufutshane. Amabandla awayeceba ukulungisa okwakuza kuquka umsebenzi omninzi okanye ukwakha iHolo yoBukumkani entsha acetyiswa ukuba awasebenzise ngokuyingenelo amava abazalwana abakwiKomiti Yokwakha Yenqila yommandla wawo nemigaqo uMbutho obanike yona. Ngaloo komiti, kwakuya kwenziwa amalungiselelo okuhlanganisa abasebenzi abanobuchule kubazalwana noodade abanobugcisa kwimisebenzi eyahlukahlukeneyo enokuba ngama-65 ababesele bezinikele ukuba bangancedisa kwizakhiwo ezinjalo.
Njengoko iindlela zokusebenza zaziphuculwa, bakwazi ukulinciphisa inani labasebenzi ababandakanyekileyo kumsebenzi ngamnye. Kunokuba kubekho amawaka abukeleyo okanye azokuncedisa kwisiza sesakhiwo, amaxesha amaninzi babengabi ngaphezu kwama-200 abakhoyo esizeni ngexesha elinye. Kunokuba bachithele impela-veki yonke apho, abasebenzi babesiza kuphela xa ubuchule babo bufuneka. Ngaloo ndlela babenokuchitha ixesha elingakumbi neentsapho zabo nakwimisebenzi yamabandla abo. Xa abazalwana basekuhlaleni bekwazi ukwenza uhlobo oluthile lwemisebenzi ngexesha elisengqiqweni, ngokufuthi kwakufunyaniswa kusengqiqweni ukuza neqela elakha ngokukhawuleza kuphela ukwenzela ezo nkalo zomsebenzi elalifuneka ngokungxamiseke ngakumbi kuzo.
Nangona wonke lo msebenzi wawuqhubeka ngesantya esimangalisayo, le yayingeyiyo eyona nto iphambili. Eyona nto ibalulekileyo yayikukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezisemgangathweni ezicetyelwe ukuhlangabezana neentswelo zasekuhlaleni. Amalungiselelo ayecetywa ngenyameko ukuze kufezwe oku ngoxa iindleko zigcinwa ziphantsi. Kwakuthatyathwa amanyathelo okuqinisekisa ukuba ukhuseleko lwaluyeyona nto iphambili—ukhuseleko lwabasebenzi, abamelwane, abantu abadlulayo, nabo baya kusebenzisa loo Holo yoBukumkani kwixesha elizayo.
Njengoko iingxelo ezingeli lungiselelo lokwakha iiHolo zoBukumkani zazifika kwamanye amazwe, iiofisi zamasebe oMbutho ezazicinga ukuba oku kwakungaba yingenelo kwimimandla yazo zazinikwa iinkcukacha eziyimfuneko. Ngowe-1992, iiKomiti Zokwakha Zenqila ezimiselwe nguMbutho bezincedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani kumazwe anjengeArgentina, iBritani, iFransi, iJamani, iJapan, iKhanada, iMexico, uMzantsi Afrika, iOstreliya neSpeyin. Iindlela zokwakha bezisenziwa zivisisane neemeko zasekuhlaleni. Xa bekufuneka uncedo lwelinye isebe ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani, oku bekulungelelaniswa ngeofisi elikomkhulu yoMbutho. Kwimimandla ethile yomhlaba, iiholo ezintsha bezisakhiwa ngeentsuku; kwezinye, ngeeveki okanye mhlawumbi ngeenyanga ezimbalwa. Ngokuceba ngenyameko nangokusebenza ngendlela elungelelanisiweyo, ixesha elifunekayo ukuze kwakhiwe iHolo yoBukumkani entsha ngokuqinisekileyo belincitshiswa.
Umsebenzi wokwakha wamaNgqina kaYehova ubungapheleliselwanga kwiiHolo zoBukumkani. Izakhiwo ezikhulu ngakumbi ziyafuneka xa amaqela amabandla ehlanganisana kwiindibano zawo zesiphaluka nakwiindibano ezikhethekileyo zosuku ezibakho minyaka le.
Ukuzalisa Intswelo YeeHolo ZeNdibano
Njengokuba iminyaka ibihamba, izakhiwo ezahlukahlukeneyo bezisetyenziselwa iindibano zesiphaluka. AmaNgqina kaYehova ebeqesha iindawo ezifana neeholo zoluntu, izikolo, iiholo zemidlalo yeqonga, iindawo zokugcina izixhobo, iiholo zemidlalo, namabala emiboniso. Kwiindawo ezimbalwa, iindawo ezintle gqitha bezifumaneka ngexabiso elisengqiqweni. Ngokufuthi, bekuye kufuneke ixesha nomsebenzi omkhulu ukuze kucocwe loo ndawo, kumiswe izixhobo zesandisi-lizwi, kwakhiwe iqonga, kuze kuthuthwe izihlalo. Maxa wambi imvume ibiye irhoxiswe ngomzuzu wokugqibela. Njengokuba amabandla ebesanda, kuye kwaba nzima ngakumbi nangakumbi ukufumana iindawo ezifanelekileyo. Bekunokwenziwa ntoni?
Kwakhona, isicombululo sibe kukuba amaNgqina kaYehova abe neendawo ezizezawo. Oku kwakuya kubandakanya ukulungisa izakhiwo ezifanelekileyo nokwakha ezitsha. IHolo yeNdibano yokuqala enjalo eUnited States yiholo yemidlalo yeqonga kwisiXeko saseLong Island, eNew York, eyalungiswa yaza yaqalisa ukusetyenziswa ngamaNgqina kaYehova ngasekupheleni kowe-1965.
Malunga nelo xesha, amaNgqina kwisiqithi seCaribbean iGuadeloupe ayesenza iiplani zeHolo yeNdibano yokuhlangabezana neentswelo zawo. Ayevakalelwa kukuba kwakuya kuba yingenelo ukuba aqhubele iindibano zawo zesiphaluka kwiindawo ezahlukahlukeneyo. Kodwa iidolophu ezininzi zazingenazo iindawo ezinkulu ngokwaneleyo. Ngoko amaNgqina akha isakhiwo esinokuchithwa size siphinde sakhiwe esenziwe ngemibhobho yentsimbi nophahla lwealuminium, esasinokwanela abantu abangama-700 nesasinokwakhiwa naphi na apho kwakunokufumaneka isiza somhlaba othe tyaba. Kwafuneka eyandise izihlandlo eziliqela le holo, de yakwazi ukwanela abantu abangama-5 000. Khawuthelekelele nje umsebenzi owawubandakanyekile ekumiseni nasekuchitheni impahla yokwakha eziitoni ezingama-30 kwindibano nganye! Loo Holo yeNdibano yayisakhiwa ize ichithwe izihlandlo eziliqela ngonyaka iminyaka eli-13, de kwaba nzima ukufumana indawo yokuyimisa yaye kwaba yimfuneko ukuba bathenge umhlaba baze bakhe iHolo yeNdibano esisigxina, ngoku esetyenziselwa iindibano zesiphaluka nezesithili.
Kwiindawo eziliqela, iiHolo zeNdibano ziye zafunyanwa ngokuthengwa kwezakhiwo ezikhoyo. ENgilani, eHays Bridge, eSurrey, kwathengwa isikolo esineminyaka engama-50 sikho saza salungiswa. Sasimi kumhlaba omhle wasemaphandleni oziihektare ezili-11. Iindawo ezazisakuba ziiholo zemidlalo yeqonga neendawo ezazisakuba ngoovimba bemizi-mveliso zalungiswa zaza zasetyenziswa eSpeyin; umzi-mveliso wamalaphu ongasasetyenziswayo eOstreliya; iholo yomdaniso eQuebec, eKhanada; isakhiwo somdlalo webhola eqengqwayo (bowls) eJapan; uvimba womzi-mveliso kwiRiphabliki yaseKorea. Zonke ezi ziye zalungiswa zaba ziiHolo zeNdibano ezintle ezikufanelekelayo ukuba zizazulu ezikhulu zemfundo yeBhayibhile.
Ezinye iiHolo zeNdibano bezintsha ngokupheleleyo, ekubeni ziye zakhiwa ukusuka phantsi. Indlela engaqhelekanga ezotywe ngayo iplani yeholo enamacala asibhozo eseHellaby, kuMzantsi Yorkshire, eNgilani, kwakunye nesibakala sokuba ubukhulu becala umsebenzi wenziwa ngabasebenzi bokuzithandela yabangela kwabhalwa inqaku kulindixesha weZiko Loononjineli Bezakhiwo. IHolo yeNdibano eseSaskatoon, eSaskatchewan, eKhanada, yayenzelwe ukuhlala abantu abali-1 200; kodwa xa iindonga zokwahlulahlula zangaphakathi zimisiwe, esi sakhiwo sinokusetyenziswa njengeeHolo zoBukumkani ezine ezindawonye. IHolo yeNdibano yaseHaiti (eyakhiwa eUnited States yaza yathunyelwa) yayivulekile kumacala amabini ukuze abo bahleli ngaphakathi bakwazi ukusoloko bepholiswa ngumoya obhudlayo—nto leyo eyamkeleke kunene kwingqatsini yelanga laseHaiti. Iholo esePort Moresby, ePapua New Guinea, yenziwa ngendlela yokuba amacala athile odonga abe nokuvuleka njengeengcango ukwenzela izihlwele ezingenakwanela ngaphakathi.
Isigqibo sokwakha iHolo yeNdibano asenziwa liqela labaveleli abathi emva koko balindele ukuba wonk’ ubani asixhase. Ngaphambi kokuba kwakhiwe nayiphi na iHolo yeNdibano entsha, uMbutho uqinisekisa ukuba ngenyameko kwenziwa uhlolisiso lokuba ifuneka kangakanani na nokuba iya kusetyenziswa kangakanani na. Akujongwa ihlombe elikhoyo ekuhlaleni nje kuphela ngeso sakhiwo kodwa kukwajongwa neentswelo zentsimi ngokubanzi. Kuxutyushwa nawo onke amabandla aya kubandakanyeka, ukuze kuqondwe umnqweno wabazalwana nokuba baya kukwazi kusini na ukuyixhasa.
Ngaloo ndlela, xa umsebenzi uqalisa, amaNgqina kaYehova kuloo mmandla ayixhasa ngeentliziyo ziphela. Iindleko zesakhiwo ngasinye zihlawulwa ngamaNgqina. Imali eya kufuneka iyachazwa, kodwa iminikelo yenziwa ngokuzithandela yaye akachazwa umntu evela kuye. Kucetywa ngenyameko kusengaphambili, yaye eso sakhiwo sakhiwa kusetyenziswa amava asele efunyenwe ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani yaye, ngokufuthi, nakwizakhiwo zeeHolo zeNdibano kwezinye iindawo. Xa kuyimfuneko, iinkalo ezithile zomsebenzi zisenokuyekelwa kwiinkampani zokwakha zehlabathi, kodwa inkoliso yomsebenzi ngokuqhelekileyo yenziwa ngamaNgqina anehlombe. Oku kunokuzinciphisa ngesiqingatha iindleko.
Ekubeni abasebenzi ingamagcisa anobuchule nabanye abanikela ngexesha nobuchule babo, ngokuqhelekileyo wonke umsebenzi uqhubeka ngokukhawuleza. Ezinye izakhiwo zisenokuthabatha ngaphezu konyaka. Kodwa kwiSiqithi saseVancouver eKhanada, ngowe-1985, abasebenzi bokuzithandela abamalunga nama-4 500 bagqiba iHolo yeNdibano ezizikwemitha ezingama-2 300 ngeentsuku ezisithoba kuphela. Esi sakhiwo sikwaneHolo yoBukumkani enokuhlala abantu abangama-200 esetyenziswa ngamabandla asekuhlaleni. ENew Caledonia, urhulumente wayemise imiqathango ngowe-1984 ngenxa yeziphithiphithi zobupolitika, kodwa ngabasebenzi bokuzithandela abangama-400 ababesebenza kwiHolo yeNdibano ngexesha, yaye yagqitywa ngeenyanga ezine kuphela. Kufutshane naseStockholm, eSweden, iHolo yeNdibano entle nesebenzisekayo, enezihlalo ezimfumamfuma zom-oki ezingama-900, yakhiwa ngeenyanga ezisixhenxe.
Maxa wambi kuye kwafuneka kuquqwe kubuyelelwa ezinkundleni ukuze kufunyanwe imvume yokwakha ezi Holo zeNdibano. Kwaba njalo eKhanada eSurrey, eBritish Columbia. Xa kwathengwa umhlaba, imithetho elawula izakhiwo kulo mmandla yayikuvumela ukwakhiwa kwendawo yonqulo enjalo. Kodwa emva kokunikezelwa kweeplani zesakhiwo, ngowe-1974, iBhunga leSithili saseSurrey lawisa umthetho othi iicawa neeholo zendibano zazinokwakhiwa kuphela eZone P-3—candelo elo elalingekho! Ukanti, ziicawa ezingama-79 ezazakhiwe ngaphambili kummandla wale dolophu ngaphandle kwamagingxigingxi. Lo mbandela wasiwa enkundleni. Kwawiswa izigwebo eziliqela ezivumelana namaNgqina kaYehova. Xa ekugqibeleni izithintelo zabasemagunyeni abanomkhethe zazishenxisiwe, abasebenzi bokuzithandela bawuqhuba ngehlombe lo msebenzi kangangokuba bawugqiba kwisithuba esimalunga neenyanga ezisixhenxe. Njengokuba kwakunjalo ngoNehemiya kwimigudu yakhe yokuzakha kwakhona iindonga zeYerusalem yamandulo, babevakalelwa kukuba ‘isandla sikaThixo sasiphezu kwabo’ ukuze bawufeze lo msebenzi.—Neh. 2:18.
Xa amaNgqina kaYehova aseUnited States athenga iStanley Theater kwisiXeko saseJersey, eNew Jersey, esi sakhiwo sasikuludwe lukarhulumente lweendawo ezibalulekileyo ngokwembali. Nangona le holo yemidlalo yeqonga yayidlakadlaka ngokungaginyisi mathe, yayinokukulungela ukusetyenziswa njengeHolo yeNdibano. Kodwa, xa amaNgqina ayefuna ukwenza umsebenzi wokuyilungisa owawufuneka, amagosa esixeko ala nemvume. Isibonda sedolophu sasingawafuni amaNgqina kaYehova kuloo mmandla; sasinezinye iinjongo ngeso sakhiwo. Kwafuneka kuyiwe enkundleni ukuze kuthintelwe abasemagunyeni bangalisebenzisi ngokungekho mthethweni igunya labo. Isigwebo senkundla savumelana namaNgqina. Ngokukhawuleza emva koko, abemi basekuhlaleni bavotela ukuba eso sibonda sikhutshwe esihlalweni. Umsebenzi kule holo waqhubeka ngokukhawuleza. Umphumo waba yiHolo yeNdibano entle enokuhlala abantu abangama-4 000. Le yindawo oosomashishini nabemi ngokufanayo abanelunda ngayo.
Kule minyaka ingama-27 idluleyo, kwiindawo ezininzi zomhlaba, amaNgqina kaYehova akhe iiHolo zeNdibano ezintle nezisebenzisekayo njengezazulu zemfundo yeBhayibhile. Ezi holo ngoku zifumaneka ngobuninzi bazo kuMntla noMzantsi Merika, eYurophu, eAfrika, kumazwe aseMpuma, kwanakwiziqithi ezininzi. Kwamanye amazwe—ngokomzekelo, eNigeria, eItali naseDenmark—amaNgqina kaYehova akhe nezakhiwo ezikhulu ngakumbi nezisisigxina ezivulekileyo ezinokusetyenziselwa iindibano zawo zesithili.
Sekunjalo, iiHolo zeNdibano neeHolo zoBukumkani azikokuphela kwezakhiwo amaNgqina kaYehova axakeke zizo ukuze ahambisele phambili ukuvakaliswa koBukumkani bukaThixo.
Iiofisi, Izakhiwo Zokushicilela,
Namakhaya AseBheteli Emhlabeni Wonke
Emhlabeni wonke ngowe-1992, bekukho iiofisi zamasebe eWatch Tower Society ezingama-99, nganye kuzo ebilungelelanisa imisebenzi yamaNgqina kaYehova kwinxalenye yayo yentsimi yehlabathi. Ngaphezu kwesiqingatha kula masebe ebesenza uhlobo oluthile lokushicilela ukuze kuhanjiselwe phambili umsebenzi wemfundo yeBhayibhile. Abo basebenza kumasebe, ubukhulu becala, bahlala njengentsapho enkulu kumakhaya abizwa ngokuba ziiBheteli, okuthetha “iNdlu kaThixo.” Ngenxa yokwanda kwamaNgqina kaYehova nomsebenzi wawo wokushumayela, kuye kwafuneka ezi zakhiwo zandiswe yaye kwakhiwe nezitsha.
Ulwando lwentlangano belukhawuleza kangangokuba ngokufuthi bekubakho amasebe angama-20 ukuya kwangama-40 awandiswa ngolo hlobo ngexesha. Oku kuye kwabangela ukuba kuqaliswe umsebenzi omkhulu wokwakha kumazwe ngamazwe.
Ngenxa yomsebenzi omkhulu wokwakha owenziwayo emhlabeni wonke, iWatch Tower Society ineSebe layo lobuNjineli nelokuZoba kwikomkhulu layo eliseNew York. Oononjineli abanamava abawazuze kwiminyaka emininzi baye bayishiya imisebenzi yabo yempangelo ukuze bazinikele ngokuzithandela ukuncedisa ixesha elizeleyo kumsebenzi wokwakha onxulumene ngqo nomsebenzi woBukumkani. Ukongezelela, abo banamava baqeqeshe amanye amadoda namabhinqa kumsebenzi wobunjineli, nowokuzoba. Ngokulungelelanisa umsebenzi ngeli sebe, amava azuzwe ekwakheni isebe komnye ummandla wehlabathi anokusetyenziselwa ingenelo yabo basebenza kwizakhiwo ezikwamanye amazwe.
Ekuhambeni kwexesha, umsebenzi omkhulu owenziwayo wenze kwaba yingenelo ukuvula iOfisi yobuNjineli yeNqila eJapan ukuze incede ngeeplani zokwakha kwizakhiwo zamazwe aseMpuma. Ezinye iiOfisi zobuNjineli zeNqila zisebenza eYurophu naseOstreliya, yaye zinabasebenzi abasuka kumazwe awahlukahlukeneyo. Ezi ofisi zisebenzisana kakhulu neofisi ekwikomkhulu, yaye umsebenzi eziwenzayo kunye nokusetyenziswa kobugcisa bekhompyutha unciphisa inani labazobi elifunekayo nakwesiphi na isiza ekwakhiwayo kuso.
Ezinye izakhiwo azizikhulu kangako. Oku kwakunjalo ngeofisi yesebe eyakhiwa eTahiti ngowe-1983. Le yayiquka iofisi, oovimba, nendawo yokuhlala abasebenzi bokuzithandela abasibhozo. Kwakunjalo nangesakhiwo sesebe esinemigangatho emine esakhiwa kwisiqithi seCaribbean iMartinique ebudeni bonyaka we-1982 ukusa kowe-1984. Ezi zakhiwo zisenokubonakala zizeziqhelekileyo kubantu abahlala ezixekweni ezikhulu kwamanye amazwe, kodwa kubantu balapho zazibukeka. Iphephandaba iFrance-Antilles lathi isakhiwo sesebe esiseMartinique “sasingumsebenzi wobugcisa kwizakhiwo” owawubonakalisa “uthando olukhulu ngomsebenzi owenziwe kakuhle.”
Ngokwahlukileyo xa sijonga ngokobukhulu, izakhiwo ezigqitywe ngowe-1981 eKhanada zaziquka isakhiwo sokushicilela, okanye umzi-mveliso ozizikwemitha ezingaphezu kwama-9 300 nesakhiwo sokuhlala abasebenzi bokuzithandela abangama-250. ECesario Lange, eBrazil, isakhiwo seWatch Tower esagqitywa kwangaloo nyaka sasiquka izakhiwo ezisibhozo, eziphantse zibe nomgangatho ozizikwemitha ezingama-46 000. Kwafuneka iilori ezili-10 000 zesamente, amatye, nentlabathi, kwaneenduli zekhonkile ezinokukuphinda kabini ukuphakama kweMount Everest! Ngowe-1991 xa bekugqitywa isakhiwo esikhulu esitsha sokushicilela kwiiPhilippines, kuye kwafuneka kulungiselelwe nesakhiwo sokuhlala esinemigangatho eli-11.
Ukuze kuhlangatyezwane neentswelo zabavakalisi boBukumkani abandayo eNigeria, kwaqalisa umsebenzi omkhulu wokwakha eIgieduma ngowe-1984. Lo wawuza kuquka umzi-mveliso, isakhiwo seeofisi esikhulu, izakhiwo zokuhlala ezine ezidibeneyo, nezinye izakhiwo eziyimfuneko. Kwenziwa amalungiselelo okuba umzi-mveliso wakhiwe ugqitywe eUnited States uze uthunyelwe ngomkhumbi. Kodwa abazalwana kwafuneka bajamelane nengxaki yobuncinane bexesha elalimisiwe lokuthumela yonke loo mpahla elalibonakala lingenakufikeleleka. Xa baphumelelayo ukukwenza oku ngaphambi kwexesha elalimisiwe yaza yonke into yafika ikhuselekile esizeni sesakhiwo, amaNgqina akazange aluthabathele kuwo uzuko kodwa ambulela uYehova ngentsikelelo yakhe.
Ulwando Olukhawulezayo Emhlabeni Wonke
Noko ke, ulwando kumsebenzi wokuvakalisa ngoBukumkani belukhawuleza kangangokuba nasemva kokuba sandiswe kakhulu isakhiwo sesebe kwilizwe elithile, ngokufuthi kuye kwafuneka kuqaliswe umsebenzi wokwakha kwakhona ngexeshana elingephi. Khawuqwalasele imizekelo embalwa.
EPeru isebe elitsha elihle—elineeofisi, amagumbi okulala angama-22 kwanezinye izakhiwo eziyimfuneko kumalungu entsapho yaseBheteli, neHolo yoBukumkani—lagqitywa ekupheleni kowe-1984. Kodwa intsabelo yabantu kwisigidimi soBukumkani kwelo lizwe laseMzantsi Merika yayingaphezu kokuba kwakulindelwe. Emva kweminyaka emine kwafuneka siphindwe kabini isakhiwo esikhoyo, ngoku kusetyenziswa indlela yokwakha enokumelana neenyikima.
Isakhiwo sesebe esitsha nesikhulu sagqitywa eColombia ngowe-1979. Kwakubonakala ngathi sasiya kuhlala sisikhulu kangangeminyaka emininzi. Noko ke, kungaphelanga neminyaka esixhenxe amaNgqina eColombia ayephantse aphindeka kabini, yaye eli sebe ngoku lalishicilela iphephancwadi iLa Atalaya nelithi ¡Despertad! kungekuphela nje ukwenzela iColombia kodwa kwanamazwe amane angabamelwane. Kwafuneka baqalise ukwakha kwakhona ngowe-1987—ngesi sihlandlo kwindawo eyayinomhlaba omkhulu wokwandisa.
Ebudeni bowe-1980, amaNgqina kaYehova eBrazil anikela iiyure ezili-14 000 000 ekushumayeleni isigidimi soBukumkani ekuhleni. Elo nani lantinga laya kutsho kuma-50 000 000 ngowe-1989. Abantu abangakumbi bebebonakalisa umnqweno wokuba indlala yabo yokomoya yaneliswe. Izakhiwo zesebe ezikhulu ezanikezelwa ngowe-1981 zazingasanelanga. NgoSeptemba 1988, kwakusele kuqalisiwe ukumbiwa kulungiselelwa umzi-mveliso omtsha. Lo wawuza kuba mkhulu ngama-80 ekhulwini kunomzi-mveliso okhoyo, yaye kakade ke, nezakhiwo zokuhlala zokunyamekela intsapho yaseBheteli eyandileyo zaziza kufuneka.
ESelters/Taunus, eJamani, isakhiwo sokushicilela seWatch Tower Society esisesesibini ngobukhulu sanikezelwa ngowe-1984. Emva kweminyaka emihlanu, ngenxa yolwando eJamani namathuba okwandisa umsebenzi wokunikela ubungqina kumazwe uncwadi lwawo olushicilelwa lelo sebe, kwaqaliswa amalungiselelo okwandisa umzi-mveliso ngaphezu kwama-85 ekhulwini kunalowo ukhoyo kuze kongezelelwe nezinye izakhiwo eziyimfuneko.
Isebe laseJapan lasuka eTokyo lafudukela kwizakhiwo ezikhulu nezitsha eNumazu ngowe-1972. Kwaphinda kwandiswa kakhulu ngowe-1975. Ngowe-1978 kwakufunyenwe omnye umhlaba, e-Ebina; yaye ngokukhawuleza kwaqaliswa umsebenzi wokwakha umzi-mveliso owuphinda ngaphezu kwezihlandlo ezithathu lowo useNumazu. Lo wagqitywa ngowe-1982. Nawo wawunganelanga; kongezwa ezinye izakhiwo ngowe-1989. Ngaba ngebabengakwazanga ukwakha kube kanye nje isakhiwo esikhulu ngokwaneleyo? Hayi. Abavakalisi boBukumkani eJapan babephindeke izihlandlo ngezihlandlo ngendlela ekungekho mntu wakha wayicinga kusengaphambili. Ukususela kubantu abali-14 199 ngowe-1972, banda baya kutsho kwi-137 941 ngowe-1989, yaye abaninzi gqitha kubo babenikela ixesha elizeleyo kubulungiseleli.
Sibona okufanayo nakwezinye iindawo zomhlaba. Kungaphelanga neminyaka elishumi—yaye maxa wambi ngeminyaka embalwa—kwakhiwe amasebe amakhulu axhotyiselwe ukushicilela, kuye kwafuneka kwandiswe kwakhona. Oku kwaba njalo eMexico, eKhanada, eMzantsi Afrika, nakwiRiphabliki yaseKorea, xa sikhankanya ezimbalwa.
Ngoobani abakhayo? Kufezwa njani konke oku?
Amawaka Amaninzi Alangazelela Ukunceda
ESweden, kumaNgqina ali-17 000 kwelo lizwe ngexesha ebekusakhiwa isebe lawo eArboga, angama-5 000 azinikela ukuba ancedise kulo msebenzi. Inkoliso yayingabancedisi nje bokuzithandela, kodwa kwakukwakho neengcali ezaneleyo ezinobuchule gqitha ukuqinisekisa ukuba lo msebenzi wawusenziwa kakuhle. Babeshukunyiswa yintoni? Luthando ngoYehova.
Xa igosa elisebenza kwiofisi kanocanda eDenmark leva ukuba umsebenzi kwisebe elitsha eHolbæk wawuza kwenziwa ngamaNgqina kaYehova, lavakalisa ukungaqiniseki. Sekunjalo, phakathi kwamaNgqina awazinikelayo ukuba anganceda, kwakukho iingcali ezinolwazi lomsebenzi ezaneleyo. Ukanti, ngaba ngebabephumelele ngakumbi ukuba kwakuqeshwe iinkampani zokwakha zehlabathi ukuba zenze lo msebenzi? Emva kokuba lo msebenzi ugqityiwe, iingcali zesebe lokwakha ledolophu zakhenketha esi sakhiwo zaza zancoma indlela umsebenzi owawusemgangathweni ophezulu ngayo—nto leyo ezingafane ziyibone kwimisebenzi eyenziwayo ziinkampani zokwakha eziqeshwayo namhlanje. Ke lona igosa elalivakalise ukungaqiniseki ngaphambilana, lancuma laza lathi: “Kaloku, ngela xesha ndandingayazi intlangano yenu ukuba iluhlobo luni.”
Izixeko zaseOstreliya ziqelelene kakhulu; ngoko, uninzi lwabantu abangama-3 000 abazinikela ukusebenza ngokuzithandela kwisakhiwo sesebe esiseIngleburn phakathi kowe-1978 nowe-1983 kwafuneka luhambe ubuncinane iikhilomitha ezili-1 600. Noko ke, kwalungiselelwa ukuba amaqela abasebenzi ahambe ngoodula-dula, yaye amabandla asendleleni ngobubele azinikela ukuba abalungiselele ukutya aze anxulumane naba bazalwana kwiindawo ababemisa kuzo. Abanye baba bazalwana bathengisa amakhaya, bavala amashishini, bathabatha ikhefu, bazincama nangezinye iindlela ukuze babe nenxaxheba kulo msebenzi. Amaqela amagcisa anamava afika—amanye awo izihlandlo eziliqela—ukuze agalele ikonkile, axhome iisilingi, afake uthango. Amanye anikela ngempahla yokwakha.
Inkoliso yabasebenzi bokuzithandela kwezi zakhiwo yayingengomagcisa, kodwa ngoqeqesho olungephi, abanye babo bamkela iimbopheleleko ezinkulu baza benza umsebenzi oncomekayo. Bafunda indlela yokwenza iifestile, ukuqhuba oogandaganda, ukujika ikonkile, nokubeka isitena. Bangenelwa kunabantu abangengomaNgqina abenza umsebenzi ofanayo ehlabathini. Ngayiphi indlela? Abo babenamava babekulungele ukwabelana nabo ngolwazi lwabo. Akukho bani wayexhalele ukuba omnye uza kumthabathela umsebenzi; bonke babenomsebenzi owaneleyo ababefanele bawenze. Yaye babenentsusa-senzo enamandla yokwenza umsebenzi osemgangathweni ophezulu, kuba wawusenziwa njengendlela yokubonakalisa uthando ngoThixo.
Kuzo zonke iziza ekwakhiwayo kuzo, amaNgqina athile aba sisiseko “sentsapho” yasesakhiweni. Ebudeni bomsebenzi eSelters/Taunus, eJamani, ukususela ngowe-1979 ukusa kowe-1984, amakhulu aliqela ngokuqhelekileyo ayebumba eso siseko sabasebenzi. Amawaka abanye ayebathelela izihlandlo ezingalinganiyo zexesha, inkoliso ngeempela-veki. Kwakusenziwa amalungiselelo ngenyameko ukuze xa abasebenzi befika bafike kukho umsebenzi omninzi abanokuwenza.
Logama nje abantu bengekafezeki, kuya kubakho iingxaki, kodwa abo basebenza kwezi zakhiwo bazabalazela ukuzicombulula ngokusekelwe kwimigaqo yeBhayibhile. Bayazi ukuba ukwenza izinto ngendlela yobuKristu kubalulekile kunokuzenza kakuhle. Njengesikhumbuzo soku, kwisiza sesakhiwo e-Ebina, eJapan, kwakukho imiqondiso emikhulu enemifanekiso yabasebenzi abanxibe iminqwazi yokhuseleko, yaye kumnqwazi ngamnye kubhalwe ngesiJapan esinye seziqhamo zomoya kaThixo: uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa. (Gal. 5:22, 23) Abo batyelela kwiziza ekusetyenzwa kuzo banokuwubona yaye bawuve umahluko. Ivakalisa oko yona yakuphawulayo, intatheli yeendaba eyatyelela isiza ekwakusakhiwa kuso eBrazil yathi: “Akukho kungalungelelani okanye ukungabikho kwentsebenziswano . . . Lo moya wobuKristu wenza esi sakhiwo sahluke koko kuqhelekileyo kwezalapha eBrazil.”
Ulwando Oluqhubekayo Kwikomkhulu Lehlabathi
Ngoxa amasebe eWatch Tower Society ebekhula, kuye kwaba yimfuneko nokwandisa izakhiwo ezikwikomkhulu lehlabathi. Umzi-mveliso neeofisi zalo eziseBrooklyn nakwezinye iindawo kwiLizwana laseNew York ziye zandiswa ngaphezu kwezihlandlo ezilishumi ukususela ngeMfazwe Yehlabathi II. Ukuze kuhlaliswe abasebenzi, kuye kwafuneka kwakhiwe okanye kuthengwe kuze kulungiswe izakhiwo eziliqela, ezikhulu nezincinane. Kwakhona kwenziwa isaziso somsebenzi ongakumbi wokwandisa eBrooklyn ngoAgasti 1990 nangoJanuwari 1991—nangona ngentla kwesiXeko saseNew York isakhiwo esikhulu seZiko Lemfundo LeWatchtower esasiqalise ngowe-1989 sasisaqhubeka, sicetywe ngendlela yokuba singahlalisa abantu abali-1 200, kuquka abasebenzi abahlala khona nabafundi.
Ukususela ngowe-1972 umsebenzi wokwakha ubusoloko uqhubeka kwikomkhulu lehlabathi eBrooklyn nakwizakhiwo ezinxulumene nalo ngokusondeleyo ezikweminye imimandla yaseNew York naseNew Jersey. Ekuhambeni kwexesha, kwaye kwacaca ukuba nangona bengamakhulu, abasebenzi abasoloko bekho esakhiweni babengakwazi kumelana nomsebenzi. Ngoko, ngowe-1984 kwasekwa inkqubo eqhubekayo yabasebenzi bokwexeshana. Kwathunyelwa iileta kumabandla aseUnited States ngoko awayengama-8 000 kumenywa abazalwana abafanelekayo ukuba beze iveki okanye ezingakumbi ukuze bancedise. (Inkqubo efanayo yayisele isebenza kakuhle kwamanye amasebe, kuquka iOstreliya, apho abo babekwazi ukuhlala iiveki ezimbini babemenyelwa ukuba beze kuncedisa.) Abasebenzi babeza kulungiselelwa indawo yokuhlala nezidlo kodwa bazihlawulele ngokwabo iindleko zabo zokuhamba yaye bangafumani mvuzo. Ngoobani ababeza kusabela?
Ngowe-1992, kwakusele kufike izicelo ezingaphezulu kuhle kuma-24 000! Ubuncinane ezingama-3 900 kwezi zazivela kubantu ababesiza isihlandlo sesi-2 okanye sesi-3, kwanese-10 okanye sama-20. Inkoliso yabo yayingabadala, izicaka zolungiselelo, okanye oovulindlela—abantu ababeneemfaneleko ezintle zokomoya. Bonke babezinikela ukwenza nantoni na ekwakufuneka yenziwe, enokuba kwakufuneka besebenzise ubugcisa babo okanye bangenzi njalo. Ngokufuthi umsebenzi wawunzima yaye ungcolisa. Kodwa bakugqala kulilungelo ukunikela ngale ndlela ekuhanjiselweni phambili kwezilangazelelo zoBukumkani. Bambi babevakalelwa kukuba kwakubanceda bawuqonde ngakumbi umoya wokuzincama obonakala kumsebenzi owenziwa kwikomkhulu lehlabathi. Bonke babevakalelwa kukuba bavuzwe ngokwenene ngokubakho kucwangciso lonqulo lwakusasa lwentsapho yaseBheteli nakwisifundo seMboniselo seeveki ngeeveki.
Abasebenzi Bokuzithandela Abasuka Kumazwe Ngamazwe
Njengoko imfuneko yokwandisa ngokukhawuleza yayikhula, kwaqaliswa ilungiselelo labasebenzi bokuzithandela abasuka kumazwe ngamazwe ngowe-1985. Oku kwakungesosiqalo sentsebenziswano yamazwe ngamazwe ekwakheni, kodwa ngoku eli lungiselelo lalilawulwa ngenyameko kwikomkhulu. Bonke abanesabelo ngamaNgqina azinikela ukunceda kumsebenzi wokwakha ngaphandle kwilizwe labo. Angabasebenzi abanobugcisa, kwanamaqabane omtshato ahamba nabayeni bawo ukuya kunceda nangayiphi na indlela anokukwazi ngayo. Inkoliso yabo iyazihlawulela iindleko zokuhamba; akukho namnye kubo ofumana umvuzo ngoko bakwenzayo. Abanye babo bahamba ithutyana elifutshane, ngokuqhelekileyo bahlale iiveki ezimbini ukuya kwiinyanga ezintathu. Abanye ngabasebenzi bexesha elide, bahlala kangangonyaka okanye ngaphezulu, mhlawumbi de umsebenzi ugqitywe. NgamaNgqina kaYehova angaphezu kwama-3 000 asuka kumazwe awahlukahlukeneyo angama-30 awaba nesabelo koku kwiminyaka emihlanu yokuqala, yaye angakumbi ayelangazelela ukuba nesabelo nanini na ubuchule bawo bufuneka. Akugqala kulilungelo ukuzinikela wona nobuncwane bawo ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani bukaThixo ngale ndlela.
Abasebenzi bokuzithandela abavela kumazwe ngamazwe balungiselelwa indawo yokuhlala nezidlo. Ngokufuthi ubutofotofo abungako. AmaNgqina asekuhlaleni akuxabisa gqitha oko abazalwana bawo abatyeleleyo bakwenzayo, yaye xa kunokwenzeka, ayabamkela ukuba bahlale nawo emakhayeni awo, kungakhathaliseki ukuba aphantsi kangakanani na. Ngokufuthi izidlo zifunyanwa esizeni.
Abazalwana abasuka kwamanye amazwe abazelanga ukuza kwenza wonke umsebenzi. Injongo yabo kukusebenza kunye neqela labasebenzi basekuhlaleni. Yaye amakhulu, kwanamawaka abanye belizwe elo basenokuza kuncedisa ngeempela-veki okanye iveki okanye nangaphezulu ngexesha. EArgentina, abasebenzi bokuzithandela abangama-259 abavela kwamanye amazwe babesebenza kunye namawaka aliqela abazalwana basekuhlaleni, abanye bawo ababesebenza imihla ngemihla, abanye iiveki ezimbalwa, yaye abanye abaninzi ngakumbi ngeempela-veki. EColombia, ngabasebenzi bokuzithandela abavela kumazwe ngamazwe abangaphezu kwama-830 ababencedisa amaxesha angalinganiyo. Yaye kwakukho nabasebenzi bokuzithandela basekuhlaleni abangaphezu kwama-200 ababa nesabelo kulo msebenzi ixesha elizeleyo yaye, mpela-veki nganye, abanye abangama-250 okanye ngaphezulu babencedisa. Ngabantu abahlukahlukeneyo abangaphezu kwama-3 600 ababa nenxaxheba.
Ukuthetha iilwimi ezahlukahlukeneyo kusenokubangela iingxaki, kodwa oku akuwathinteli amaqela asuka kumazwe ngamazwe ekusebenzeni kunye. Ukuthetha ngezandla, ngembonakalo yobuso, uburharha nomnqweno wokufeza umsebenzi oya kuzukisa uYehova kuyanceda ekwenzeni umsebenzi ugqitywe.
Ulwando olubalaseleyo entlanganweni—nto leyo ebangela kufuneke izakhiwo zamasebe ezikhulu—maxa wambi lubakho kumazwe apho kukho abantu abambalwa abanobuchule kwimisebenzi yokwakha. Kodwa oku akuwathinteli amaNgqina kaYehova, ancedana ngovuyo. Asebenza kunye njengenxalenye yentsapho yomhlaba wonke engahlulahlulwanga bubuhlanga, ibala lolusu, okanye ulwimi.
EPapua New Guinea, ngamnye kubasebenzi bokuzithandela ababesuka eOstreliya naseNew Zealand waqeqesha umntu wasePapua New Guinea kumsebenzi wakhe, ngokuvisisana nemfuneko yeSebe likaRhulumente lemiSebenzi. Ngale ndlela, ngoxa ezinikela, amaNgqina asekuhlaleni afunda ubugcisa obunokuwanceda anyamekele iintswelo zawo neentsapho zawo.
Xa kwakufuneka isebe elitsha e-El Salvador, abazalwana basekuhlaleni bathelelwa ngabasebenzi bokuzithandela abangama-326 abasuka kwamanye amazwe. Kwisakhiwo esise-Ecuador, amaNgqina angama-270 asuka kumazwe ali-14 asebenza kunye nabazalwana noodade bawo base-Ecuador. Abanye abasebenzi bokuzithandela abavela kwamanye amazwe bancedisa kwimisebenzi eliqela eyayiqhubeka ngaxesha-nye. Babejikeleza phakathi kwezakhiwo eziseYurophu naseAfrika, kuxhomekeka kwindlela ubuchule babo obufuneka ngayo.
Ngowe-1992, abasebenzi bokuzithandela abavela kumazwe ngamazwe bebethunyelwe kumasebe angama-49 ukuze bancedise amaqela asekuhlaleni asebenza esakhiweni. Kwezinye iimeko abo bafumene uncedo kule nkqubo nabo baye bakwazi ukunceda abanye. Ngaloo ndlela, ekubeni bencedwe yimigudu yabo bakhonza ithuba elide kwizakhiwo ezikumazwe ngamazwe abangama-60 ababencedisa ekwakhiweni kwesakhiwo sesebe sakwiiPhilippines, kwanangabanye abasebenzi bokuzithandela ababencedisa amathuba amafutshane abavela kwamanye amazwe abangama-230, abanye babazalwana bakwiiPhilippines bazinikela ukuya kunceda ukwakha izakhiwo kwezinye iindawo ezikuMzantsi-mpuma Asia.
AmaNgqina kaYehova enza umsebenzi wokwakha ngenxa yeentswelo ezikhoyo ngoku ngokuphathelele ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. Ngoncedo lomoya kaYehova, afuna ukunikela ubungqina ngowona mkhamo mkhulu kangangoko kunokwenzeka ngeli xesha lisaseleyo ngaphambi kweArmagedon. Eyisekile kukuba ihlabathi elitsha likaThixo lisemnyango, yaye anokholo lokuba aya kusinda njengabantu abalungelelanisiweyo angene kwelo hlabathi litsha, ngaphantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo obungoMesiya. Akwanethemba lokuba mhlawumbi inkoliso yezakhiwo ezihle azakhileyo aza azinikezela kuYehova iya kuqhubeka isetyenziswa emva kweArmagedon njengezazulu ulwazi lokuphela koThixo oyinyaniso olunokuqhubeka luphuma kuzo de luwuzalise umhlaba.—Isa. 11:9.
[Footnote]
a Le ndawo yayisaziwa ngokuba yi-“New Light” Church (iCawa “yokuKhanya Okutsha”) kuba abo babehlanganisana apho babevakalelwa kukuba ngenxa yokufunda iimpapasho zeWatch Tower, babeyikhanyiselwe ngokutsha iBhayibhile.
[Blurb on page 322]
AmaNgqina asuka kumabandla akufutshane ayencedisa emsebenzini
[Blurb on page 323]
Umsebenzi wokwakha wawusenziwa ngabasebenzi bokuzithandela, abangahlawulwayo
[Blurb on page 324]
Kwakugxininiswa kwiimpawu zokomoya
[Blurb on page 326]
Isakhiwo esikumgangatho ophezulu, ukhuseleko, iindleko eziphantsi, nesantya
[Blurb on page 328]
IHolo yoBukumkani enokuchithwa ize yakhiwe kwakhona!
[Blurb on page 331]
Ukubhenela ezinkundleni
[Blurb on page 332]
Ukwandisa ngomkhamo omkhulu kumazwe ngamazwe
[Blurb on page 333]
Abasebenzi babenikela uzuko kuYehova, kungekhona kwiziqu zabo
[Blurb on page 334]
Ulwando ngesantya ekungekho mntu wayenokusixela kwangaphambili
[Blurb on page 336]
Bakugqala kulilungelo ukuncedisa kumsebenzi wokwakha kwikomkhulu
[Blurb on page 339]
Asebenza njengentsapho yomhlaba wonke, engahlulwanga bubuhlanga, ibala lolusu, okanye ulwimi
[Box/Pictures on page 320, 321]
Ukusebenza Kunye Ekwakheni IiHolo ZoBukumkani Ngokukhawuleza
Kusekwa amawaka amabandla amatsha nyaka ngamnye. Kwiimeko ezininzi, amaNgqina ayazakhela iiHolo zoBukumkani. Le mifanekiso yathatyathwa xa kwakusakhiwa iHolo yoBukumkani eConnecticut, eUnited States, ngowe-1991
NgoLwesihlanu, ngeyama-7:40 kusasa
NgoLwesihlanu, ngeye-12 emini
NgoMgqibelo, ngeye-7:41 ngokuhlwa
Umsebenzi omkhulu ugqityiwe, ngeCawa, nge-6:10 ngokuhlwa
Balindela intsikelelo kaYehova, ibe bazipha ixesha lokuxubusha isiluleko esiseLizwini lakhe
Bonke bangabasebenzi bokuzithandela abangahlawulwayo, abakuvuyelayo ukusebenza kunye
[Box/Pictures on page 327]
IiHolo ZoBukumkani Kumazwe Awahlukahlukeneyo
Ngokuqhelekileyo iindawo zokuhlanganisana ezisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova azinabuqheleqhele. Zicocekile, zifanelekile, ziyabukeka kwiindawo ezikuzo
EPeru
KwiiPhilippines
EFransi
KwiRiphabliki yaseKorea
EJapan
EPapua New Guinea
EIreland
EColombia
ENorway
ELesotho
[Box/Pictures on page 330]
IiHolo ZeNdibano ZamaNgqina KaYehova
Ukulungiselela iindibano zawo zamathuba athile, amaNgqina kaYehova kwimimandla ethile akufumanise kuyingenelo ukuzakhela ezawo iiHolo zeNdibano. Umsebenzi omninzi wokwakha wenziwa ngamaNgqina asekuhlaleni. Nazi ezimbalwa zeeholo ebezisetyenziswa ekuqaleni kweminyaka yee-1990
EBritani
EVenezuela
EItali
EJamani
EKhanada
EJapan
[Box/Pictures on page 338]
Inkqubo Yokwakha Kumazwe Ngamazwe Izalisa Iintswelo Ezingxamisekileyo
Ukwanda ngokukhawuleza kwentlangano kubangele ukwandiswa ngokuqhubekayo kweeofisi, imizi-mveliso namakhaya aseBheteli emhlabeni wonke
Abasebenzi bokuzithandela abavela kumazwe ngamazwe banceda amaNgqina asekuhlaleni
ESpeyin
Iindlela zokwakha ezisetyenziswayo zenza abasebenzi bokuzithandela abaninzi abangenamava kangako benze umsebenzi obalulekileyo
EPuerto Rico
Abasebenzi abanobuchule bazinikela ngovuyo
ENew Zealand
EGrisi
EBrazil
Ukusebenzisa impahla yokwakha eyomeleleyo kunceda ekugcineni iindleko zokugcina isakhiwo sisemgangathweni ziphantsi
EBritani
Umsebenzi osemgangathweni ophezulu ungumphumo womdla wobuqu obonakaliswa ngabo bawenzayo; le yimbonakaliso yothando lwabo ngoYehova
EKhanada
La maxesha okwakha aba zizihlandlo zovuyo; abaninzi abadibana kuzo bakha ubuhlobo obuhlala buhleli
EColombia
Lo mqondiso owawuseJapan wawukhumbuza abasebenzi ngemilinganiselo yokhuseleko, nangemfuneko yokubonisa iziqhamo zomoya kaThixo
[Picture on page 318]
Isakhiwo sokuqala ukubizwa ngokuba yiHolo yoBukumkani, eHawaii
[Pictures on page 319]
IiHolo zoBukumkani zokuqala ezininzi zazizizakhiwo eziqeshiweyo okanye zazingamagumbi aphezu kweevenkile; zimbalwa ezazakhiwe ngamaNgqina
[Pictures on page 329]
Ezimbini kwiiHolo zeNdibano zokuqala
KwisiXeko saseNew York
EGuadeloupe
[Pictures on page 337]
Abasebenzi bokuzithandela esakhiweni bokwexeshana abasandul’ ukufika kwikomkhulu lehlabathi eNew York
Qela ngalinye likhunjuzwa ukuba ukuba ngumntu wokomoya nokwenza umsebenzi okumgangatho ophezulu kubalulekile kunokuwukhawulezisa umsebenzi