INgoma 19
Ukuchwayita Imini Yonke
1. Sithandwe nguThixo Ngoko s’yatsibatsiba.
Sizele luvuyo Ngokuba sisebenza.
Asis’leli nganto.
S’xhaswa nguBawo.
Ngaba yinton’ esinokuy’cela?
S’noxolo, nenzolo
Nkqu nokwaneliseka.
Uvuyo lunzulu
Xa sisondela kuYa.
Sizel’ imincili,
Siya phambili,
Sivuya kuk’vun’ intabalala (ngok’sebenza).
2. S’khululwe yinyani
Kungoko sichwayita.
S’thobela umyalo KaMesiya, uNyana.
Was’fundis’ okuhle.
Sithengwe nguye.
Kuba ngay’ uThixo wasikhetha.
Ulaw’lo lukaYa
Lozisa ukuvuya.
“Igosa” lis’nceda Ngokusinyamekela.
Ngoku s’khanyiselwe,
Ngeke s’khubeke.
Nethemba lethu siyolazisa (yonk’ imihla).
3. Ngumthombo wovuyo
Ukwenza abafundi.
Xa s’fuman’ izimvu
Uvuy’ aluthetheki.
Ngoku xa sithanda Abazalwana,
Somanyana esicamangweni.
Sohlala sivuya Ekuvakaliseni,
Is’hlwele es’khulu
Esikhoy’ emhlabeni,
Wang’ angas’khokela,
Es’nyamekela.
Sidumis’ uYa yonke imini (enkonzweni).