IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/94 iphe. 1
  • Ngaba Uyisebenzisa Ngokuzeleyo IMboniselo NoVukani!?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyisebenzisa Ngokuzeleyo IMboniselo NoVukani!?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 5/94 iphe. 1

Ngaba Uyisebenzisa Ngokuzeleyo IMboniselo NoVukani!?

1 “Kusoloko kundimangalisa ukufumana imfundiso egubungela zonke iinkalo kumanqaku amahle nabangel’ umdla ngokwenene​—amaninzi awo angathethi ngonqulo—​ngexabiso eliphantsi ngolu hlobo. Nangona ndingenaxesha, ngamathuba angorhatya ndisoloko ndizisonga kwigumbi lam lokuphumla ndifunda amaphephancwadi enu ngesibane. Kwakhona, ndinibulela ngokungazenzisiyo ngemigudu eniyenzayo.” La mazwi oxabiso ngamaphephancwadi ethu avela kugqirha wezamayeza eNtshona Jamani. Sinokuzibuza oku: Ndinoxabiso olunzulu kangakanani ngephephancwadi IMboniselo noVukani!? Ndenza ntoni ukuze ndiwase emakhayeni abantu abakwintsimi yam?

2 Kutshanje sifundisise inqaku elithi “IMboniselo noVukani!—Oolindixesha Benyaniso Abasexesheni” kwiMboniselo kaJanuwari 1, 1994. Phantse sekudlule iinyanga ezintathu ukususela ngoko. Ngaba uwasebenzisile amacebiso amahle anikelweyo, ngaloo ndlela usandisa amaphephancwadi owasasazayo? Amanani amaphephancwadi aveliswa kwisebe lethu abonisa ukuba ukusasazwa kwamaphephancwadi kwehlile kwiminyaka embalwa edluleyo. Ngokomlinganiselo, abavakalisi bahambisa amaphephancwadi ama-4 ngenyanga, oovulindlela abangabancedani ali-15 yaye awoovulindlela abathe ngxi amalunga ne-18.

3 Kwamanye amabandla abavakalisi, kuquka nabaselula abaninzi, bawenza umsebenzi wamaphephancwadi ngokuhlwa ngoLwesithathu. Kweminye imimandla imva kwemini yangoLwesihlanu ingqineke iphumelela gqitha kuba abavakalisi abahamba isikolo banethuba lokuthelela kulo msebenzi. Ekubeni uninzi lwabazalwana bethu luzifumanisa iimpela-veki ziwufanelekele umsebenzi wamaphephancwadi, kwakhuthazwa ukuba kubekelwe ecaleni iMigqibelo ekhethiweyo yokwenza oku. Nikela amaphephancwadi kwindlu ngendlu, ezitratweni, kwiivenkile ngeevenkile nakwimizila yamaphephancwadi. Siyanikhuthaza nonke nibe nesabelo esingakumbi ekusasazeni aba lindixesha bethu kwindlu ngendlu ekubeni oko kuvulela indlela amabuyelo nezifundo zeBhayibhile.

4 Abadala abakwibandla lakho baya kukwazisa ngamalungiselelo awenziweyo okunikela ubungqina ngamaphephancwadi, ukuba abakakwenzi oko. Abadala nezicaka zolungiselelo bafanele bakhokele ekunikeleni ubungqina ngamaphephancwadi. Ngaba uya kuwaxhasa ngokuzeleyo la malungiselelo? Kuthekani ngani baselula ebandleni? Umsebenzi wamaphephancwadi ubusoloko ukhetheke gqitha kubavakalisi bethu abaselula. Sinokusandisa njani isabelo sethu ekusasazeni amaphephancwadi?

5 IMboniselo yandlala amanyathelo amane. (1) Waxhalabele amaphephancwadi, (2) isigidimi sakho masibe lula, (3) yiba bhetyebhetye uze (4) uzibekele usukelo lobuqu. Ngaba usawakhumbula kakuhle la manyathelo? Ngaba sewuqalisile ukuwasebenzisa, waza ngokomphumo, wabona ukuphucula kumaphephancwadi owasasazayo?

6 Ukuthanda kukaYehova kukuba “bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.” (1 Tim. 2:4) Amaphephancwadi ethu anceda abantu banandiphe ubomi obanelisayo kule nkqubo yezinto iphelayo, anikela ithemba ngekamva yaye alatha indlela eya ebomini obungunaphakade. Elinjani ilungelo esinalo lokusebenzisa aba lindixesha benyaniso ukunceda abantu abantliziyo zinyanisekileyo bafumane indlela esa ebomini obungunaphakade.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share