Iincwadana Ezinemifanekiso—Izixhobo Ezixabisekileyo Kubulungiseleli
1 Igcisa elinobuchule kumsebenzi othile lidla ngokuphatha izixhobo ezahlukeneyo, ngasinye lisiphathela umsebenzi okhethekileyo. Njengabavakalisi boBukumkani, sineencwadana ezinemifanekiso ezahlukeneyo ezininzi zokusinceda sihlangabezane ngobuchule neentswelo zokomoya zabantu esishumayela kubo. (IMize. 22:29) Komnye umzi usenokufumana umntu odandathekileyo. Komnye ufike umninimzi elangazelela urhulumente onyanisekileyo, ngoxa omnye esenokuba uzibuza enoba ikho na injongo yokuphila. Sinokuzisebenzisa njani iincwadana zethu ezinemifanekiso ukunceda aba bantu?
2 Xa uhambisa incwadana enemifanekiso ethi “Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?,” usenokuthetha okufana noku:
◼ “Abanye abantu ababona ukubandezeleka nokungabikho kokusesikweni kweli hlabathi bafuna ukubeka ityala uThixo. Baqiqa ngelokuba ekubeni uThixo engusomandla, ubeya kukuphelisa ukubandezeleka kwethu ukuba ubesikhathalele ngokwenene. Uvakalelwa njani koko? [Vumela impendulo.] INdumiso 72:12-14 ibonisa ukuba ngokwenene uThixo usikhathalele. Asinguye obangela ukubandezeleka nokungabikho kokusesikweni. Uthembise ukuba abenzi bobubi baza kushenxiswa kungekudala. Le ncwadana inemifanekiso ethi, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, ibonisa oko aya kukwenza nendlela esinokungenelwa ngayo kuko.” Usenokuqhubeka uxubushe amagqabaza akwiphepha 27, isiqendu 22.
3 Ukuba usebenzisa incwadana enemifanekiso ethi “Injongo Yobomi,” usenokuqalisa ngale ndlela:
◼ “Ngaxa lithile, phantse wonk’ ubani uyazibuza ukuba iyintoni na injongo yobomi. Ngaba kukuba siphile iminyaka engama-70 okanye engama-80 size sife? Okanye ngaba kukho okungakumbi ebomini? Ucinga ntoni wena? [Vumela impendulo.] Apha kwiNdumiso 37:29, sibona injongo kaThixo entle ngoluntu nangomhlaba.” Emva kokufunda esi sibhalo, tyhila kumfanekiso okwiphepha 31, uze ugqabaze ngokubhekele phaya ngendlela ekuya kuba yiyo ukuphila eParadisi.
4 Incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona,” unokuyihambisa ngokubonisa wonke umfanekiso ongaphandle kuyo uze ubuze oku:
◼ “Ucinga ukuba kuya kufuneka ntoni ukuze umhlaba ube nje? [Vumela amagqabaza.] Ngamnye kulo mfanekiso unekhaya nomsebenzi onandiphekayo. Kukho uxolo nentabalala yokutya, yaye umhlaba awungcoliswanga. Nangona bezama ngako konke okusemandleni, oorhulumente babantu bayaqonda ukuba abanakukwazi ukuzisa ihlabathi elinje. Noko ke, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba uThixo ‘zonke izinto uya kuzenza ntsha.’ [Tyhila kwiphepha 30 uze ufunde ISityhilelo 21:3, 4.] Le ncwadana inemifanekiso inokukunceda ufunde ekufuneka ukwenze ukuze uphile kwelo hlabathi litsha.” Ukuba unomdla othile, tyhila kwiphepha 3, uze ubonise indlela esisiqhuba ngayo isifundo seBhayibhile.
5 Usenokusebenzisa le ntshayelelo kwincwadana enemifanekiso ethi “Bunandiphe Ubomi”:
◼ “Abantu abaninzi bacinga ukuba kuya kufuneka baye ezulwini ukuze banandiphe ubomi obungunaphakade, kodwa ucinga ntoni ngokuphila ngonaphakade emhlabeni? [Vumela impendulo.] IBhayibhile isiqinisekisa ukuba sinokuphila ngonaphakade, ibe isixelela indlela esinokulufikelela ngayo olo sukelo.” Funda uYohane 17:3. Yandula ke ubonise umninimzi umfanekiso 49 uze umbuze: “Ngaba ungakuthanda ukuphila kwihlabathi elifana neli?” Hambisa le ncwadana inemifanekiso uze ulungiselele ukubuyela.
6 Iincwadana ezinemifanekiso zibalaselisa imibandela esexesheni, ziphendula imibuzo yabantu, yaye ziyathuthuzela. Xa sizisebenzisa ngobuchule ezi zixhobo, sinokubanceda abanyanisekileyo “bafikelele ekuyazini inyaniso.”—1 Tim. 2:4.