INgoma 44
Usikhathalele Ngokwenene UYehova
1. Inyameko kaYehova
Is’thuthuzel’ ngokwenyani (kusizi).
Uzibalile iinwele zethu,
Ke singoyikelani? (Unathi.)
2. Nakub’ iz’lingo zis’hlela
As’nak’phelelwa lithemba (lok’phila).
Ukub’ uYa uyay’gqal’ ingqabe,
Thina wos’nyamekela (wos’nceda).
3. AmaKristu afikelwa
Ziintlobo zeengcinezelo (nez’lingo).
UThixo usiqeqesha ngazo;
Wohlal’ es’nik’ uncedo (nenkxaso).
4. UThixo ngokunyan’seka
Wos’khathalela kunene (as’ncede).
Xa sityhalela kwinkonzo yakhe,
Yena wosivuza ke (ngenene).