IBheteli Isaqhubeka Isandiswa
1 Apha kumazantsi eAfrika, njengakwezinye iindawo ehlabathini, umsebenzi wokushumayela uBukumkani uqhubeka usanda. NguYehova obangela olu lwando njengokuba umpostile uPawulos wachazayo: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo.” (1 Kor. 3:6) Ngoko nguBawo wethu, uYehova ofumana uzuko nembeko ngokukhawuleziswa komsebenzi.—Isa. 60:22.
2 Kubekho ulwando olukhulu kangangokuba isebe lethu kunzima ukuba lisingathe olu lwando luqhubekayo. Njengokuba nisenokubona kwimifanekiso esembindini wesi sihlomelo, sandise indawo yabahlali saza sakha neshedi enkulu yokugcina izinto ngenxa yokwanda kwezinto ezithunyelwa kwamanye amasebe. Kodwa esi isesisiqalo nje somsebenzi wokwakha esiza kuwenza. Kusafuneka okungakumbi.
3 Ngoko iQumrhu Elilawulayo lincomele ukuba songeze ezinye izakhiwo ezibini zabahlali ezinamagumbi angama-64 sisinye; sinyuse isakhiwo seeofisi ngemigangatho emibini ukubheka phezulu; size sandise indawo yethu yokutyela, ikhitshi nendawo yokuhlamba iimpahla. Indawo yokutyela iya kulungiselelwa ukuhlala abantu abali-1 000. Oku kuya kwenza intsapho yaseBheteli eyandileyo ibe nendawo eyaneleyo. Nezakhiwo zokushicilela kufuneka zandiswe ubuncinane ngama-50 ekhulwini.
4 Kutheni kufuneka kwandiswe? Isebe laseMzantsi Afrika linendima ebalulekileyo kulwando lomsebenzi. Amaphephancwadi, iincwadana ezinemifanekiso, amaphecana neefomu eziya kwamanye amasebe akumazantsi eAfrika namanye akumbindi weAfrika, zishicilelwa apha. Xa kwakunikezelwa isakhiwo sesebe esitsha ngoMatshi 1987, kwakushicilelwa iinkupho ezingama-29 zamaphephancwadi ngenyanga. Ngoku kushicilelwa iinkupho ezingama-51 ngenyanga. Amanani amaphephancwadi ashicilelwayo andile esusela kwangaphezu kwezigidi ezisi-8 aya kutsho kwamalunga nezigidi ezili-11 elinesiqingatha ngonyaka. Kwakhona siye saqalisa ukushicilela zonke iiMboniselo zeelwimi zasekuhlaleni ngaxeshanye nesiNgesi. Xa siquka amaphephancwadi, lilonke inani lezinto esizishicilelayo lingaphezulu kwezigidi ezithathu nyanga nganye! Kwiminyaka yakutshanje iimpapasho ezintsha bezikhululwa ngaxeshanye kwiindibano. Ngokomzekelo, kwiiNdibano “Zemfundiso Yobuthixo” incwadi ethi Abavakalisi yakhululwa ngeelwimi ezisixhenxe ngaphandle kwesiNgesi. Oku kwakungumsebenzi omkhulu ofuna kusetyenzwe iiyure ezininzi ezongezelelekileyo ebusuku nangeempela-veki. Ukongezelela, iNew World Translation iyaguqulelwa ngeelwimi eziliqela zasekuhlaleni. Konke oku kuphumele ekubeni iSebe lethu Labaguquleli lande lisusela kubaguquleli abangama-40 ngowe-1987 kuse kwabangaphezu kwe-100 ngoku. Enyanisweni, sithetha nje, singabona baneSebe Labaguquleli elikhulu ehlabathini. Zonke ezi zinto zenza kufuneke sandise izakhiwo zethu.
5 Ukongezelela koku kungasentla, isebe laseMzantsi Afrika linceda amasebe aselumelwaneni xa esakha. Sithetha nje eMozambique naseMadagascar kwakhiwa amasebe amatsha. Kungekudala eZimbabwe, eZaire naseKenya kuza kuqaliswa ukwakhiwa. Kufuneka sithenge izinto zokwakha sizithumele kula mazwe. Ngoko, kufuneka kubekho iSebe Lokuthenga Nelokuthumela elikhulu. Sisebenzisa iilori ezintlanu ezinkulu ukuthumela izinto kumasebe athile.
6 Unokunceda njani? Oku kwandisa kungaka kuthetha ukuba sinomsebenzi omninzi esijamelene nawo. Sizimisele ukuwugqiba wonke lo msebenzi kwiminyaka emine okanye emihlanu ezayo, ibe ngentsikelelo kaYehova sinokuwenza. Sinokunceda njani sonke?
7 Abantu abanobuchule obukhethekileyo: Ngaba unobugcisa bokuqhuba oogandaganda, ukufaka ikhaphethi, ukusebenza kwiconcrete forming and finishing, ukufakela iithayile (ceramic tiles), ukufakela isteel stud, ukusebenza ngombane, ukufaka isuspended ceiling, ukusebenza kwisheet metal, ukubopha iintsimbi (tying rebar), ukudibanisa iintsimbi (welding), ukuchwela, ukusebenza ngemibhobho yamanzi, ukugquma imibhobho, ukupeyinta, ukufakela imibhobho (pipe fitting) nedrywalling?
8 Ukuba unabo ubugcisa obunjalo, yaye unokuzenza ufumaneke kangangeveki, kangangenyanga, kangangonyaka, okanye ngaphezulu, ngoko nceda khawuleza ubhale ucele ifomu yokusebenza esakhiweni.
9 Ngaba ungumzalwana oselula osempilweni? Ngoko faka isicelo. Ukuba akunabugcisa uza kufundiswa. Abanye abazalwana abaselula abasebenza esakhiweni baye banemisebenzi abafanelekayo kuyo. UYehova uthembise ukuba umlisela uya kuzinikela ngokuvumayo kweli xesha lesiphelo. (INdu. 110:3) Kusafuneka umlisela ongakumbi wokukhawulezisa umsebenzi.
10 Abo bafaka izicelo bamele babe ngamadoda omeleleyo ngokomoya, azahluleleyo nabhaptiziweyo ubuncinane kangangonyaka, babe phakathi kweminyaka eli-19 nengama-55 ubudala, baze bakulungele ukusebenza nzima. Abona bakhethwayo ngabo bakwinkonzo yobuvulindlela kunye/okanye abadala nezicaka zolungiselelo. Ukuba uyafaneleka yaye unokuzinikela ngokuvumayo, bhala ngokukhawuleza ucele ifomu yokusebenza esakhiweni.
11 Inkxaso yemali neyezinye izinto: Abazalwana baseMzantsi Afrika nabamazwe aselumelwaneni bamele banconywe ngendlela abawuxhase ngayo umsebenzi wokwakha esiwenzileyo. Abaninzi babethumela iminikelo yabo ngokuthembeka nyanga nganye ibe basaqhubeka besenjenjalo. UYehova uyabavuza abo babonakalisa umoya onjalo wokungazingci.
12 Oku kwandisa kuza kudla izigidi zeerandi. IQumrhu Elilawulayo liyaqonda ukuba abazalwana balapha abanakukwazi ukugubungela zonke iindleko, ngoko lithembise ukusinceda kodwa lachaza ukuba linethemba lokuba siza kuwuxhasa ngokupheleleyo lo msebenzi wokwakha. Ukuba wonk’ ubani ulandela isiluleko sompostile uPawulos esikweyoku-1 kwabaseKorinte 16:2 ‘sokubekela ecaleni into asikelelwe ngayo’ veki okanye nyanga nganye, siqinisekile ukuba kuya kwenziwa umnikelo obonakalayo wokuxhasa lo msebenzi wokwakha ubalulekileyo.
13 Amabandla akufutshane neBheteli nawo anokunceda kakhulu ngokusixhasa ngokupheleleyo sihlandlo ngasinye ibandla lawo limenyelwe ukunceda ngokusebenza kwilungiselelo lokusebenza ngoMgqibelo.
14 Sikhangele phambili ekusebenzeni nabaninzi benu. Ixesha lifutshane ibe isivuno sikhulu. Ncedani nithandazele intsikelelo kaYehova ibe nalo msebenzi wokwakha ukuze siqhubeke sinyamekele iintswelo zasentsimini.
[Pictures on page 4, 5]
Ishedi Yezinto Ezithunyelwayo
Embindini ngasentla: Kuxhonywa uphahla kwishedi entsha
Kulungiselelwa ukwakhiwa kweSakhiwo 7
ISakhiwo 6, (ngasentla) nebhulorho edibanisa izakhiwo, namagumbi amatsha amabini
Isakhiwo saseBheteli esikhoyo
Isakhiwo 6 sibonakala ngasentla ngasekunene