Akarhoxobisi Ekunikeleni Ubungqina
1 Igama lethu, amaNgqina kaYehova, lichaza thina noko sikwenzayo. Singqinela ukubalasela kukaThixo wethu, uYehova. (Isa. 43:10, 12) Ngamnye umele anikele obu bungqina ukuba uza kuba lilungu lebandla. Ngokuyintloko ubungqina sibunikela ngobulungiseleli bethu basekuhleni, obuquka ukuya kwindlu ngendlu, ukwenza umsebenzi wasesitratweni, ukubuyela nokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Sonke sibongozwa ngokufanelekileyo ukuba sizabalazele ukuba nesabelo ngokuzeleyo.—1 Kor. 15:58.
2 Noko ke, amanye amalungu ebandla anezinto eziwasikel’ umda koko anokukwenza. Ukugula kakhulu okanye isiphene sinokubabamba. Izalamane ezichasayo zisenokuba ngumqobo. Oselula usenokuthintelwa ngumzali ongakholwayo. Abathile abahlala kwanti abangenanto yokuhamba basenokufuna ukunikezela. Ukuba neentloni ngokwemvelo kunokubangela abangazithembanga barhoxe. Abanye abavakalisi abakwezi meko okanye abakwezifanayo basenokuvakalelwa kukuba bayasilela njengamaKristu kuba oko bakwaziyo ukukwenza kukuncinane kakhulu kunoko kwenziwa ngabanye yaye kungaphantsi kunento abafuna ukuyenza. Abanasizathu sokuyijongela phantsi imigudu yabo. (Gal. 6:4) Banokuthuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova uyakholiswa xa benikela okusemandleni abo enoba bakuyiphi na imeko.—Luka 21:1-4.
3 Ukufumana Indlela Yokuba Nesabelo: Kuye kwabaliswa amawaka amava abonisa indlela abanye abakwiimeko ezinzima abangayivumelanga ngayo imiqobo ibathintele ekunikeleni ubungqina. Baziyilele iindlela ezahlukahlukeneyo zokunikela ubungqina obungacwangciswanga. Abo bangakwaziyo ukuphuma emakhayeni abo basebenzisa umnxeba ukuvula umnyango omkhulu wokunikela ubungqina. Nawuphi na obatyeleleyo baba nethemba lokuba uya kuphulaphula. Nangona umfazi onentsapho engakholwayo esenokungakwazi ukunikela ubungqina ekhayeni lakhe, uxhakamfula amathuba okuthetha nabamelwane okanye nabanye adibana nabo kwizinto azenza imihla ngemihla.
4 Oselula usenokwalelwa ngumzali ongakholwayo ukuba anikele ubungqina basekuhleni. Kunokwamkela oko njengomqobo ongenakuqatyelwa, usenokubajonga abo afunda nabo nabafundisi-ntsapho “njengentsimi” yakhe yobuqu aze akwazi ukunikela ubungqina obuhle aze mhlawumbi ade abaqhubele izifundo zeBhayibhile. Abaninzi abahlala kwanti baye banikela ubungqina ngokubhala iileta. Abo bashukunyiswa yinzondelelo yobuKristu baya kusoloko bekhangela iindlela ‘zokunganqeni, nokungabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.’—2 Pet. 1:8.
5 Ngokuphathelele isabelo sethu kumsebenzi wokunikela ubungqina, uYehova usibekele umgaqo ofanayo sonke, wokuba, simele siwenze “ngokwasemphefumlweni.” (Kol. 3:23) Nangona ixesha esilichithayo noko sikuphumezayo kusenokungafani, sonke sishukunyiswa yinto enye—uthando lokwenene oluphuma ‘kwintliziyo epheleleyo.’ (1 Kron. 28:9; 1 Kor. 16:14) Ukuba sinikela okusemandleni ethu, asiyi kuvakalelwa kukuba asinakholo lwaneleyo okanye singamalungu ebandla angeloncedo kuba esikwenzayo kukuncinane. NjengoPawulos, ngokwenyaniso sinokuthi “andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni.”—IZe. 20:20.